Title
eng Iveki (IMVO_1885-06-17-i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-17
Identifier
eng IMVO_1885-06-17-i023
Word Count
eng 546
Print Page
eng IMVO-1885-06-17-p002
Page Spread
eng 2.2-2.3
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
IMITETO emitsha engepesheya kwe Nciba inikelwe yi Palamente kumadoda atile elobandla ukuba abuye ayicedulule. Lomanene ngo Mr. Upington, Mr. De Wet, Sir Thomas Scanlen, Mr. Sauer, Mr. Innes, Mr. Laing no Mr. Du Preez. UMBONA, ingqolowa, umgubo namazimba ezonto ziyenyuka. Imbewu yehabile inyuke kakubi ngase Monti abanayo babiza £2 nge- ngxowa. NGOLWESi-Bini lweveki edlulileyo kufunyenwe ngase Monti imviko zibetelwe ema. caleni ezintsimbi abamba kuzo uloliwe; oku kwakwenzelwe ukuze awe. Awakafunyanwa amabedengu awenze oku, kodwa ayafunwa. AMA Russia kuvakala ukuba anga angano- ngamehlo awo e Afghanistan, ayakala nge ndawo yokuba izixeko zama Afghan zakelwe indonga ngama Ngesi. KUKO inteto yokuba inkosana ezitile zama Afghan zicinga ngokuzimanya nama Russia. IPALAMENTE igqibe kwelokuba uloliwe lo usuka e Monti uya e Aliwal angahlanganiswa nalo usuka e Bayi uya e Colesberg njengokuba abanye bebenga kunganjalo ; kodwa kumiselwe ukuba kekutunyelwe ouocanda kwakona. AYIPXLILE yona inteto yokuba ezinye ntlanga zapesheya zisebenzela ekuhlanganeni zincipise amandla ama Ngesi e Yeputa. INTETO ebike yavunywa libandla elilaula- yo lase Transvaal yokuba bonke kwelo aba-benga umhlaba ungebuyeli kuma Bulu banga- bapatiswa micimbi yakomkulu ibuye yabu-yiselwa emva. E TEKWINI, e Natal kuke kwako isipitipiti ebesidalwe ngamajoni ngayo leveki idluleyo. Kugwetywe inkosana ezimbini zawo kwana- majoni amabini, ateke atunyelwa entolo-ngweni inyanga zontatu ngu inantyi. Kupume ikulu lonke lamanye lixobile laya kumapolisa awayequba ababanjwa abo. Ade acitwa ngamapolisa aya ezibalakisini epitizelisa eyinto enye. IRAFU z yanyuswa e Free State ngenxa yokr.sweleka kwemali ka Rulumeni. IMANTYI yase Freyburg kwela Barolong ngu Mr. Dekker. KUGALELEKR e Mafikeng kwela Bahlambe- li ngolwesi-Ne iqela lama Jamani ekutiwa lelihamba fihlola 'umhlaba litunywe lulaulo olukweluse Yuropu. IMALI erolwe lulaulo Iwase England kolu lose Kapa, ngokutwalwa kwemikosi ngololiwe £26,000. ULAULO Iwapesheya obelonganyelwe ngu Right Hon. W. E. Gladstone lupumile, kuba lu dlulwe ngamanani kwimali yokuhambisa into zolaulo obeluyicela kwi Palamente. Abaxase u Rulumeni babe 252, abebemcasile banga 264, kulevoti alikulu elinamashumi mabini. U CAPTAIN MILLS ongumlungiseleli wemi- cimbi yelilizwe e England unikwe iwonga yi Nkosazana lokuba ngu Sir Charles Mills, K. C. M. G. NGALEVEKI idluleyo kubonakala impi etile entsundu yase Komani ibingxamelene bukali nepete ubupolisa. Lomhlambi ubinqele ukudala induma, nokupanga abahambayo ezitarateni EZIMVULA beke zabikwa kwelase Bolani zenze ulonakalo olukulu. Intombi nonina beyele kwi Olifant's Rafile. Kufe inciniba ezi 180 nento eninzi yenkomo namahashe. LEVEKI edlnleyo ibiyeyentuli ezinkulu. Abase Mbo bati lenyanga ngu Ntulikazi. NGALEVEKI idluleyo kusuke isicelo e Kok- stad sibalwe nga 320 abantu situnyelwe kwi Ruluneli yase Natal, ngama Ngesi uku¬ba ubandakany we nelo ngolaulo. NGOKUTELEKELELA kuka Mr. Sprigg u Mgcini-ndyebo wakwa Rulumeni kulindelwe ukuba ngalonyaka uzayo imali yakwa Rulu. meni eyakubutwa ihlanganise £3,530,000 eya- kucitelwa indleko £3,472,000. SELEQALIWE ukusetyenzwa uloliwe pakati kwe Kimberley ne Dutoitspan e Dayiman. U MR. GOODMAN, wase Herschel, e Gqili usetyaleni ngokutengiga imipu ngapandle kwepepa lemvumelo. Umelwe nge £1000. I RULUNELI yokuqala ye Kongo iyakuba ngu Mr. H. M. Stanley. U MR. W. B. CHALMERS uyakupata kwa Adam Kok de kube sekupeleni kwalenyanga. Uyakuh'la ukuza apa ekuqaleni ko July. ULAULO olutsha lwapesheya luyakonga- nyelwa ngu Lord Salisbury. Obelonganye- Iwe ngu Mr. Gladstone lupumile. IMPI yabo banga i Natal ingazilaula ngokwayo njengekoloni le ifunyenwe ikwi 218 ekucasileyo oko 282, U Mr. Escombe no Mr. Greenacre barozile ekubeni ngamalungu e Palamente ase Tekwini kuba bona benga i Natal ingapatwa e England. IBANKI pe Post Ofisi ivuliwe e St. Marks e Sidutyini. IMAYILE zentsimbi zokuhamba uloliwe zi- dlule eshumini kulandlela isuka e Gqili iya e Dayimani. IPELE kanye ingqakaqae Kleinpoort ngase Tinara. IZIKOLO zangapandle zivalwa ngolwesi- Hlanu 26 June. ISIKOLO sentombi sase Ncemera sivalwa namhla 17 June. ISIKOLO sasenxukwebe sivalwa ngomso 18 June