Title
eng Ezababaleli (umbulelo) (IMVO_1885-06-17-i028)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Madlangendlela
SubType of Article
eng Appreciation
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-17
Identifier
eng IMVO_1885-06-17-i028
Word Count
eng 104
Print Page
eng IMVO-1885-06-17-p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Sipile Nqiyama
NKOSI,—Kaundifakele lemigcana imbalwa pakati kwamanene akowetu enzayo umbulelo malunga nepepa le Mvo Zabantsundu. Kuyandivuyisa ukuba amanene akowetu liyawavuyisa elipepa; ndingomnye wabo bavuyayo. Ndiyatemba uninzi kwanalo luyavuya njengam, nabangauvakalisiyo lombulelo. Ndingati ndivuyiswa kukubekeka kwalo nokuzola, nokuhluma kwalo ; nditsho kuba ndiliva ligqitisile kwelase Dikeni, nakwelase Rini. Ngokuba lamapepa bebekalaza kanye abantu ngokukubekisa amanene namanenekazi. Andazi ibiyiyipina into ibiba kubekisa. Ke kweli andikeva nto isikalazo ngalo. Mandigqite kulondawo nditsibele kuwe Lawo lika Jabavu, Vungama' eteta, Nkwal' eti ukupanda yoneke Hash- eliti ukupala lolule. Dad' eliti ukndada linquml' msinga, Ngokukaba ati amanye ukudada ehlise umlambo, Ntak' emapiko made ukukusela abakowayo Kulondawo hlungulu lakowetu elimnyama. Elikanya ngekala yodwa. Taru ngamazwi amade. Ndim