Title
eng Ezababaleli (abantsundu Ne Bhotile) (IMVO_1885-06-17-i033)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
SubType of Article
eng Alcohol
Language
Date
8 June 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-17
Identifier
eng IMVO_1885-06-17-i033
Word Count
eng 161
Print Page
eng IMVO-1885-06-17-p003
Page Spread
eng 3.3
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 3
Coder
eng Sipile Nqiyama
MHLELI wendaba zabantsundu mandike ndifake lemigcana imbalwa Zcwelopepa lako libekekileyo lamanene, kendiqale ukwenza intsusa lunyawo, kuba andizanga nditumele nto, kunjalonjeke kuko into endenza ukuba ndibale. Ndafumana inteto etile kwipepa le Cawa engapaya kwincwadi endandike ndayifumana ngapambili, namhla nditi ndihleli ndimane ndisotuka, nditi ndiselukukweni, nditi namhla Inkosi izakusibuyisela ukutinjwa kwetu; kodwa ndiyatemba ukuba namhla intlanga zakowetu ziyakuqala ukuvana, kuba ngenxa yobutywala, woti umfo umhlaumbi aputume umfazi wake kanti akufika kutiwe umyeni ufikile, yeka mhlobo warn, kanti lonto kufuneka uswazi ibotile enkulu, yeka afike amadoda azakuteta nalomfo, uyakuva sekusitiwa unalona uswazi, kutiwe ewe, kuba kaloku uyazi naye ukuba alinakutetwa elityala lake ngapandle kwebotile; yekake mhlobo wam malitetwe kuselwa sike apa kuqale uyise wentombi, kumiwe ngezintya, uve sekusitiwa ngubani lo? akaziwa nokuba ngubanina, ziti izikuni zipambane atate isikuni uyise kwanomyeni, kwangokunjalo mzi wakowetu ndadinwa ngulomyeni ungu Gqetevu ndapendula ndipendule. Mzi wakowetu luyapela uhlanga luyatshabalala, akwaba Inkosi ingasibuyela ngotando nangenceba uhlanga lungatshabalali. Ndixolele Mhleli ndingakukatazi ngenteto engento, abayakuti abaninzi bayidele, nawe mnumzetu kumhla ndikukatazayo. Ndim owako