Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-06-24-i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
SubType of Article
eng Hunger
eng Poverty
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-24
Identifier
eng IMVO_1885-06-24-i017
Word Count
eng 616
Print Page
eng IMVO-1885-06-24-p002
Page Spread
eng 2.2-2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
NGOLWESLTATU, JUNE 24, 1885. INDLALA.. UCINGO luxela ezokuba kube kuko ingxoxo e Palamente engokufunelwa kwabantsundu indawo zokuma ekubeni abanye bendululwe ngokomteto omtsha we lali. Pakati kwalengxoxo u Mr. SPRIGG kutiwa ukanyele indawo yokuba kusitiwa abantsundu bayalamba, watsho wati nandawo bangalukangela kuzo uncedo ikwangamagqugula apete imizi ngemizi emelene nabantu abantsundu. Kambe lenteto sesite ize ngocingo—into eti amazwi iwenze izishunqu, angati kanti u Mr. SPRIGG akatetanga njengokuba kutiwa utete njalo : kuba tina sisiti yimfama yenyaniso ongaba akakuboni ukuswela komzi ontsundu ngezimini. Opikayo angake ahambele kwindawo ezinjengoma Ngqushwa, ema Tamara, ema Xesi singateti nto ngesingazibonelanga ngawetu amehlo ukuze abone intsizi abakuzo abamnyama ngenxa yendlala. Ixesha eli lonke amawetu ebelima kanye ngonyaka. Oko amaxesha ebesalungile, bengatengi zinto zininzi waupile ngapandle kokulila, xa singateti nto ngentwanantwana zempato. Ateke ngoku amaxesha anto yimbi. Amalanga awoyikekayo emi ngakunye. Abantsundu ke namhla batwele ubunzima obuhlala butwalwa ngabantu abalima ntonye ngonyaka nakwamanye amazwe, ekuti kwakutshabalala okukudla kanti akuseko nto yimbi baqamele ngayo—mabasebe bekisa umtyiso ezantsi. Lontoke ityatyamba ekucitakaleni kwemizi nentlalo yonke yoluntu iqale pantsi. Mayibe idlule esitandatwini iminyaka bebandezeleke ngakunye abantsu_ ndu bengazanga bavuna isivuno esizeleyo. Kubuhlungu kuti ukuti inxenye yabo ibingalilungiseleli inyakenye; nababelilungiselela badliwa zizihlobo eziti kuti bamnyama zakuva ukuba otile basadla zibakumbule ze ngoko zibakaulezisele ezintswelweni, ngoko ke kungabiko nto yokuxasa impilo. Lide lati Iona elilanga seloka lenze ngakunye leminyaka mitatu edluleyo labeta kwapela itemba ebantwini. Kuteke zakuna ezimvula kwabonakala ukuba bekungasakusala ne-akile ebingasakuhlwayelwa; kusweleke kodwa ingqolowa. Ibe yenye yento ezibublungu kuti ukubona abanye abantu befumana bebopa inkabi ukuya kugelesha ukuze bamane ukuyakuqwakanisa bakufumana izikotilana zembeu bakufumana itiki ne sikisipeni ezitrateni. Yinyaniso abantu bayalamba. Kantike u Mr. SPRIGG uti lento ayinjalo ! Asikolwa ukuba kuko bani uyakulahlekiswa yilenteto. Ukuba namhla lendlala iyakuyekelwa ukuba itshayele ilali zabantsundu ngapandle kwemizamo yokubanceda abantu, sinokuyivisisa inteto ka Mr. SPRIGG, ebonakala iliqinga lenciniba yona iti yakupeleIwa xa izingelwayo iyingcwabe intloko bonwa. Tina banga sifunde ngomso into eveliswa vila. ukwenjenjalo ngalo lonke ixesha ingekatanjiswa zimfundiso zasempefumlweni. Abo kodwa bafundiseIwe ebu-Ngesini abasakubehle bayamnkele lemfundiso intsha. ncedwe kwangoku abantu ukuba kuko umnyinyivana wokuba bance dwe, bangafundiswake izifundo xa banikwayo unced' olo. Xa bancediweyo ngembeu bangaba nokukangela esivunweni abantu. Bekungalungayo u Rulumeni ebaboleke imbeu ukuze bati bakuvuna bambuyisele. Akusivumeli ukuzihambisa kakulu ingqondo kangangokuba sifike kwindawo yokuba azi bayakupila yintonina abantu kwezinyanga zizayo xa bangancedwanga. Ngendawo yokuba abantu befaneIwe ukuncedwa yimizi abamelene nayo singasuka siti asiyiboni ukuba yintonina engenziwa ngamadoda apete imizi. wuqengqele kwamanye umsebenzi ka Rulumeni—amagxa angenakuwutwala. Sesiyibalile lenteto ingentla ifikile entlabatini ibe isiti ayiasituswa sibube bamnyama singayekwa ngabo ukuze hubuYimilo yentliziyo yomntu MabaIkwaliqinga eli lokuamagxa ingxelo ezeleyo yale ngxogxo e Palamente. Kuyo siya vuyiswa ukufumana ukuba njengoko besisoyikela inteto ka Mr. SPRIGG ilahlekisiwe eku tunyelweni kwayo ngu REUTER (otumela indaba zocingo)Eyake inteto ibi fanelekile ifanele indoda ewonga linjenge lake ne xesha etete ngalo. Ukuze ke ivisiswe inteto ka Mr. SPRIGG siyitabata nje ngoko injalo kwi pepa lase kapa i-Cape Argus:— U MR. SPRIGG ute uyakolwa ukuba umnqweno welungu lase Monti (u Mr. Brabant) ibiknkucofa ufokoto Iwebandla, uyatemba ukuba uyakulitabata icebo lamadoda ukuba angayinyanzeli inteto yake (yokuba abantu abacitwe ezifameni zama Bulu bamelwe kufunyaniselwa umhlaba). lyakuba yinto engafanelekileyo ukuba abantu abantsundu banikwe itemba lokuba bona banokuwufumana baupiwe umhlaba. Mabacaciselwe ukuba bayakuwufumana ngokuwutenga. Lendlala kutiwa ibangwe ngumteto we Lokeshoni, ingaba nobunyaniso obutile lonto; kodwa iqinga likumagqugula eziqingata anokuti axele apo emazimiswe kona i Lokeshoni nasezifameni. Ke mababe abantu kwezi zitili abafuni ziko i Lokeshoni emihlabeni yabo yiyolonto bengatumelanga kwa Relumeni. lyabonakala indawo yokuba intswelo zinkulu kubantu abantsundu Emaxoseni, kodwa angalusizi ukuba into leyo ivakaliswe kulo lonke ukuba sebetshabalala, kuba oko kunganika igama elibi kwelo Bandla labo le Palamente nakweli lizwe kuba bengenzi imizamo yokunceda. Ingxelo zomantyi zisati liyeza ixesha elibi kwangapambi kokuba kuvunwe; u Rulumeni selete maze aziswe into ekuyiyo ngamaxesha ngamaxesha. Ukuba u Rulumeni ufumene nkuba makancedise ngembeu— njengokuba sekwenjiwenjalo kumafama elo langase Kapa—lonto uyakuyenza. Kodwa abantu mababe nento abayenzayo. Abangxamele ukumbandezela ontsundu: imigudu yabo kukumpata ngemfauelo, mnyusa