Title
eng Inteto Ka Mr. Makiwane. (ISIG_1885-03-02_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Locations Mentioned
eng Lovedale, Alice
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i002
Word Count
eng 456
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p001
Page Spread
eng 1.2-2.1
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Imvo Zabantsundu ziyakalaza ngenteto ye Sigidimi senyanga edluleyo malunga nenteto ka Mr. MAKIWANE. Kodwa zivubisile ukusiva; kuba inteto ye Sigidimi ayinyolulanga nteto leyo ka Mr. MAKIWANE, site sasingela pakati ubu- ninzi benteto-nteto, nencwadi-ncwadi zolohlobo ezite kutsha nje zenza umndilili ukutetwa nokushicilelwa kwazo. Site ke Isigidimi zonke ezonteto sazifanisa nelidlu elihle, esite yi ' bubble'—mhlaumbi amadlu amagwebu,—ngenxa yale ndawo ke yokuba kusiti kweloxa tina lutsha luntsundu sizonwabisayo, mhlaumbi sisonwabisa abanye ngenteto, nokuba zezentlanganisona, kuxa wona amadoda amhlope kwa naba Fundisi belo bala, basebenza lomsebenzi wokufundisa abantsundu, nokwandisa ukukanya kweli lizwe. Kungaba akutetwa yona inyaniso ukuba iyalandulwa indawo yokuba aziko inteto zamadodana antsundu eziwuxulubileyo, ezinye zapuma gqi egusheni, mhlaumbi zauxuluba bukwabasa, umsebenzi waba Fundisi, ezinje ngokuti 'Awupumelelanga kakuhle ukuza kufikisa kwezi zigama,' mhlaumbi ' Isiqalo esenzekileyo sokusekwa kwe mfundo pakati kwa bantsundu siposisekile, sigwenxa,' nezinya ezinjalo. Kumhlope ukuba inteto ezinje, ese sizigwebe sati zibeda amadlaba, asikona oko kuncedisa kunomkita kwabafundisa abantsundu. Singadanga sibe NOKUZENZELA uluto tina ngokwetu, okanye saba siveza icebo elilona lifanele ukwamkelwa, besifanele ukuti kanye sesitshingwa ekuwunyeliseni umsebenzi wabo, lo siti ngawo, 'awupumelelanga ' unjalo nje ' awusekwanga kakuhle,' njalo-njalo. Kweli pepa lika Mr. MAKIWANE sicapula ekuqukumbe- leni kwake ndawo 'nye esekubonakala iyiyo kanye enomdla, neselite ikakulu kwacatshulwa kuyo ngamapepa anje nge Journal, namanye amapepa ama-Ngesi; le iti:— ' Mandidlulele kweyokufika kuka General Warren kweli lizwe, into ke Jeyo esingefumane sicwaka malunga nayo. Besinga singati kwezo ndawana sikuzo zetu, sincedise eku wuqubeleni pambili lomsebenzi angawo. Mhlaumbi akukukulu esingakwenzayo kulo mcimbi, noko ke, mabe lowo enze anako ukukwenza. Kule veki idluleyo bendise ntlanganisweni ebixoxa ngento ezitile. Ndivuye ndancama akuti omnye wabebeteta ongu Mbovane Mabandla, 'Makowetu u Mntan'omhle u Victoria, unomsebenzi onzima aza kuwenza kweli lizwe. Utume u General Warren ukuba eze kumenzela. Xa kufunekileyo ndiyatemba ukuba asiyi kuba semva ekuncedeni i Nkosazana, ebesifanelwe kuvuya sakubona ukuvakala kwesitonga sayo kweli lizwe sibuye savuka; kuba saba zijejane oko yati yasishiya. Anditsho ukuti masigqibe ntweni kuyile mini; kodwa nditi masingayilibali lendawo yokuba ibuye yafika i Nkosazana; kanjalo sihlale sikucinga esingayinceda ngako.' Ndiyaqokela nditi lamazwi ka Mbovane andivuyisa kakulu, nakuba abasoli bangozisweliyo indawo zokubambelela. ' Akusafuneki nto ingapezu kokuyikankanya lento, nokuva- kalisa egameni lalo ntlanganiso, egameni labo bonke abatsha, nawo onke amakowetu ukuba siyavuya kukufika kwe Nkosazana; ukuba singa ingasel'ihlala; nokuba u General Warren angewufumani unzima umsebenzi wake; ukunga angapumelela msinya nangokufezekileyo, azoyise zonke intshaba zalo Kumkanikazi mkulu, unenceba, uzukileyo ; ote waba lelinye lamatamsanqa amakulu asiweleyo kwezimini zetu; u Kumkanikazi ongalunge kwi England yodwa koko singati ngu Kumkanikazi wo kumkanikazi. Wanga ke angak'e adle ubom ixesha elite nyi. Ewe Mntan'omhle, Victoria, akusayi kuze uzazi oko zingako intliziyo ozivusileyo nakule South Africa ise malandalahla, ote wena wazomeleza ekuhambeni kwazo kule ntlango yeli hlabati. Akupele ekubeni ngu Kumkani- kazi kodwa, ude waba ngu Nozala. Puhla wande kuzo zonke indawo, cuma wena nase South Africa apa.'