Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-06-24-i018)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
SubType of Article
eng News Summary
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-24
Identifier
eng IMVO_1885-06-24-i018
Word Count
eng 673
Print Page
eng IMVO-1885-06-24-p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Sipile Nqiyama
KWINTETO yengqondo esekwe pezu kwahlulelana ngokucinga kwamadoda e Palamente, yenjenje ukuteta i Cape Times elinye lamapepa ase Kapa, esitetnbayo ukuba uyakutanda umzi ukuyiva lenteto : ' Imbasa nobuugcwalisa bale Palamente sinayo, kukuba imvo zabantu bonke belilizwe zinokufunyanwa kuyo njengoko zinjalo. Inye into efunekayo ukubanga ukuba bafunyanwe benezwi bonke ngoku, kukuba kubeko ilungu elimnyama lesitili ngasinye esinabo kutiwa ngamagwangqa elilizwe 'yivoti yengcawa.' Oku kodwa kungumcimbi'oyakufezwa yimfundo nayiminyakana embalwa. Abamnyama bayakumelwa ngokuzeleyo e Paia mente xa batumele umntu wolwabo uhlanga ' KUKO umbali kwipepa lase Rini i Journal oti ungu ' B.' ote u Dr. Stewart wase Lovedale, kulanteto yake inkulu ingokunga- pumeleli kwemfundo yabantsundu, ubatengi- sile abona bantu abefanele ukubaxasa. Iti i Journal ukupendula ngamazwi esingena- kuwagxeka: 'Tina asiyiboni indlela ekuti- wa ubatengise ngayo u Dr. Stewart abantu abantsundu. Maninzi ama Ngesi acinga ukuba u Dr. Stewart ubefanele ukubekwa ngokuzama iqinga lokuba imfundo yabantsu. ndu isekwe ezintweni abanokuzisebenzisa iyeke ukuhamba kwinteto zakudala nentonje zobulumnko. Elicebo lalilungile; asikolwa noko ukuba umhlambi otile wabantsundu senya kunqunyanyiswa ekuhambeleni pa- tnbili emfundweni yilonto, uze ngokwenje- njalo uzilungiselele ukukokela abantu bako. wawo ngengqondo ekanyiselweyo, singena kuwohlwaya kanjako lomhlambi ngokwenza lomigudu. EBEKEKILEYO ijaji u R. Gregorowski, B.A. wase Free State ukwelakwa Moroko apo acedulula imfanelo zabantu kulomhlaba. Kupangelene nokufika kwake kwashicilelwa incwadi endala kwipepa lase Free State eliyi Friend, ebonisa ukuba umhlaba lowo ngowabafundisi base Wesile. I Journal etna- yibe iyawazi lomcimbi iti : ' mhla yenziwa lemvumelwano ngo 1833 yayingekabiko i Free State, yabako sekukudala yenziwayo imvumelwano leyo. Lomhlaba ubonakala ngokuugati wawungasafunwa nga Besutu owatike u Mshweshwe waselewunikela kuba- fundisi umnikela kanye. Into engumanga- liso kukuba akubonakali ukuba abafundisi baka bawuzamelela amalungelo abo emva koko. Ngoku ngati ubangwa ngabantu baka Moroko, kodwa kumhlope ukuba ama Bulu e Free State aya kulikanyela ibango labo; kuba ngapaya kokuba umhlaba lowo ngowabo abanakuvelisa taitile yawo.' SIFUMANA ukuba abapati bololiwe abakenzi mnyinyiva malungana nabantsundu aba- hamba ngaye. Oku siknqonde koko site sakubona ngawetu amehlo malungana nen- kosikazi yomfundisi ontsundu wa peaheya kwe Nciba obevela e Lovedale ezaku kwela kuloliwe wakusasa ukuya e Dohne. Ute ukubona ukuba ubefike esixekweni ngepezolo kunzima nokuba afumane indawo yokulala kuba ihotel zabamhlope azibavumi abamnya¬ma nababekekileyo wavukela kuloliwe ngo- mso olandelayo, ukusuka abe uyele ukuya kutyalelwa emva ngebaxa kuba engenaso isiqwengana sepepa lakwa Rulumeni esibo- nisa ukuba akanangqakaqa. Kute kuba kungeko yimbi itreni eyakusinga kwelocala imini yonke yayizole kude kube lolwanamhla kwabonakala efumane wanyakatisa kwelo- xobongo abekulo nalo lizele zindwendwe zedolopu. Ek' oko! ngalemini yayizolo yena ucinga ngesono salowo owamenza mnyama. Zinto ezinjengezike ezicapukisa umntu omnyama pantsi kwalombuso wama Ngesi elilizwe. Wonke umntu uyazi ukuba ingqakaqa isesemaqabeni, abasesikolweni ayiko kubo. Yinto endala le yokuba impi yelilizwe ingenakucalula, emayiti inkosikazi yomfundisi ontsundu itshayelelwe bucala enkunkumeni. Eyona nto irazula intliziyo kukuba lento ingazanga yaziswa ebantwini. nokuIMITETO emitsha engolaulo Iwapesheya kwe Nciba ebipambi kwe Palamente inike' Iwe kwiqumru elingu Mr. Upington, Mr. J' A. De Wet, Sir T. Scanlen, Mr. Sauer, Mr- Innes, Mr. Laing, no Mr. Du Preen. Sizazi ke imvo zeaininzi salamanene asinaxala lanto ngohlobo engati lomiteto ipume ilulo ukuba yoza ipume ezandleni zegqugula elo. Eku- hambisekeni kwengxoxo kufumanekile uku-ba elixa lemiteto ibibanika lonto yokudlala iligqugula labantsundu ibibavalela kanye ukuba bangabibavoti bapalamente, kuba kungeko mntu unokuvotela ipalamente uhlaula irafu yendlu onjalo makavotele Iba-ndla Labantsundu. Kantike kwelo lapeshe- ya kwe Nciba abantsundu abahlauli mali yimbi ku Rulumeni ngapandle kweyezindlu kuba umhlaba awucandiwe. ABALESI betu babonile kwingxelo ekweli- dluleyo ipepa ukuba umteto omtsha wepasi uyekiwe; ngesizatu esibonakalayo ukuba ' ubuza kupitizelisa abantu abantsundu' njengoko asixeleleyo no Mr. De Wet. Abo bakucasileyo konke ukubandezelwa kwetu bebenikwa intloko yembila kanti kulandawo benziwe kuyo amaqela abantsundu. Ukuba ubupumelele, umntu ontsundu ubengasaku- hlala napina engenapetshana lakomkulu esandleni: engenalo usicenge sencolongo okanye sokuba angawupefumli napina umo- ya ka Tixo ngapandle kwayo, ngabula Mr. Leonard. Ubuse ubotusile abamnyama ubuyiswa umvanje. Into esiyipikayo yileyo ate u Mr. De Wet abantu bapitizeliswa nga- mapepa endaba. Ide i Cape Argus, ipepa lase Kapa, imbonise ukuba seloko tina si- mxasile side sapuma endleleni yetu saya kumncoma. Simcoma tina u Mr. De Wet kuba simbona ehleli emendweni ka Mr. Sauer wokungapitizelisi abantu, sisaya ku- mncoma xa ayakwenjenjalo. Xa simbona epambuka siyakumcebisa. Sesenjenjalo ngokumayela kwimiteto engelakwa Pini nenge Pasi.