Title
eng Ezababaleli (ezase Masedonia) (IMVO_1885-06-10-i018)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Ngqungqumbana
SubType of Article
eng Development
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-10
Identifier
eng IMVO_1885-06-10-i018
Word Count
eng 291
Print Page
eng IMVO-1885-06-10-p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
EZASE MASIDONIA. Kimberley 2 June 1885. MHLELI.—Kwipepa elibonakele malunga ne 11 May kubeko inteto etete ngesi- ,-kalo. Ete kum yacukumisa mhlaumbi yagqabuza itumba ekulixesha lidumbile lesimo somzi walapa e Dayimani. Eku- be ngummangaliso ukufumane iti into enkulu kangaka asuke u Mntu Yedwa ayenze intwana encinane kangaka, enda- weni yokuba enze umtyangampo obanzi. Kambe makabulelwe axolelwe noko afu- mane wenza unomagwevu Kuba makabe akanexesha lide elapa, nakuba ehle wazi- bona ukucubeka kwezinto zalapa ukuba zinxamnye kwezo ake azibone. Ke ma- nene akowetu nam ngokoyika ukutabata isituba kwelipepa libekekileyo lomzi wa¬kowetu lezidwangube, sendakwenza ku- fupi. Kwindawo yokuqala ndineminya- ka ndilapa ndibona ukuqutywa kwemi- sebenzi yonke yalomzi. Yonkeke ayixo- lisi mntu kontsundu,—andifuni kugaba dela, masendingena kulo umandla wesi- kalo. wona ude waba semanqineni ku- yo yonke into, nditetela kwicala laba- nmyama; kulapo intlanga zikona apa zabantsundu, zaye zinjalonje ubuninzi bazo zezingazange zive nento ngo Mdali wazo ; nakuba llizwi liminyaka ilishumi elinesibini nelinantatu lafikayo apa, unga- ti uke wateta ngo Tixo bamangaliswe ku- ba bengazanga bamva. Kwatunyelwa indodana entsha kunene umfo ka Tya- mzashe engomnye wabafundisi bokuqala oweza kwelilizwe njengomsebenzi esidiliyeni senkosi. Nto ikoyo yayingeko lelopomela letyalike qa, ngapaya akuko nto yimbi. Asinakunceda ukuba inene singayixeli njengoko injalo. Ndilusizi mzi wakowetu, kuba ndizele ngapakati ngokubona lemipefumlo imana ukuya kutshona kulankalo yakwakufa ingenabuyainbo ingazanga yeva ngo Mdali wayo. Ukutsho mzi 'wakowetu ndiswele imilomo eliwaka yokulilela lomzi ngemipefumlo engaka esaya kulahleka. Ongaba ezizinto akazikolelwa, kulowo nditi, yiza kuzibonela. Kuba namhla nelogcudwana beliko alinabani, lisisulu soku- ngenelwa ngama Xwili ne ngcuka, kuba abanye sebesiva ngendaba ukuba de leelard es weg, nditeta u Rev. Tyamzashe angaba waziwa ebandla apo amagunya avela kona. Sikohliwe nokusitandazela esosicaka ukuze nomsebenzi waso ucume apo siya kona, ti bo into enje isimangalisile yokungati ugxotwa yinto umhlau- mbi ubaleka isilo. Make ndipele okwa- namhla ndisavele ngonwele.