Title
eng Iveki (IMVO_1885-01-05_i023)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-05
Identifier
eng IMVO_1885-01-05_i023
Word Count
eng 819
Print Page
eng IMVO_1885-01-05_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
KUNYE nepepa leveki ezayo siyakubabela bonke abamkeli be Mvo Zabantsundu isalatiso-maxesha (Almanack) salonyaka singene kuwo. KUVAKALA ukuba sekuntywile abantu aba- hlanu behlamba e-Monti ngeziholide ze Krismesi. E-GQOLONCI ngase Cumakala kuko umntu osand' ukufa, siqonda ubulewe ngamapolisa. Isizekabani kufikwa ngamapolisa ababantu besenza intlombe ebusuku, selesuka wona engena efak' induku. Abase ke e-Cumakala apo afike waqaukela kona lowo, ate akuhlinzwa kwafunyanwa ukuba urazuke isibindi. E.TUNXE kanjako (Thomas River) siva ukuba kuko ifama apo elidubule langxwelera inkwenkwe entsundu ngokusuka ihambe emhlabeni walo. Asikeva kutetwa kwelotyala kambe. E-DIKENI kunconywa ukubalela kwelanga. Lonyaka tina noko siyoyika ngati uyakuba nzima kanye. SIFUMANA kwelase Aliwal North, ukuba e-Barkly amafama amabini axabana ngento zawo, siqonda malungana noku leyisha. Kwakuba njalo elinye laselisuka likupa ngesikanda sompu entloko. Kutiwa ke indoda leyo seyisuke yabalekela kweliya libupitipiti e-Goshen. YEHA ! Sifumana, nakuba singazi ukuba kunjalo kanyena, ukuba ulutsha lwase Nxukwebe (Heald Town) lwenza umgcobo omhle nge Kilisimesi. Nto imbi ibekoyo, ibengasuka igenqeza intsimbi yetyalike ukuba kaloku kekuyiwe kubulelwa, suka akwaya nok' amnye kolo lutsha. Abafundisi ngo- kungakoliswa yiyo londawo basuke bona basebewucita lomdlalo. Kolo lutsha kwayeke kuko nama Simnala! KUKO ulure lokuba i-Chief Justice isingise ku Rulumeni ukuba endaweni yokuba i jaji iye e-Dodoloro, amatyala makasuswe kona aye e-Komani, asuke e-Barkly East aye e-Aliwal North. E-TYUME kuqondakala ukuba isivuno se- ngqolowa sibe sikulu kanye. Elinye ifama abati ngu Mr. Terwin batandabuzela ukuba lobula ingxowa ezisewakeni (1000). AMA Jelimeni ayawayifumene kanobom' ingqolowa, ukususela kwangase Kubusi ude uzise apa ngase Ncemera ufike ubone ukuba, wakukangela eziteni, ukuba ipantse ukubako kanye. NGASE Batenjini amabandla antsundu sisiva angxamele ukuzibandakanya kwelibandla lembumba ekutiwa yi Empire League. Tina siyavuyisana nabo sitakazela ngokukulu. 'ELILANGA abantu abasebenzana nomhlaba libafundise okuninzi, ngokukodwa ukuba bafanele ukupapama ekwenzeni into ezinjengemijelo namadam. Imijelo ibifanele ukuba ikutshwe kwindawana zonke apo kunako ukuhamba amanzi, indleko yamininye ayinjengendleko yeminyaka le yonke, ke ngoko bonke bebefanele kwilizwe elinjengeli ukuswela imvula ukuyipapela londawo.' Yenjenjalo i-Alice Times ukuteta ngalembande- zelo, nati siyavisisana kanye nalenteto yayo. NGOKU inkabi yenkomo etyetyisiweyo, esilareni idla £10 ize ihamile yegusha ime epontini (£1). NGASE Dikeni siyeva ukuba ulubo lusahambisela pambili. Omnye umlungu wotuke xa uxwabiyo lwendoda lumnka nayo igusha, waba uyayisindisa leyo, noko abalekileyo yena umntu lowo. Elinye ifama eyalo igusha liyifumene seliyinyama ifihliwe, ekute kwakupengululwa kwafumaneka ukuba ikwangabaqeshwa bakona. Banikweke ityala lonyaka wonke besebenza nzima. KWINTLANGANISO yokulinda ukwahlukana komnyaka omtsha nomdala e-Peelton, abantu ababeko babepakati kwamakulu amatatu namane. KWINDAWO ngendawo ngoku amafama amhlope alinga ukwenza izicuba ukuze neli letu libe nokutumela icuba kwezinye indawo. PESHEYA kwela Mangesi siva ukuba kusand' ukubako ukungcangcazela komhlaba, ekubeko nabantu abafayo. KUKO ulure lokuba ama Bulu ngati amana ukupuma ngokupuma e-Transvaal nakwezinye indawo ukusinga e-Goshen apo izipiti- piti zikona. U-MR. SPRIGG kuvakala ukuba ungxamele ukuba abeko ngesiqu e-Monti ukuzipendulela kubanyuli bake, ebekuvakala ukungati bayaririza ngohlobo aqube ngalo ngelaxesha ebesinge kweliya lezipitipiti. KWEZINYE indawo ngase Ngqushwa siva ukuba ilanga libandezele kanye ngangokude kutandabuzeke ukuba umbona wopumelela. ULURE ebeluke lwavakala, lokungati inkulu yama Bulu e-Free State, u-President Brand upumile kulondawo yobongameli, siva ukuba alunene. KUYAVUYISA ukubona ukuba sekuko abatile kubamkeli betu abasebezingenisa inkozwana zabo. Siyatemba ukuba baninzi abaya kuti bahle benjenjalo kwangokunje. E-MPOFU kusand' ukuhla kona into embi kunene. Kutiwa kute ngakuhlwa kutile kwatana gaga iBulu no Mxosa omnye lo ke ekwele ehasheni. Lite iBulu kwelela endleleni latsho laseliyeka ngembodlela entloko latsho ngenxebakazi elibi kunene. Kwi 'Cricket Tournament' e-Bayi siva ukuba Bayi iliqube kakuhle kwane Kapa ngokunjalo. Asikeva nto ngezintsundu i-club e-Rini. UMHLA we 23 ku December 1884 yaba ngumhla omkulu kunene kuma Bulu e-Free State kuba ngawo oyise mkulu boyisa inkosi yama Zulu u-Dingana. E-KIMBERLY enye indodana ngokuba ihashe inikwe unyaka entolongweni isebenza nzima. KUVAKALA ukuba ngakwa Komani indawo leyo apo kwafunyanwa kona ucwecwele copper iyembiwa ukukangelwa ukuba ingaba iko ngokwaneleyo sinina. KUVAKALA ezokuba u-Mhlontlo uvakalisa elokuba ufuna imihlaba eyiyimbi kungoku, indlela ke ayakuyifuna ngayo ayazeki ukuba yenjanina iyiyipina kona; ngokoke koyikelwa ukuba makabe uteta ukuzifumanela ngamandla. ABANTU baka Mankoroane basamkeliswa kwa Rulumeni ukutya ngenxa yendlala ebaweleyo, nakuba kuvakala ukuba ke kwawa imvula ezinobom kutshanje. KWEZIVEKI zidluleyo kuko amanenekazi amhlope amatatu ekutiwa emke ne Ncera ebequba. EMINYE imikosi epuma kwapesheya uku- singisa kwasema Bulwini, induluke e-Kapa ngo Mgqibelo odluleyo. E-KAPA indoda emhlope ngokusuka isebenzise ihashe elinesilonda idliwe yimantyi yakona iponti. KWEZIMVULANA bezisand' ukubako kulama- cala anganeno apa, ngolwesi-Bini olupambi kwe kilisimesi izulu libete kwifama ka Mr. Irvine e-Kubusi isita sengqolowa satsha setu. E-DAYMANI kwakuzo ezi veki umbane wabeta kwenye indlu wabulala indoda nomfazi yatsha nendlu leyo. E-HUMANSDORP noko libaleleyo kutiwa isivuno sona sibeko kunento ebe kulindelwe yona. Kodwa ngase Hankey nakwezinye indawo ezingakona kutiwa libi kanye, impahla iyeza ekubutiseni. NGASE BAYI ngamhla utile kwafunyanwa iBulu, indoda eseyinkulu, lifumana lalala tyambalala, intloko le seyidumbe yali kalamsha. Kwakubuzwa igama layo ayibanga nakupimisela ukuteta; iqauke kwalomhla pakati kobusuku. UKUFA kuka Tomana obekuyimbangeli yolululwo olube lupakati kwama Mpondo nama Xesibe kusand' ukubuzelwa, kwafunyanwa ukuba kwenziwe ngama Xesibe amabini ahleke abanjwa nakuba omnye eselebuye wabaleka. INGQAKAQA kuvakala ezokuba iyapela e Daymani, xa ngase Burghersdorp kusatiwa isaya isukelana ngokusukelana. UMPATI mikosi u Sir C. Warren kuvakala ukungati selendulukile e Daymani ukusingisa kwelo apo ayayo.