Title
eng Indaba Zase Egypt Ne Soudan. (ISIG_1885-03-02_i001)
Found in Newspaper
Article Type
xho Leading Article
Language
Locations Mentioned
eng Lovedale, Alice
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i001
Word Count
eng 571
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p001
Page Spread
eng 1.1-1.2
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 1
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UKUBUBA KUKA GENERAL GORDON. UCINGO Iwa Pesheya lubika indaba ezimbi zokubulawa kwa lomfo udume kunene ungu General GORDON apo ebe esel'enomnyaka engqingiwe kona e Khartoum. Zindaba eziya kusibekelisa izulu lalo lonke ibandla elipantsi kolaulo Iwe NKOSAZANA, kuzo zonke indawo apo igama layo laziwa kona. Luti ucingo Iwe 25 ku February :— ' U General Gordon ute esaya kwindlu ye Austrian Con-sulate, ngo 26 ku January, kwenziwa isipango ukudutyulwa kwake. U General Earle, ob'esiya kumnceda, uwe yena eluhlwini malunga ne Nile. U General Herbert Stewart ubulewe ngamanxeba abengxwelerwe edabini abesand'ukoyi- sa kulo e Abu Klea, naye esondezela e Metammeh, imayile ezi 95 ukuya apo u General Gordon ebekona.' Namhla kusiwa lendoda ingu General GORDON nje, kufa omnye wabatunywa, bo MLAULI wento zonke, abe emvusele ukuba umsebenzi wobom bake ube kukulwa idabi elipakati kokukanya nobu ginwa, abete wamnika ubugcisa bokugqi- ba, nokucombulula imicimbi enzima yomhlaba, nokulaula izizwe zase mzini kuye, ngohlobo asapumelele yedwa ngalo. Yindoda ebe yayame kunene, ngokolo olukulu, ku MDALI wayo, kulo micimbi ibe iti itunywe ukuya kwenza yona. Kwavela inkatazo e Egypt zapatelela nase Soudan, kule Africa yetu, apo wake wakona ngapambili. Kwakuba kunqabile ukuconjululwa kwezo ndawo, kucelwe yena ukuba aye kuncedisa kona; wabe ebuya kweli lale Koloni yetu, awayebizwe ukuza kuncedisa kweza Besutu inkatazo. Lalishukuma lonke elase Egypt ne Soudan, apo kulaula imbedesho ka Mahommed: isizwe esinamandla apo ke ingama Arab, la adimbaza futi amakoboka kwesi sisele side salihasa, singama Africa; epetwe ama Arab lawo yindoda ekutiwa yi MAHDI, enomkosi ongamawaka alikulu (100,000). Lamazwe omabini apantsi kolaulo Iwama Turkey, acele uncedo ema Ngesini ukuba alungiselwe kwingxakeko zolaulo. U General GORDON wesuka e London ukuya e Khartoum ngosuku Iwe 16 ku January 1884. Kuso sonke ke eso situba somnyaka, zininzi izinto ezenzekileyo, kodwa zingako nje akuko iyakuwatwalisa indwe neqayiya amawabo, njengo- kuzikusela azikusele ngako eyedwa, ngapandle kwemikosi yakowabo, e Khartoum. Kwinyanga engu November kwake kwatiwa ufile, kodwa ololure Iwavela kwicala lama French. Ngo December 14, kwavakala ukuba usapilile akukabiko nto. Ute ke esukile e London waya wafika e Khartoum ngosuku Iwe 18 ku February. Efikile kona uhle wazicacisa kakuhle ingxakeko ezisendleleni yomsebenzi abewutunyiwe, wapinda-pinda futi esenjenjalo; koko kusuke kwadukiswa kowabo, wada wacela uncedo nakwezinye indawo. Wada ngosuku Iwe 3 ku March wabala ukuti, ' Nokuba bendifuna ukubunca, yinqaba andinako.' Ude wati ngo April ngosuku Iwe 16 ebalela kwa kowabo—' Ndiyaqonda ukuba anifuni kundinceda mna apa, nase Berber anitumeli luncedo, amvumi nokumisa u Zebehr abe ngumncedi wam. Ke xa kunjalo, ndikululekile ukuba ndipatalaze ndizincede nokuba kunjani. Ndoxatisa ngako konke endinako, ndipelise lomoya waba- vukele ulaulo, xa ndinako, 'zekuti ukuba andibanga nako, ndibekise kwi Equator, ndinishiye nenkwitshi yelohlaz yokuyishiya lomizi inemikosi yase Senaar, Kassala, Berber ne Dongola, kube mhlope ukuba nomcita u MAHDI ngamandla amakulu xa nisafuna ukuba kubeko uxolo e Egypt.' Zonke ezindawo abezibika ngazo kowabo, namacebo abemana ukumisa wona amaxa ngamaxa, azamkelwanga msinya ngangoko bekufanele ngu Rulumente ka Mr. GLADSTONE. Kute kodwa ngo August, 1884, washukuma umzi wasema-Ngesini, kwabonakala kutunyelwa ngo September umkosi omkulu omayela ku 10,000, upetwe ligora apa u General WOLSELEY. Ubusafukusa esitubeni sezo ntlango ze Soudan ubala olu. Intloko epambili yawo ibe isel'ikufupi—ngentsukwana ezimbini ezi,—ifike e Khartoum kanti koko sekucopile; imikosi ye MAHDI iyahlanganisana yayinyanda-matye ngapa nangapa, iyipitizelisa eyase Mlungwini, nakuba ilwe ngoburoti obukulu, yoyisa leyo ka General STEWART. Besisapulapula ezo ke sisotuswa ngulombiko nie wokubulawa ngesheyi kuka General GORDON. Efile ke ubadiwe; ufa eyinjengele, eligcisa lokupata umhlaba; waye enjalo nje engum-Krestu ovakalayo, ngezenzo eziyinqobo. Konke ab'ekwenza, ngapandle kokutanda ukuqolwa, engalindele mvuzo, ub'ekwenzela ukuba kuzuke Lowo u Pezu konke abe esebenzela Yena.