Title
eng Ezababaleli (unozulela Undofa Naye) (IMVO_1885-06-24-i021)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Bakaco, E. Elijah
SubType of Article
eng Marriage
Language
Locations Mentioned
eng Peelton
Date
20 June 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-06-24
Identifier
eng IMVO_1885-06-24-i021
Word Count
eng 289
Print Page
eng IMVO-1885-06-24-p003
Page Spread
eng 3.1
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Sipile Nqiyama
UNOZULEL' UNDOFA NAYE. Peelton, 20th June 1885. NKOSI MHLELI we Mvo Zabantsundu,— Kaundifakele lomazwana kwelopepa la¬manene akowetu, nakubeni ndifumane ndabala ndingazanga ndalibalela elipepa lamanene—ke noko ndoka ndiqotoqotoze ngendikubone apa e Ncemera ngomhla we 16 June 1885. Sasibonela ukubandaka- nywa kuka John M. Magwanya no Maria Ngcombela, bebandakanywa kumtshato ongcwele. Babandakanywa ngu Rev. R. Birt, walapa ; kwavulwa ingcango zetya- like, Emva ko 9'30, kwaqala kwaya kunge- na abayeni, kwati emva kwexeshana wa- galeleka umyenikazi nabamngqongileyo abantu ababeko babekufupi ekulwini— ababoneli bodwa kwakuko no Mrs. R. Birt, no Miss Turner, umncedisikazi ka Miss Sturrock. Wawukupa u Mr. Birt kwangexesba elifupi, baqokozake abantu ukuya ezidlweni; ekute emva kwedinala wagaleleka u Rev. W. B. Rubusana—wa-fika waposa amazwi eziyalo ebushushwini obukulu kunene—wawapeta amazwi ake ngomtandazo onandipisayo. Sambulela kakulu kanye ezintliziyweni u Rev. W. B. Rubusana ngesosenzo sake. Wapela owalomini umsebenzi. Kwati ngemini elandelayo 17—kwahlanganiswana kan- jako ukuza ebulakufesini (breakfast) yokuza kuqekezwa kwesonka somtshato (wedding-cake), ekute emva kwezixaso ezininzi, safika kaloku inkabi zakwa Ngqi- ka zaposa amazwi eziyalo kumyeni naku- myenikazi; ezati iziyalo zakokelwa ngo¬mtandazo ngu Mr. M. Xoli ; wafika u Mr. Xoli waposa amazwi amnandi kunene ebonisa ukufaneleka kwendoda yakumta- nda umfazi wayo. Emva kwake kwesuka u Mr. Mono, wafika wabonisa ukuba aba¬ntu abatsha abasafanelwe ziyalo, kuba incwadi ye Lizwi (Bible) isezandleni zabo —wafika wagqiba ngeliti, ze nikule Enko- sini. Wesuka u Mr. M. Magwanya, wa-fika wabonisa ukuba lento ingumfazi inje- ngesitya esixonyiweyo. Emva kwake kusuke u Mr. P. Hala, wafika waposa amazwi ashushu, ebonisa ukuba nina ani- sengabo abobumnyama, nina ningaboku- kanya, ze nigcine Izibalo (Bible) zizo ezo- nikokela; wapetwa owalomini umsebenzi ngomtandazo oyalayo nokokelayo ngu Mr. Tokwe Venna—esitike, tina banye abantu uze uhlale kantle nondofa naye wako, omkete pakati kwamakakakaka eli- lizwe ; nanga ningahlala ixa elide, nobom obumuandi. Ndisicaka sako esitobekileyo