Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-01-12_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-12
Identifier
eng IMVO_1885-01-12_i019
Word Count
eng 547
Print Page
eng IMVO_1885-01-12
Page Spread
eng 2.3-2.5
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 5
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UDODANA OLUFUNDAYO L ENTETO ingapantsi apa yinteto esiyifumana kwipepa lakwa Komani i-Queen's Town Representative eyenjenje ukuteta :— ' Amakwenkwe antsundu e-Lovedale kubonakala ukuba abafingile kanye Abelungu ngokwase mfundweni. Uti owakona, kona kwi zamanishon zokuba kuvalwe izikolo nje lonto ayibonisa ngokusemhlotsheni, kuba amabaso apants' ukumnka nawo epela aza eziklasini agcina intloko. Kutiwa kambe isizatu soko kungokuba amakwenkwe antsundu anexesha elide wona esezikolweni ngapezu kwamhlope. Kodwake asimmangalisona ukuba amakwenkwe antsundu abe abatobele ezantsi? Ikwangeyiyo into emangalisayona kona ukuba de abe anexesha elide esikolweni ngapezu kwamhlope, intoke leyo ewabangele lempumelelo abe nayo ? ' Ukuba ke ibe isiti aba bade benjenje ukuteta bekuya kutiwa senza, sivusa ' amakwele obuzwe ' kungemiwa nalapo, kutiwe sibangela ukuba kuvuke umoya ombi wentiyano pakati kwalamaqela mabini, amakwenkwe amhlope nantsundu, kuti we lomoya side nokuwuvusa sawuvusa kowona mzikazi mkulu Wemfundo apa e-Koloni. Umbali walendaba asazi nokuba angaba yinto ayive pina yena le ibangele ukuba ade abale enjenjeke, kodwa ke noko siyayikolelwa ukuba iko, injalo kananjalo, esingenakubake tina singavuyi xa sibona sive ngennqubo yentsapo ezintsundu kumzi apo kungeko kuketwa bala ngabafundisayo, koko bati bonke bahluzwe ngokwamandla abanawo, elowo nalowo. Ababaninzi kwaba mhlope abayibona kanye njengoko injalo ingxakeko abasebenza bepantsi kwayo ezikolweni ababantu bayintsapo entsundu. Bona abaqali kubona matala entlobo-ntlobo zencwadi kwa komawabo. Kwindlu zembuto zabantsundu akungeyiboni into enje ngencwadi ezibotshwe kakuhle —ezifumana zazinto ezixonyiweyo nje; kwaye kungeko namapepa endaba abafikelayo abangati bamana ukufunda kuwo indaba befundela nabanye. Ezincwadana zokufunda kutiwa zi 'Royal Readers' ezi intsapo efundayo imana ukugoduka nazo xa iya emakaya, iba yincwadi yokuqala ebonwayo endlwini ngabangabakulu abantu ; kwaveke kude kube kumaxa umntwana seleyitanda kanye incwadi ukuze aqale acinge ngokuke alungiselele ngokuti ayikangele akuba esekaya. Yena nama' kolwane ake bancokola ngesi Xosa, bacinge ngaso ; qonda ke ifikeke imibuzo lenteto ndulwa ukuba ulwimi. Kupelana ke kona oku? Intsapo yama Jelimeni, make sitsho ukuzekelisa, xa ngaba nayo ifunda esikolweni sama Ngesi iba nengxakeko. Kodwake elo nelo izwi lesi Ngesi linezwi elingqinelana nalo eliteta kwalonto esi Jelimanini; izeke ngo- ko iti inkoliso yezinto abaziva zitetwa esikolweni paya ibesekwazinto abaqele ukuziva emakaya. Akunjalo ke esi Xoseni kuba sona yinteto elihlwempu. Asazi ukuba ingaba lenteto yahlwempuzeka kuba ibe ingabaliwe na yiyipina into; kodwa ke into ekoyo usapo oluntsundu lwakuya esikolweni lufike lufunde amagama kuqala, kwanento ateta yona xa ate adityaniswa Xa zite zaqondwa ezingxakeko oko zingako, woqonda umntu ukuba xa ontsundu ati atabate indawo engapezulu komhlope eklasini 'usebenzile kanye-' Inxenye yamadodana afundileyo kukalazwa okokuba ayanelisiwe yi- mfundo, iti ayinyuswa, igogiwe ; ko- dwa ke nokuba kunjalona nokuba akunjalo. singasuka siti tina kubafundi betu kwabamhlope nabantsundu, eyona nto iyimfundiso egqitileyo enokufunyanwa esikolweni bubom obuqeqeshwe ngokukuko Ekulapo ke ingozi kwimpumelelo yontsundu osesikolweni ikona. Kuyafuneka ukuba senze izwi kwindidi zombini—kumtinjana nomlisela—siti ngakuba unako ukuti mhlaumbi umkupe esifundweni esitile omhlope, ungacingi okokuba naxa senixelengela impilo woquba wena kakuhle kunaye ngoko Ukufunda, nokuyisebenzisa ngohlobo olulungileyo lomfundo, ezonto azinto nye zinto ngento, into ekalazelwayo kuba? fundi abantsundu yeyokuba abanako ukuyisebenzisa kakuhle lonto abayifundileyo, seloko umntu enga kungatiwa yiti, yiti, ukwenza nayi- pina into, bange basemafini apo imashini le kufuneka yamane ilulekwa. Kulapoke apo afike adlule kona yena omhlope, yena ingcinga zake selesuka kwaoko ezimisela emsebenzini lowo upambi kwake, emana ngangoko anokumvumela amaxesha, ebona indawo angawenza ubukeke okunye ngazo. Yiyo kanye ke le into ebefanele ukukangela ajonge kuyo ontsundu ukuze apumelele, ukuba yintloko eklasini akuteti nto ngapaya ngapezu koko, angabake umntu okwenene uqubile kumgama otile, kodwake qonda kulomgama wodwa.