Title
eng Ngokububa Kuka Chief Ulana. (IMVO_1885-01-05_i026)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Annshaw, J.M.
Language
Date
1 December 1884
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-05
Identifier
eng IMVO_1885-01-05_i026
Word Count
eng 292
Print Page
eng IMVO_1885-01-05_p003
Page Spread
eng 3.2
Start Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Kuzo zonke intshaba esinazo apa emhlabeni, akuko lunjengokufa; Iona lolungaqelekiyo, loloyikekayo, lolutyelelela bonke abantu ngokufanayo omncinane nomkulu. Lenkosi igama lingapezulu apa, yinkosi ya Mazizi ase Mandlovini—yenye yenkosi ezinkulu zegazi ku Mazizi. Ibube seliyindoda evutiweyo, kuba yazale- lwa entla, Embo, kwela Mamfengu. Wafika kweli eyindodana, ubube ehlala e- Gwiligwili (near Keiskama Hoek). Akudanga kube ngunyaka we 1882 ngexesha esasityelelelwe ngu Rev. C. Pamla, eyaqala lenkosi idumileyo ukufumana usindiso olungokolo ngenxa ka Krestu. Eloxesha lihlala lihleli kumbali walendawo kuba naye wayengomnye wababeko kulomvuselelo. Ukususela kweloxesha lenkosi yaba ngomnye umntu ngesimilo —yahlala intlalo yomntu osindisiweyo. (Nakuba sisazi ukuba nangapambili ibi- ngemntu unazinto-yinto zimbi. Ubetandwa, ebekiwe sisizwe sake ngenxa yokuzipata kwake ngobunene (gentleman).) Kwaba luvuyo ukuba namhla into ka Makaluza ilufumene usindiso ebudaleni bayo, kanti iyakude ife nalo. Lombali u- kumbula ngexesha elingapambili kwenguquko yalenkosi, xa ibihlala imana ukuti, yona ngeyiguquka ixakwe yinto enye, ''ukukala' or ' ukulila ' nantso into engayifuniyo,' mhla wayeshumayela apo komkulu e-Gwiligwili ngo Dec. 31 1882 ku Maculo 119, ivesi 136. 'Imijelo yamanzi iyehla emehlweni ami, ngokuba bengagcini umteto wako,' xenikweni kwabonakala okunye kwavakala isikalo esikulu salenkosi &c., kunye nenyembezi ezishushu. Pakati kwamazwi okugqibela ake wati: —' Ndihleli nayo ' Inkosi yam.' ' Ndilivulelwe izulu.' Enjalonje wayengazanga akuyeke ukutandaza, evuyiswa nokubona abaze kumtandazela.—Wemka ngokuhlwa kwe Cawa ngo 16 November ukuya kungena enkululekweni pezulu ezulwini. Ngokwake wayenqwenela ukuncwatywa emva kwentsuku ezintatu or ngolwesi Tatu, (noko kungabanga njalo) kubonakala ukuba wayeboniswe elona xa umfundisi wake u-Rev. S. Mtimkulu abemtanda kunene, avakuba eko ngalo (kuba waye¬ye kwintlanganiso yabo e-Healdtown) wafika kanye kusasa ngolosuku. Imke njalo ke into ka Makaluza ukuya Epakadeni Ezulwini, namhla sicinga ukuba ivuya kunye nenkosi yayo pezulu. Nango umzekelo omhle kuni zinkosi! Sanga isizwe sake, kwanentsapo yake ingafuna olusindiso ibambelele kwi Nkosi—ze ukufa kwayo kube kuhle njengo- koyise. ' Abangcwele banoyolo Xenikweni babubayo.'