Title
eng Ezababaleli (abantsundu E Dayimani) (IMVO_1885-06-17-i026)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Tandinyaniso
SubType of Article
eng Politics
Language
Locations Mentioned
eng Kimberley
Date
4 June 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-17
Identifier
eng IMVO_1885-06-17-i026
Word Count
eng 247
Print Page
eng IMVO-1885-06-17-p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
ABANTSUNDU E-DAYIMANI. Kimberley, 4 June 1885. NKOSI — Ndiyakucela ndinyamezele, ndinomnqweno wokunga ndingake ndinike impendulo yam ngokuzeleyo kweli nene lase Kimberley, elingu Tshananda Bolilitye. Lomfo ngati entetweni yake unokundazi isiqu sam, nentlalo yam,' kuze kuti kwamanye amazwi kubonakale engati akandazi kakuhle. ngendlela yokuzipata kwam, kungengoku kwelixesha likoyo. Ngoba ngokunje, uselete yena ngokwake, ndifanele ukwenjenje kuba ndincenceshelwe, wateta ilizwi eli- fana neliya latetwa ngu Satana ngo Job, ewati, kungokuba u Tixo emkusele lento alungisayo, kanti noko akubanganjalo, waxoka ngokuba akayazi inyaniso; nditi ke lumnka ungabambi isisila sehobe, njengo Satana lowo. Umntu akangepili ngesonka sodwa, kodwa ngazo zonke izinto ezilungileyo. Unina wobusela bubunqenera; anditshongo ukuti bonke abantu bayilonto. Ndati, amakoloni ati asakufika apa afune inzuzo, ngendlela zobuhlitilili ezingasiyiyo indlela yokuba- nceda, kwazake ngoko kwako lemiteto ikalisayo. Nditike, maxa nditshoyo, ngubanina oyakuti ukuba igusha zake ziyabiwa angalifuni iqinga lokuzigcina ukuba zingamlahleki, oko kutshoke anditi nditi makwenziwe imiteto yoku- bandezela, anditsho nokuti makungenzi- wa miteto, ngokuba umteto yinto elu- ngileyo nencedayo. Abalungileyo bona banguwo umteto ngokwabo,; enye into anditsho ukuti amagunya awenziwayo, enziwa ngokulunga onke kwabo sukuba esenziwa kubo. Kanti anditsho nokuti awabafanele bonke; kwenye indawo ndi- ti umntu ovela omnye umntu, uti aku- bona into esukuba iyingozi, ati lumnka wafa; ndandiba ndenza lonto, ndisiti uzulumnke sekumbiwe imingxuma endleleni likaba. Ndibake ndiyakuvela ngokuti mhlaimbi ungofikayo apa, kanti utanda ukumfamfata njengemfama. Andikupikisi kulamazwana amalunga ekugqibeleni. Kunjalo ngoku, abake bafika sekunje, musa (ukuzifanekisa) okanye musa ukuzifanisa no Nxele, no Mlanjeni, no Nongqawuse, no Mhlakaza, ababangabaziseleli' bezimanga, ababanceda abo babalandelayo, naweke mhlaimbi bobako abakuland elayo,—mandipeze