Title
eng Ipasi E Palamente (IMVO_1885-06-10-i014)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng Pass Law
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-10
Identifier
eng IMVO_1885-06-10-i014
Word Count
eng 705
Print Page
eng IMVO-1885-06-10-p002
Page Spread
eng 2.4-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
Sipulapula tina amadoda eli- bandla liyi Palamente, limisa isiko lase mlungwini, afunzele ekulugogeni ngemiteto yepasi enzi- ma nangapezu kwale ibiko uluntu oluntsundu. Kutiwa siluhlanga lwamasela makupeliswe inkululeko yokuhambahamba komnyama. Le- ngxoxo ibisingetwe libandla lengwe- vu le Palamente ngolwesi-Hlanu (29 May. U MR. BOWKER ute malivumelane ibandla ngeli, ' Ukuzama iqinga lokuncipisa ubusela nokukusela ifama, bonke abantu abamnya- ma abase koloni apa nabangapaya kwemida yayo abangena apa ekoloni banyanze- lwe ukuba bahambe ngepasi xa sukuba besi- ya kufuna umsebenzi naxa bahambayo, aba- ngayifumana kwi ofisi yemantyi ekufupi— ipasi ebalwe epepeni eliyakuba nesitampu esincanyatiselweyo sexabiso lesheleni ezitile, aze ati ofunyenwe engenayo ipasi yoluhlobo apatwe ngokomteto wamadungudwane, lepa- si imele nosapo xa sakuba umntu lowo mnyama afudukayo. Ute u Bokolo, akufu- nek' enze inteto eninzi kuba bonke bemxelo mnye ngendawo yokuba bupeliswe ubusela, neqinga abanokulilinga mabalilinge kwango- ku. Ububanzi belilizwe buyarora ngenxa yobusela babamnyama nangenxa yokuha¬mbahamba kwabo ngapandle kwepasi. Kwi- ngqungqutela ya Mabulu eyayise Bobofolo kwagqitywa ukuba kwabiwe ipasi ezine- sitampu. Ezipasi kuhanjwa ngazo ngoku aziuamsebenzi. Ukuba bekungengenxa yo Kafile, igusha zamafama ngezingenalukwe- kwe, ngekungeko nokubalela kwelanga, ku. ba ukuba bebenokuyilalisa impahla pandle ngelungeko ukwekwe, nengca ngeyinganya- telwa ngenyawo njengokuba kunjalo ngoku. Lenteto isekelwe ngu Mr. Meurant no Mr. van der Heever. U MK. EBDEN ute kuye ibandla ngeke li- tandabuze ngapambi kokuba liyamnkele le- nteto. Ayinto yimbi ngapandle kwesikube- kiso kwabantsundu, into ati yena ayifanelekile. Ewe, mabahambe ngepasi abantsundu ukuze zazi imantyi indawo abasinga kuyo nento abayihambelayo, kodwa makungenziwa nanye into yokubacapukisa njekodwa abantu abamnyama. Kuvakala ukuba Umpatiswa Micimbi Yabamnyama ute, omantyi mabanganiki mvumelo yakuhamba nakuwupina umntu omnyama ngapandle kokuba avunyelwe e Kapa. Lento yena uyibona inzima, ikucita ixesha kodwa labantu. Asingabo abantu abamnyama bodwa abebayo, nabamhlope bayeba. Uyicasile yena lenteto. U MR. MEURANT ute yena uvumelana rnpela nenteto ka Bokolo. Uneminyaka emashumi mahlanu epakati kwabamnyama. Oko ebeyimantyi ubeke afumane ipasi ezibalwe ngo Kafile ngokwabo. Ukafile ufundisiwe imfundo yake uyisebenzisele ekubaleleni ipasi abahlobo bake. Okafileke abazisebenzisi ezipasi ezintweni ezibalwe kuzo kodwa bafumane babadule ezweni ngazo, bafune indawo ezinempahla enokubiwa. Akabonike ukuba kuko bunzima buni obuyakuvelela abantsundu xa bavumelene ngalenteto, emakati oku kuyakuhanjiswa kwelase Maxoseni kupela. Amafama elo langase Kapa awazi nto wena ngokupangwa imihlambi yonke yenkomo. Olu lubo lelona lishwa likulu lelilizwe. Makubeko into eyenziwayo ukuxobela amafama. Oku kufunwa ngabo bonke abantu belilizwe, abanyulwa bendawo ngendawo bavumelana e Bobofolo ngalendawo. Yena uyakuxasa u Mr. Bowker. U MR. SCHERMBRUCKER ute u Rulumeni uyayazi inkatazo anayo amafama ngenxa yokubelwa ngabantu abamnyama abafumane bati sa nelizwe. Lomcimbi wepasi kukade uxoxwa yi Palamente umana umiswa ngoku. miswa ngamaxesha ngamaxesha. U Mr. Maranti usityele amava ake eminyaka emininzi, no Mr. Bokolo eti masivumelane ngalentetonje wenziwa naye ngawake amava. Nayeke (yena Shambuluka) uke wazikangela inteto ngenteto ezalatwe zintlanganiso zamafama. Uyazike ukuba bonke bavumelene ukuba makubeko into eyenziwayo ukuncipisa ubusela, nokuba imiteto seyenziwe lukuni ngalupina uhlobo akuko busela buyakupela kanye. Kodwa akanakunceda ukuti uyavelana no Mr. Ebden ngendawo yengxakeko azalatileyo. Ezingxakeko ziyakuviwa zifama ezimhlope ngokwazo, ezizicaka ziyakutwala ubunzima bepasi xa sazeke zituny we zinkosi zazo. Nokoke uyatemba uku. ba ilungu elibekekileyo liyakwaneliswa yindawo yokuba u Rulumeni esafukame pezu komteto wepasi omtsha, oyakwanekwa pambi kwe Palamente njengokuba ihlangene nje. Angatike umhlobo wake obekekileyo u Bokolo alinde ude lomteto mtsha ungeniswe kwelobandla labo ukuzeke angenise into ezinjengokuba kunjalonjeke kuyakuxaka ukuba lenteto bavumelane ngayo ungekanekwa umteto lowo. Uyatemba ukuba ilungungu elibekekileyo liyakuyiyekelela inteto yalo. U MR. BOWKER ute utonyalaliswe Kunene yinteto yo Mpatiswa-mihlaba, kodwa angati ukuba lenteto yake yamnkelwe libandla wobona no Rulumeni into eliyifunayo yokuba ipasi zibalwe epepeni elinesitampu. Angavuya ukuva ngo Mpatiswa ukuba kuko ntona kulomteto mtsha epatelele kulentloko. U MR. SCHERMBRUCKER ute lomteto mtsha ulungiselelwa ngu Mpatiswa Micimbi Yabantsundu, engekoke akangi angavakalisa into ezimiselweyo kuwo. Kwanele ngalendawo ukuba u Rulumeni abone into efunwayo. Uyiyekelele inteto leyo u Bokolo, yaba iyapela. Impi Yakwa Qoboqobo. Ngolwesi-Bini (26 May) lomcimbi wa- wupambi kwe Palamente:— U MR. DYER wabuza ukuba uyazina u Ru- lumeni ukuba kuko ukurora okukulu ku Ma. mfengu ase Zeleni nawakwa Qoqoqobo nge. nxa yokuba Umpatiswa-mahlati emise ibaka- na nemida ngohlobo lokuba Amamfeugu ala- hlekane nemihlahlo abeyilima iminyaka emi- ninzi; ukuba u Rulumeni uyazi ngamanyate- lo manina ayakuwatabata u Rulumeni uku. pelisa impambano ezipakati kwa Mamfengu no Mpati-maklati ? U MR. DE WET ute into leyo uke wayiva, ute akuba eyikangele into leyo nesebe lakwa Rulumeni lo Mpatiswa-mihlaba, bagqiba kwe lokuba kumiswe amadoda ayakuba yikomi. tyi, yonake lo komityi iyakuwanika Amamfe- ngu yonke into afanele ukuyifumana.