Title
eng Ezale Koloni. (ISIG_1885-03-02_i004)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i004
Word Count
eng 1206
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p001
Page Spread
eng 1.-3.1
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
INTETO EZIMANYUMNYEZI.—Kwenye yencwadi eshicilelwe kweli pepa litsha labamnyama lise Qonce, le 16 ku Febru¬ary, kutiwa ukubizwa kwalo zi Mvo Zabantsundu, ibalwa ngoti ukuzibiza ngu ' Mntuyedwa,'—Sibone inteto ezipantsi, neziburwada esabugqibela kudala okuya bekusahanjwa ze. Namaqaba ngokwawo akafane, ngezimini, enjenjalo ukuteta pakati kwabantu, ngapandle komntu oti kanti ngu Ncanyetweni kwabanye isimilo nenteto zake. Iyasimangalisa kodwa indawo yokuti ipepa ' lokukanya ' lingazihleli indawo eziya emzini wokukanya,—nokuba umbaleli walo lowo, ebe eselefuna kangakananina ukuba- nyelisa abo eb'eyisingisa kubo inteto yalo ncwadi. Oku- tetwa ngumntu kunokuviwa ngapandle kokuba kusetyenzi- ewe amasikizi, ukuba lomntu utetayo, mhlaumbi ubalayo, uyilento kusa kutiwa e Mlungwini yi 'gentleman.' INKUPISA YESELA.— U Van de Venter uyawa banjiwe kanjalo e Fauresmith, O. F. S. LITI ipepa lase Qonce inani labasese (Lazaretto) yase Berlin li 16. Akukongezeki bambi (Feb. 6). IZIBOTO.—Kutiwa kwindawo ekutiwa yi Lilly Vale iziboto zitshabalalisile. Ipesika zizitya kuti tu, kusale ama- tambo la odwa kube kupela. KUVAKALA ukuba ama Gcaleka akute cwaka kanye kulo mandla akuwo, kuko ukuzibonisa kuwo okutile kokungakatali nokuba ngubanina. HUTSHU ! inile kwindawo ezininzi, e Sheshegu, Bofolo, Katala, Nyara, ewe kwindawo ezininzi siyifumene imvula, inca iqalile ilicwele elihle ezimpahleni. INDLALA.—Ngase Qwanti kubanjwe amadoda amabini ngokuxela igusha ezimbini zika Mr. P. Ferreira,.amasela lawo alivumile ityala, ati abangwe kulamba. INDLA-NKUMBI.—Ke kwabulawa enye yezintaka zenkumbi kwa Komani, kwati kwakuqangqululwa indlelo yayo kwafunyanwa inkumbi ezimakulu osibozo (800). INGQAKAQA YASE BURGHERSDORP.—Kutiwa inani laba- senayo kulamzi bagcinwa kuwo bunxam, wase (Lazaretto) bebe ngamashumi 36 ngosuku Iwama 21 ku January. EZOCINGO kwipepa eliyi Argus, ziti ama Bulu akwizitili ze Aluvana (Aliwal North) ne Albert atenga kunene imipu, nenxawa, nepistoli, abanye bati anxamele kwela Bahlambeli. BONISANI!—Litsho elinye ipepa. Kute e Bofolo, umnumzana otile wepiti umkake akabiko, uti ke emapepeni bonisani! u Nonantsi ulahlekile, umntu oke wambona aze andityele. UKUFUNWA KUKA MHLONTLO.—Kutiwa u Mhlontlo ubeke wafika emzini ka Mbala, kufupi ne Mount Frere, kodwa ubuye wemka; usafunwa ke kulomandla welase Mampondweni. INDLALA.—Ite inxenye yamafama ase Bolo efuna igusha, awela i Nciba, afika mzini unabafazi nabantwana sebeqauka yindlala, intwana zombona bazirwalasa zise zimpontshane, kwanamazele azo, ngoku sebepila yimifuno. IMANTYI yakwa Bomvana ite xa ibe ibuta irafu kwelo, yabona selingqingiwe ngamashumi omane awo, epete induku zawo, nto incedileyo kukuba amapolisa ayo ayexo- bile kanye, engekubeko ububi obuhlileyo. OBALE e Griqualand East malungana ekuqaleni kwale nyanga uti Imantyi yakwa Tsolo yamkelisa ama Mfengu imfakadolo nenxawa, iminwe enga 20; utsho ati ngati kuyakubako inkatazo kulo nkosi ingu Mdishwa. ATI amapepa ama Bulu ase Transvaal abelinga ukufumana uncedo kwaba be-Sutu bakufupi e Matatiele ukuba baye kuwalwisa kwela Bahlambeli. Koko abe Sutu bate abafuni kulwa nemikosi yama-Ngesi xa bangaqalwanga yiyo. UKUGAULA AMAHLATI.—Kubanjwe amadodana amane egaula kwa Hoho engena ncwadi,—u Nkonje, John Kole, Platjie Vena no Gobe Mbona. Bagwetyiwe badliwa aba- tatu bokuqala, kwati ku Mbona alacaca lityebe ityala, wasinda. KUSAND'UKUBANJWA amadoda amabini kona, abanjezelwa iyure zosixenxe, esongelwa ngokubulawa, kuba esuke awela u Mbashe, awelela kowawo umhlaba. Sekulumeza nakwa- bantsundu ngoku, ngakumbi kuma Mfengu, ukoyikela inkatazo. IPALANGA.—Liti elinye lamapepa e Xesi ipalanga ziqalile ukufuduka kwindawo ezisenobunzulu. Ngomnye umhla intwana egama lingu Willows iqubisene nenye, ebunzima buziponti ezi 301bs. Yamsinda lopalanga lomntwana ngenxa yobukulu bayo. UKUHLUTA IMPAHLA EBANJIWEYO.—Amadoda amane, o Tshona, Petrus Mapela, Ndungela, no Mapipa ase Balasi, ahlute u Stoffel Grou igusha zi 17, ibokwe zi 2, nenkomo zi 13 ezibambile ezisa esikiti. U Tshona udliwe iponti ezi £5, u P. Mapela iponti yanye £1, ababini basinda. UMHLEKAZI U Ruluneli usiguqule isigwebo so Nomayeza no Xabashe, owokuqala wayebulele indoda yake, owesibini wayencedise ekurwitshweni kwenkazana etile. Ke namhla u Nomayeza useleya kuhlala entolongweni bonke ubom bake, aze u Xabashe ahlale iminyaka e 15 esebenza nzima. IZIGEBENGA.—Liti ipepa lakwa Komani ute u Mr. James Kemp esendleleni esuka e Katikati, ekwele ekalini ezibexeshela wawelwa zizo zambeta kunene. Ate amahashe aya kufika odwa kwifama ka Mr. Pike, kwayiwa kufunwa, kwafikwa esele yinto ebomvu ligazi, kwapuke mbambo mbini. Kuko um Xosa obanjelwe longozi. IQINGA LOKUDAMBISA INKOMO EZIKABAYO.—Liti ipepa ekutiwa yi Live Stock Journal, ukuba unemazi ekabayo yenjenje ukuze iyeke ukukaba: faka isiziba sevolo sibe sikudlwana emanzini abandayo kunene, uze uti pambi kokusenga usiti mbatyu esinqeni salonkomo, uti ke usenga nje sibe sikona. Nalo ke iqinga lemiqatu. KUTE e Baziya umfundisi otile wenza intlanganiso yoku- tandazela imvula, ekute ke okwenene yana kanobomi. Bekuko negqira lemvula ebeselinexesha lisenza imvula, koko ingabangako, yati ke inkosi yalivingcela inyanga yonke kuba linganisi mvula, yada yati enye indoda enengqondo kwamanye hambani siye kwa Mfundisi siye kucela imvula. UKUSWELA UMBULELO.—Umnumzana otile uncede ledi itile ngesikundla nokulala, kwat.i kwakusa wayiboleka iponti yanye yompako, £1. Imkile, kute shwaka isipaji sonke sineponti zimashumi ma £29 Kubetwe elucingweni ke, yabuyiselwa kwa kwa Romani kuba kufunyenwe isacite zambini kupela. Isiwe pambi kwa matyala Umncedi wayo lowo ngu Mr. Fouche. ABABULEWE YI TYEFU —Liti ipepa lase Kapa kuko abantu abate qongqololo yityefu e Metele (Middleburg). Kute kanti esisonka basityayo sinetyefu. Kute ekuxovuIweni kanti lomgutyana ugalelwa nje emgutyeni apa, asinguwo lo usakugalelwa, kutiwa yi Baking Powder kanti namhla yityefu Umzi ka Van Hooyen ute qongqololo ke seso sonka, sekufe babini kwabo bantu, bebonke bebebatandatu. I Bulu elingu Van der Merve lite laqesha ihashe kum- Xosa otile, suke lehla nomcinga. Um-Xosa uye washumayela lonto ku Mantyi e Qumra, ote yena wabeta elucingweni. Kwavakala ukuba nali i Bulu lise Dikeni, selifuna umsebenzi wokungena emkosini oya kwela Bahlambeli. U Van der Merve ubanjwe kwa oko, wasiwa kwase Qumra, wagwetyelwa umnyaka entolongweni. Ihashe liye kufunyanwa kufupi kwele Ntonga. EZASE MAMPONDWENI.—Liti ipepa lase Kokstadt, u Nqwiliso, kweza nkomo zi 171 wazihluta kumrwebi ongu Kerr ukupe za 100, elonani ke ulimangele u Mqikela watsho wati ukuba u Nqwiliso akazikupi zonke, uyakuzibonela ekupeleni kwenyanga, le ke ingu February, uya kuwanyanzela ngamandla ama Velelo ukuba londawo ayitunge. Kuyabonakala ukuba u Mqikela eyitetile nje lonto uya kuyenza, kube kanjalo kubonakala ukuba u Nqwiliso akakupatelela kumelana no Mqikela. INGOZI YEZITEMBU.—Kute e Tsomo Station, kwakuko Mfengu ibafazi babini, omkulu ligqobokakazi, omncinane liqabakazi Utelo mncinane wancama ubukwele obu, ekubo- nakala ukuba sekukaninzi bexabana. Kuyawaliweke ngalo mhla siteta ngawo, yati indoda yangakomncinane yavakala isiti, '' Ungambulali nje afe kube sibala umyekeleni? ' Yasel'iqubula umkonto kwaoko lontokazi yamwisa pantsi omkulu umfazi, yamhlaba engalweni nasebeleni ngasekohlo, wafa kwaoko. Kutiwa ukuhlatywa kwake, wayebanjwe yindoda yake imcinezele pantsi. Ibanjiwe ke lontokazi nomyeni wayo ngenxa yoko kubulala babulele ngako. UKUPUMA kuka Mr. James Sivewrigbt ekubeni ngu Mongameli wo Cingo kule Koloni kube yinto esivise ubu- hlungu tina bantsundu. Esosihlalo usishiye nge 16 ka February ; u Rulumente ute makudibane i Post Office nezo Cingo zipatwe mntu mnye. Silusizi kubasingazi ke ukuba kotinina namhla, kuba ngexesha lake kuvele umsebenzi oncede abantu abaninzi nakwabantsundu, enanamhla udodana Iwetu lufumene umsebenzi omkulu wokututa incingo kwindawo ngendawo, nemivuzo emihle, Onke amapepa ayayivuma indawo yokuwenxa kwake lomsebenzi ngobulungisa obukulu, amanye ngoko akaxolisiwe yilendawo yalo mdibaniso wenziweyo, nati ke bomtina sigalele kulawo angaxolileyo yilendawo UKUGWINTANA.— Liti ipepa lase Dayimani lite ifama lase Stellaland, eligama lingu Mr. Charles Holloway, lali- natyalana litile kwi Bulu, bavumelana ngokurolelaua ito- kazi elitile lenkomo. Ke kute kuba inkomo besezipumile. u Mr. Holloway wakupa inkwenkwana yake, eminyaka ili 10 ukuba iye kwalatisa elo Bulu lonkomo. Kute kwakuba inzuzu kwavakala isitonga kwelo cala batshone kulo. Ute xungu kwaoko unina womntwana, wema endodeni ngokuti upina umntwana wam? hamba uye kukangela. lyile, ihamba nesicaka sayo, bafike basibona isidumbu somntwana silele esikbteni, kungasekb nkomo nto, kupela elahashe belikwelwe yinkwenkwe. I Bulu lite kata ngase kohlo yaza kupuma ngase kunene Akukubona oku u Mr. Holloway ugodukile, waxela oku kuyise. Bahlala emkondweni ke, bati kuba bewuqondile apo usinga kona, basebe nqumla, suke gaxa e Bulwini selizipete inkomo, kutiwa ke waselemisa inyawo kwalapo u Mr. Holloway omkulu wabeta ngentsimbi e Bulwini wadala ngodo.