Title
eng Impawana (IMVO_1885-01-12_i022)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-01-12
Identifier
eng IMVO_1885-01-12_i022
Word Count
eng 986
Print Page
eng IMVO_1885-01-12_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Lento ikukunukwa kwabantu besiba tina ngokobudenge betu yinto eyadlula nobunyama bamaxesha obawomkulu, ukantike kuhleliwenje kuseko izizwe ezisabanukayo bagwetyelwe ukufa abantu, kanye ngokwalamaxesha xa nalapa eKoloni bekusalaula ubunyama xa ubuti ibiseyinto epatwayo, ngokwenteto kambe. Ema Mpondweni kwakutshanje kuvakala ukuba kwakuko ingqungqutela yentlanganiso komkulu kwa Mqikela, kuyiwe ' kutatwa amandla ' e-Toleni, suka nto iteyanqumla lonto yakukufa komntu, ofe kanye xa kulungiselelwa ukuxelwa inkunzi emnyama ekwakumiselwe li Tola elo ukuba ixelwe. Lomntu ngu Ngayiyeni umninawa ka Mhlangazo ofe ngokwenzakaliswa ngumpu abewunikelwa yenye inkosana ukuba aqokele adubule inkomo leyo, kuba ebete wayigqwizila kodwa ngowake u-Mhlangazo. Kuteke kanye xa awamkelayo wasuka wadubula wona umpu yatsho yela ebunzi. Kuba kambe iyenye inkosana leyo ingozi leyo ihle ngayo laselisuka kwaoko ityala litatyatwa lisitiwa gidli mntwini wumbi, enukwa kusitiwa nguye lo ubangele ukuba umpu udubule unento abeyizonda. Ubengasuka esitinina umfundisi obelapo komkulu hayi akwanceda luto, waselesuka ngokwake u Mqika eyifaka intambo entanyeni yomgwetywa, kusitiwa bosebedibana no Ngayiyeni endleleni ekuyeni ezulwini. Ukutwasa kwalenyanga ifileyo apa kwakuko inkabi ezisixenxe ezibiweyo zisendle edlelweni, kwati kwakulandwa kwafunyanwa ezintatu kuzo sezixeliwe, inyama iditywe ngezisele. Kwabanjwa ke iqela lamadoda, isininzi sakanyela noko kunjalo, baba batatu kupela abalivumayo elotyala. Kuleveki idluleyo ke belitetwa elotyala amasela emelwe ngu Mr. Innes. Imantyi iwanike, ileyo indoda, iminyaka emibini. Bate kaloku bakuba begwetyiwe bafakwa emkombeni njengamangqina ukuba baxele abanye ababe kunye nabo. Ubanike! kwaba ngatiwa nka-nka unakanye kona abake bavume ukungena nakancinane ekuxeleni abanye abo. Kwincwadi ka Mr. Nightingale esingisa kuma Kama ebonakele kwipepa leveki edluleyo, siyakupaula indawo ibe nye, kumazwi apete ngawo inteto yake ango bunxila nobanqenera. Siti sakwendelisela ukucinga sifumane ukuba okwenene ezinto zombini ziko emzini wakowetu. Asitsho, qondani mzi, ukuti yonke into entsundu ingamanqenera namanxila, kodwa ke aluyiyona lonto uninzi ? Xa senjenje ukuteta sukuba singa nokuba ingaba linyalana masingalifihli ngakuba lilelomzi wakowetu koko singa singati into ezisukuba zinqweneleka nezisukuba zingafuneki sizaneke pambi komzi njengoko zinjalo. Ngokumayelana nobunqenera ube ungatinina ukungatsho umzi omhlope, xa sisankontele kulanto indala yokumana sisota ilanga sigcakamele ngase zintlantini endaweni yokuba nentwanantwana zetu esizenzayo xa ngabake mhlaumbi imisebenzi eyona izintloko kuti ixesha layo lidlule umhlaumbi asikabi lilo. Kwangokunjalo ngasebunxileni ungabamba umlomo uke wayibona oko ingako impi ebomvu ezakupela edolopini ukuza kufuna utywala, ize imini ezi ibe ijikajika ngase zinkantini lide liye kutshona ukuzeke kuqale ukugodukwa, kungeko nto yona inje ngokufunwa komsebenzi wemini ike yalingwa nokulingwa. *** Sakuba senjenjeke ukuteta noko asilindele kuba wonke oyifundayo inteto yetu, noyakuyifunda ati ' ewe okwenene,' kuba siyazi ukuba inxenye yabantu ayingi into ezinjengezi zingavakala zitetwa siti ngokwetu, kantike asiyiyo nto yona iyakusuka isenze uhlanga leyo, eyona nto iva kusenza lona kukuwaqaqa siwaneke ekuhleni amahlazo etu ukuze silwe nawo siwabeke pambi kwetu emhlotsheni. Ewe siyazi ukuba inxenye iyakutelela ngotakazelo yona iti ' ewe okwenene kunjalo.' Ngxatshoke, nina bangaba baya kutsho, kakade ilele apa yona inyaniso. *** Yenjenje ukubala i Cape Argus ngokufa kuka Ngangelizwe:— ' Emaxesheni ukufa kwalenkosi ingu Ngangelizwe, ekangelelwe okokuba iyintloko kwinkosi zaba Tembu, bekuya kuba yinto enkulu kulo lonke eli lase Maxoseni; kodwa ke njengokuba zimi ngoluhlobonje izinto ngoku, zingavela zibuye zitshone inkosi kungeko bani uyinabeleyo kweso sizwe noko lonto. Ngoku kufa siyakolwa ukuba akuko bani uyakunukwa. Bekungafanele kanye ukuba ibeko into enjalo ukuba u-Rulumeni, njengoko afaneleyo, ubeyakulenza izwi lake livakale. ' U-Ngangelizwe ubengenkosi idumileyo noko, ngapandle kokuba ebedume ngokuba ngasekubunjweni ibingumfo owenziwe womelela, onengalo, ewe umfo owakiweyo kanye wasesizweni esakiweyo kanye ngokwendalo. Kodwake noko ibingumfo ontliziyo ibandayo—engekusitiwa ligwala ukuba asi nkosi — wayengenawo kanye umoya wokukalipa.' Wayeke waya nase Kapa, waye apo ingumfo otanda ukuzibonakalisa; wayeke enendawokazi enkulu emgxekileyo yokokuba bekusazeka ukuba ngexesha lemfazwe, ubedla ngokusoloko efinyezele pezulu ibulukwe ezi, ekwele kwingqongqo inkabi le, seloko walungela ukubaleka akubon' ukuba o ! kwashushu ngoku ake ade alishiye nelohashe. ' Wayezeke intombi ka Rili, ekwake kwati ngokuyipata kwake kakubi lafa— ngalamfazwe yama Hala.—Bacitwake aba Tembu, kwada kwasiza u-Rulumeni owamhlangulayo kwinjengele ezingama Gcaleka. Kususela okoke u-Ngangelizwe akabanga sabuya abe nabukosi bupi. Akalwanga kule ka Ngcayecibi sikolwa ngokoyikela ukulwa nabantu abamsindisa ekufeni okun(eya. ' U-Ngangelizwe ubesela kakulu, awade ngokuhlala enxilile oko waxabela umntu engalweni ngezembe. Yati lonto yabangela uloyiko lokungati kuyakuvela inkatazo; kanti ke bayi u-Rulumeni wezomini uyakusuka ayigqibe lonto ngokumdla kupela. Oko ke yayingekabinguye lo u-Rulumeni unguye ngoku. Kuba yena ngekwakuke kwaqala ngokuliwa ukuze kwandule ukuya kudliwa.' ' Ama Arab emahasheni apa ngabafo bona ekutiwa bawukangela kunene umbala wehashe. Ukuba limnyama elo liyabaleka kodwa noko liyaxakeka ematyeni, elimhlope liyoyiswa lilanga, elifosi lomelele kanye. Liti, ibali enye indoda enkulu yom Arab yayisukelwa ngumkosi ihamba nonyana. Ivakele isiti nyana kangela ngumbala mnina opambili kulamahashe, unyana ngomhlope—masibekise elangenike, ute kwakona kwakubapi kangela ngoku ngonjani, ngomnyama utshilo unyana—masibekise ematyenike, ubuye wapinda kwatiwa ngafosi—ke ngoku masiwayeke sisengozini yokuba singabanjwa. * * * Singaxelelwake libali ukuba ada ati lomadoda epi aye epina namahashe awo. Xa sibe simana ukufunda kumapepa ngamapepa, sibona nenteto zawo ngokusingisele kuma Bulu ase Transvaal, ubengade acinge ukuba umntu mayibe ama Bulu ayalwa yinene. Kodwa ke kungummangaliso kuti ukuba sisiva ngoku okokuba ama Bulu enze izwi wona ngokwawo elisingisa pesheya, lokuzihlangula kwinteto ezibonakalisa ukungati kube kusemvumeni yesizwe sipela ukuba abo badali bezipitipiti, abahlute imihlaba yaba ntsundu, babe benjenjalo. Elilanga lalonyaka alibalelele bona abantu bodwa kungoku lingenele ne Mfene. amafama e-Tinara ayakala ngamacalana onke ukuba amaxwane abo ayapela zimfene, kuba bati zirole umkwa wokuhamba amaqela, zihamba zizingela amaxwane kunye namaqanda enciniba, ekutiwa wona ziwatanda nangapezulu kwe nyama leyo ; zaye, into eyiyimbi, zizingelana nendlezana ukufuna izapolo, kanye ngokwamakwenkwe endlala wona ahamba namaqamesi ezinqeni ukuze abe nokutoba amagonzi ngezapolo. Tina sakuba sisiva ngokuba imfene namhla zitya inyama nazo, zihamba amaqela kananjalo zilungiselela ukuze zibe nako ukutimbisana nabalusi, kusuke kuti tyaba lanto yalantsomi—zati imfene zakuba zipelelwe yinto yokudla endle nanko zisiya komkulu ziya kuzenza uduli lwakomkulu olwalulindelwe. Nazo ezi mhla amafama azipumele inqina koza kunge kunje ngalamhla wati u-Dengetyana, umtshana wazo, kuzo ' ndatsho! ndatsho! kuhleliwenje umhlambi lo we—we mfene yinto ' injena. Apa sibe nelungelo lokuboniswa ngu Rev. Auld, incwadana yembali yomfo owayehleli pezu kwenqanawa nyakana ngonogube wakwa Nowa. Umbali wayo ngu Rev. Alex. McLeod Symington, ukuguqulelwa kweyakowetu inteto ngu Mr. William Brownlee. Lencwadana nakuba incinane yincwadana engabalungela kakulu abantwana, ngokukodwa kwizikolo ze Cawa apo kungafika kuveliswe indawo ezizimfundo kubo. Abo ke bayifunayo bangayifumana bangatumela ukuba bayifumane, kuba ikwabalungele nabakulu ukuyitenga njengabancinane. Le yenye yencwadana ezimbalwa ezisaguqulelwe Kulwimi Iwakowetu,