Title
eng Native Opinion (IMVO_1885-06-17-i024)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-17
Identifier
eng IMVO_1885-06-17-i024
Word Count
eng 1551
Print Page
eng IMVO-1885-06-17-p002
Page Spread
eng 2.3-2.5
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 5
Coder
eng Sipile Nqiyama
NGOLWESITATU, JUNE 17, 1885 UMYEZO KA NABOTI. ILUNGU lase Komani e Palamente, elingu Mr. Du PLESSIS unike isaziso ku Rulumeni sokuba woke abuze ukuba uke wevana ukuba into eninzi yabantsundu abebese Xonxa bafudukile, bazitshabalalisa izindlu zabo, baya kwezinye indawo ; ecinga ngokuwupata ngalupina uhlobo umhlaba lowo ushiyiweyo. Into yona yokuba kuko abantsundu abafudukileyo e Xonxa ayipikwa bani abafuduke kulondawo kupela, kuba kuseloko iyimiqodi imfuduka kulo lonke ngenxa yalebandezelo ikoyo. Sibona kanjako ukuba akuko ndawo ike yaze kanye ngenxa yemfuduka ezo, kuba kwakamsinyane besukile abanye kwakamsinyane befikile abamnye ezindaweni zabo. Lombuzo ka Mr. Du PLESSIS asimbuzo nje. Wonko uyazi ukuba ama Bulu ase Komani seloko enza into enye efuna ukuba impi yonke emele i Xonxa ifuduswe, nakuba inexesha elide abati abanye elo lalimiwe ngaba Tembu kwangomnyaka we 1820. Kakade into abuyifunayo kukuba licandvye lenziwe i Mokolo eziyakutengiswa kuma Bulu ngokwawo. Wena waka walesa ibali lesidiliya sika NABOTI esasiginyelwa amate ngu AHABI linjalo kanye i Xonxa kumafama ase Komani Ngamanye amaxesha ake ada ati ama'qakamba afuna befudusiwe aba Tembu ngenxa yokuba beneminwe emide impahleni yabo. Kude kube lolwanamhla akubonakali u Rulumeni ukuba ude watabata ibakala mayelana nababantu, abahleli bona besiti banqabile kulomihlaba yabo ngendawo yokuba kukade beyimi, enye into baqiniseIwa ngamadinga ka Rulumeni kuyo. Kute kuleminyaka idluleyo batshayelwa abanye ngu Rulumeni kwindawo ezinjengo Ndonga esiti uza kwenza indlela kaloliwe eya kumalahle ase Ndwe. Kuvakala ukuba lonto yendlela seyiyekiwe, kodwa abantu ababuyanga bavunyelwe ukuba babuyele kwindawo zabo. Imigulo yabo ayibonakali ifumana kwenziwa ngu Rulumeni ; bahleli ke ekungaqondini, okubange ukuba bafumane badola mayelana noku hambela pambili, bayekelelake nase ntlalweni ekungenguwoke umangaliso ukuba abanye bengakatali kutabata into zabamelwana babo. Mabe mhlaumbi abayazi abalauli into edubula kokukumiwa komhlaba ngabantsundu okungaqiniselweyo. Singake salate kwingxelo yenene abati ngu Mr. W. J. HUGHES engasisitile ebonakala kwincwadi yonyaka enge Micimbi Yabantsundu. Siziva tina imvo zonke zelinene alimhlobo mkulu wabantsundu. Uti kulongxelo ngenxa yokuba bengena ngqiniseko yokuba umhlaba ngowabo asingowabo sinina, basuke abantu ' baziyekelela, abakatala ' nayintonina abayenzayo, nokuba ' yintonina eyakubahlela ngexesha ' elizayo.' Okuke kutetwa ngabantu abafaneleke kunene aba Tembu!—abantu abangati bepetwe kakuhle babekiselele pambili ngohlobo olungummangaliso. Ngenxa yokuba njeke into eninzi yomhlaba ihleli ngapandle kokulinywa ngenyameko, isizwe sonke siyekelelwe ekutshoneni ngenxa yokuncama; isipelo sako konke oku kuyakonakalisa nentlalo yabanye abantu. Siyambongozake u Rulumeni ukuba anikele indlebe kwisikalo saba Tembu kulomcimbi. Mininzi eminye imihlaba yabantsundu emiwe ngoluhlobo lokungaqiniseki, ababe- yinikwe zi Ruluneli zakudala zati yeyabo, ekutiwa namhla ngo FARO abangamaziyo u JOSEFU yimihlaba ka Rulumeni, bayiminje—u Rulumeni engabafudusayo naninina mhla atandayo. Ingqushwa ngomnye walomihlaba, namahla izele ngama- gwangqa anefama ezinetaitile. Nje- ngekatike zase ntsomini ulilela u Rulumeni ke namhla umhlambi ontsundu uti: ' Metsho ' metsho! ' Kwanele. Besingazi ngapambili ' ukuba izwi lako alinamsebenzi xa ' lingaqiniswe ngandleko zonocanda, ' nesikumba esibaliweyo. Sowusi'qinisela ngoku kwezo ziqitana ' sisenazo, siyakwaneliswa. Kakade ' singa ungasiqinisela ngolohlobo ' luyakubonakala ngokuqinileyo ku' we. Oko tina savumelana nawe ' ngako ezintlanganisweni kwakwa' nele kuti. Sibona namhla ukuba ' kwakunganele kuwe.' Elotsha we kwalaulayo loze liwugqibe lomcimbi lofanelwa ligama lokuba ngumhlobo wenyaniso we Koloni. Abantu bakowetu ngabantu abawugqalayo kunene umda, ebekungatiwa ngokwama Roma ngabanquli abakulu botixo wemida u JUPITER TERMINALIS, xa kutiwe mhlope nguwo lo owenu umda wugeineni, ningakatazi abamelwane benu, bangawunonelela. Aba Tembu bafanelwe ukupulapulwa, indawo yokuba kukade bewumi lomhlaba ibonisa ukomelela kwesikalo sabo, enye indawo bawumi ngamadinga ka Rulumeni. Esitembayoke ukuba impendulo ka Rulumeni ku Mr Du PLESSIS nakweminye imibuzo enjalo iyakuba kukufeza imfanelo ngalomandla abanawo, asikuko ukuba kwenziwe ngeziqula I Palamente ne Pasi. KWIBANDLA LEKABA. Kwingxoxo zomhla we 8 June, sitabata le ingepasi epatelwe kuti bantsundu : U MR. DE WET ucele ukuba ibandla livu- melane ngendawo yokaba umteto omtsha wepasi useuyekwa. U Rulumeni ufumana ukuba mauseuyekwa lomteto ngenxa yenteto zamadoda ngepesheya kwe Nciba, ezinga- dala izipitipiti ezintlokweni zabantsundu. Ngendawo yokuba seliko kakade imiteto emitsha emitatu esingetweyo libandla epa- telele kwimpi entsundu, akubonakali ukuba lomteto ubesakangelwa, u Rulumeni akangi angenza nento enye yokubandezela ontsundu. Bekuya kuba kapukapu ukuwenza lomteto mtsha, kodwa kuba bengafuni kupi- tizelisa umhlambi ontsundu bagqibe kwelo- kuba useuyekwa lomteto mtsha. U SIR THOMAS SCANLEN utonyalaliswe kunene yindawo yokuba U'mpatiswa Micimbi Yabantsundu etabate lendlela yokuwubuyisa urnva lomteto ; kodwa ayimane- lisi indawo yokuba kohlwaywe inteto zamadoda ebandla. Mabasebetungwa imilomona kwelobandla xa kufuneka ubungozi behambisoka Rulumeni butyiliwe? Uyayipika into yokuba umteto ubuyiswe umva ngenxa yenteto zamadoda ecala lake kuba kusitiwa ziyakuduba ingqondo zabantsundu. Ukuba kuko into ebiyakuziduba ibiyakuba ngulomteto, kuba engakumbuli ukuba kuko mteto wabu- koboka. unjengawo owaka wabekwa pambi kwalo Palamente. U MR. WILLIAM AYLIFF ute mayinga- lityalwa libandla indawo yokuba ifuneka kakubi ipasi kwelilizwe, enakuba engenaku. yikanyela into yokuba u Rulumeni wenze ngobulumnko ukuwubuyisa umva lomteto namhla, kodwa liyakufika Iona ixesha lokuba baun.ise umteto wepasi oyakuhanjiswa. U MR. MERRIMAN ute zonke izizatu zo- kucaca imiteto leyo mitsha ezivakaliswe licala labo lebandla zikwazezo zavakaliswa ngu Mpatiswa-mihlaba(u Mr.Schermbrucker) xa wayependula igqugula laba Picoti Masiko Abantsundu. Lati elonene (u Mr. Schermbrucker) umteto wepasi uyabandezela awufuneki nganto; wayekolwa oko kukuba kubeko intloko ekuyakukangelwa kuyo ngabantsundu bonke pesheya kwe Nciba, nezinye izinto ezitetwa ngabo belocala lake (yena Merriman). U MR. DE WET ute akatshongo ukuti zinteto zamanene lawo acasene nabo ezibanga impitizelo, kodwa kuko into ekutiwa ngamapepa endaba acasene nolulaulo lwabo, nababalela amapepa, ubebekiselele kulomhlambike xa ati kuko abapitizelisi bengqondo zabamnyama. Ukuba umteto lowo bebenga ungake uhanjiswe pambili ubeya kuwubeka ezandleni zamadoda atile ukuba awucinge, kuba naye ebona uknba unengxakeko. Lomteto ubungeniselwe ukukolisa intlanganiso zamafama, kodwa njengokuba kubonakala upitizelisa abantsundu maungabisa hanjiselwa pambili, okanye ngalonyaka, kuba bengangi bangambandezela nakancinane ontsundu. / U MR. SAUER ute incazo asand' ukuyenzaUmpatiswa Micimbi Yabantsundu ayi- yikwelelisanga imvisiso yenteto yake yokuqala. Uselete lomteto uyakubuyiswa ngottva ngenxa yenteto ezibeko kwelobandla ngexa elingapambili, ngoku uti ubekiselela kumapepa endaba axasa I cala labo ngenteto. Umteto obunzima bunjengalomteto wepasi awuzanga wabe kwa pambi kwe Palamente yabantu abakanyiselweyo, ngapambili, ukuba ubuke wabekwa ngu Rulumeni pambi kwabo ubeya kuwucasa ngamandla ake onke. U Mr. Upington ubeposisile ukuti lemiteto mitsha isekwe pezu kwengxelo yaba Cedululi Masiko. Abacedululi bati bona mayipeliswe kanye ipasi, no Mpatiswa Miteto u (Mr. Upington) wayivumela lonteto ngokubeka igama lake. Ukuba lomteto ubuke wapumela ubuyakubanga ukuba omnyama angabi nakuwushiya umnyango wendlu yake ngapandle kokuba abe upete ipetshana lakwa Rulumeni. Nokuba ngokwenjenjalo wofumana ukunconywa sinina makakalime ngakwihambiso enje yokubandezela omnyama. Kuko abati ipasi zenzelwe ukukusela omnyama njengokuba zinjalo e Russia, eyase Russia ayinjengokuba le yabamnyama injalo. Enye into angayivisisiyo kukuba kutiwe lomteto uyekwa kuba kusoyikelwa ingxoxo zamadoda elobandla. Selewufakile umbuzo u Sir T. Scanlen ukuba ngoku bazakusikwa umlomo ngokwe nkuku na, ngokusuka u Rulumeni ati mababenjalo ? Oko ibingabo abalauli ubengenjenjalo Umpatiswa Micimbi Yabantsundu, xa kutetwa ngehambiso yabo kwabantsundu. Akazanga yena wariza koko kuba ecinga ukuba yimfanelo yelungu ngalinye ukuba litete xa libona ukuba u Rulumeni u yaposisa. Ngapandle kwako konke oku inteto zabo ngemiteto emitsha epatelele kwabantsundu ibipole ngokungumangaliso. Namhla babona imiteto ibuyiswa umva ngokuba kusoyikwa ukuba ixoxwe. Uyatemba ukuba abakubuye bayive lonto. U MR. LEONARD ute amaluugu elocala labo (lakwa Sir T. Scanlen) axoxa ngokuzolileyo. Atnalungu olaulo akubonakali ukuba ayayiqonda ukuba eyona mpitimpiti idaIwe kukusuke bashicilele lemiteto mitsha. Akuko mteto ubunzima bunjengalo wepasi waka wane kwa pambi kwe Palamente. Ukuba lomteto ubuke wahanjiswa ubejakubonisa ukuba ucasene nemiyalezo ye Nkosazana yamhla yanyula i Ruluneli. kuba ingumteto wokubagxota abantsundu. De abe ute otnnyatna waya kuzicelela ipasi kumpatiswa otile wakwa Rulumeni ubengasakuwupefumla lomoya ka Tixo kwelilizwe ngapandle kokuba abesesicengeni sokutunyelwa entolongweni. Ubengalindele ukuba naupina u Rulumeni ubengati mabauxoxe nokuxoxwa oku umteto onjengalo. Ngumteto wobukoboka kanye ekwaka kwatiwa mauhanjswe kwabantsundu belilizwe. Kuvunyelwene ukuba ubuyiswe ngomva. KWIBANDLA LENGWEVU. Lite ibunga lengwevu lakuva ukuba eli-ngezantsi liyicitile ipasi layitabata. Yiyole ingxelo : U MR. BOWKER ute ibandla malivumelane ngendawo vokuba bonke abantsundu abakule koloni nabazakungena bazifnmanele ipasi kwimantyi zezitili zabo xa baza kuhamba ebalwe epepeni elinesincamatiselo sexabiso lesheleni ezitile, ipasi yolohlobo ibe yeyokukusela indoda nosapo Iwayo oluncinane xa sukuba abantu abo befuduka. Akangi angalwa noRulumeni ngokuyingenisa kwake lenveto. Amafama enzakele kangangokuba ebeselecinga ngokuzohlwayela abangenazipasi. Be Rulumeni ibonakula injengaleyo yapesheya isand' ukuposwa yindawo yayo, ngokoyika ukubamba iqinise kulempi imnyama. Ubehlala yena esiti umteto wokuqala wemvelo kukuba umntu azikusele, kodwa ubona yena ikukasela katile. Uyatemba ukuba elobandla liyakumxasa kuba kufuneka kuko into eyenziwayo ukuxasa ifama. ' U MR. NEETHLING waleke indawo yokuba ingabi mantyi zodwa eziyakunika ipasi kodwa ne Field-cornet nabanye, may lyekwe into yentlaulo yemali. U MR. BURGER uxase u Bokolo. U MR. MEURANT ute into abeyiyo Amaxosa ngeminyaka emashumi mahlanu edlulileyo aseyiyo nanamhla. Ukumbula izinto ebeke zihle ngapaya kwemfazwe mlanjeni oko amafama ebepangwa amacalana onke, aze ati amafama akudubula amasela xa abalekayo afakwe entolongweni. Wazi ngamanye amafama awalahlekwa ziponti ezingamashumi asibozo ngokuzitetelela ezi ofisini ; into ebezingehli futi ngezomini zihla imini nezolo namhlanje. Makubeko into eyenziwayo. Okafile tnabanikwe ipasi eziyakukupelisa ukut'umane bayilate ababantu behamba behlola into abangazibayo zamafama. Kutiwa itnihlambi yamafama mayilungiswe akusakunceda Into ukuyilungisa xa ipangwa ngokafile. U MR.EBDEN ute siyavumelana ngendawo yemfuneko yepasi elungileyo kwelilizwe. Ipasi iseloko iko; into efunekayo yipasi engasakubanga ukuba kubeko ababali abangengabo ; akavutnelani nepasi eyakuba nendleko ze statnpu neyakubanga ukuba ontsundu angabi nakuhambahamba. Ipasi mayibe yefanelekileyo. U MR. HOFMEYR ute ipasi engenamali ihlaulelwa yona ayinamsebenzi. U MR. DE WET ute makaxele mhlope ukuba eli asililo ixesha lokungenisa ipasi enerafu kwabantsundu ngokuba iyaku- baqumbisa abantsundu. Akaboni kakuhle ukuba ipasi neyalupina uhlobo iyakubupelisa ubusela. Kunqabile ukuti ngulo omnyama ofanele ipasi ngulo ongayifani leyo ngokwale miteto ikoyo ngoku. Ukuba lemiteto ikoyo iyahanjiswa akuko mntu umnyama ungafa- nelwe zinifanelo zezimatnhlaba. Yitnvelo yomntu omnyama ukuba. Umfo obayo uya- nconywa kowabo. Akanasalelo u Rulumeni ngalenteto ipambi komzi eyakubanga inka- tazwana nendleko, kod wa unga angazi nga- kumbi ngayo lento ukuba kuyakufuneka isitampu sodwa na. Uko wona umteto ome- le abantsundu abangapandle kwe koloni kodwa knlungile ukuba ngoku bangamiseli pasi inamali. Lenteto nento etetwe ngu Mr. Neethling yamnkelwe.