Title
eng Amanqaku (IMVO_1885-01-05_i025)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
xho Editorial
SubType of Article
eng General Headlines
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-05
Identifier
eng IMVO_1885-01-05_i025
Word Count
eng 427
Print Page
eng IMVO_1885-01-05_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
I-Volksblad, ipepa lase Kapa, lenze inteto ebaluleke kunene 'ngobiwo lwempahla nelona yeza ngekusenziwa ngalo.' Kubeko incwadi ebalwe yindoda emi ngapandle kwedolopu e-Albert, eyenjenje ukuteta kwayo 'kuyabonakala ngoku ukuba amafama ayayincama indawo yo- kuba afune ukuwupata ngokwawo umteto, atsho ati ke, uyoyika yena ngati xa izinto zimi ngoluhlobo kuya kubonakala ukuba makwenziwe ngokomteto ka Lynch.' Lenteto ke siti yenziwe lelopepa lase Kapa liyitatele kwinteto yalencwadi, yiyoleke 'tina abahleli emakaya ngokonwaba siti abanako ukuzikangela kakuhle ezizinto kunabo bona ezibahlelayo, nabo abangababambeneyo ngazo, abati bona ngenxa yengqumbo—kuba asinto yimbi yingqumbo—bahle sebeqwitelana. Masiti ukuze niqonde, yabonani onke lamatyala okuba afunjwa kwabantsundu. Ingaba kambe kunjalo, kodwa kunjalonake? Sigweba sizitele qelele paya tina, okwenene singatsho ukuti inkoliso yayo lempahla itshona eziswini zabantsundu ngenye inteto itshona e-Maxoseni, kodwa ke noko masingayilibaleli indawo yokokuba kuko namasela ange Maxosa. Sakukangela kwingxelo ye jaji ngoku ibijikelanje sibona ukuba amatyala okuba kwaba mhlope andile. Ewe into ezibiwe ngaba ntsundu zininzi, kanti ke noko oko asikuko ukuti yonke into ebiweyo ibiwe ngabo. Akukuyo lengxelo ye jaji yodwa esikufumanayo oku, kodwa nokumbula ukuba okuya amafama ase Xonxa (Glen Grey) aka asongela ukuba oka abafumane ngokwawo abantsundu bezolali ebekusitiwa ngabo lamasela, kwafumaneka ukuba asingabo bodwa koko inkoliso yaba yebiwe ngabamhlope. Kwalona elipepa libika lingokucitwa-citwa kwamapolisa ngamafama ase Albert kunye nabapati balomzi, layeke Iona liwayala ukuba awamise kanjako amapolisa, esiva ngoku ukuba babuye baguquka bafuna ukuwabuyisela. Lifike lenjenje ukuteta ngobulumko elipepa:'Okukona aya esomelela amapolisa' ko- kukona buya buncipa ubusela. Lento asilulo lulwimi, yinyaniso nqo, ebonakalisa ngamava anawo umntu. Ngezamini okuya sasisenokwazi ngenkundla zamatyala sikumbula ukuba u-Mongameli wase Swellendam xa ngaba akuko matyala, yakuba ifikile ijaji, ubeya ayiti jwi ngokozwana lokubulela. Ngalomaxesha ke ibiba libaqo nokuba kekubeko matyala namabini e-Swellendam apo. Pezu koko- ke i-Swellendam yaba yindawo yokuqala eyafuna ukuzimisela amapolisa. Lento siti tina ayibi lilo baqo koko yinto emiyo. Ifama yakwa Rulumeni ebise Leeuwfontein ibe itengiswa e-Bofolo, sekuveki mbini kwenzekile oko. Babe mbalwa kanye abazileyo, kwazake akwabanjwana nganto ngefama leyo. Ezigusheni ebe nexabiso elikulu ibe kwi 9s. 9d. amaxwane wona ema kwi 5s. 3d. Iti i-Advocate imbangi yako konke oku kukuguqulwa kosuku lwefandesi mva nje, nokupakama kwenani ebekuya kususelwa kulo ukutetelwa ifama leyo, into ke leyo ebete base- besuka begogotya abantu ukuya. Silusizi ukuva ukuba isivuno sengqolowa e-Bofolo nangakona asibanga yinto ebesilindelwe yona. Okwenene imvula zika October no November zayihlaziya kanye, kodwa ke ilanga elazilandelayo labangela ukuba zisuke zirauke zingavutwanga, impatshanga ke leyo edanise ku- nene ekubuleni. Elinye ifama belisiti liyikangele ngamehlo eyalo licinge ukuba lopuma namakulu omatatu (300) kanti liyakusuka lipume nalo libe linye 100). Elinye belilindele ikulu elivayo ingxowa lasuka kodwa lapuma namashumi omane anantlanu, njalo-njalo ke. Irasi yona ifumanekile. Kona okombona kuswelisa itemba kwangoku.