Title
eng Ezelipezulu. (ISIG_1885-03-02_i005)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i005
Word Count
eng 807
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p003
Page Spread
eng 3.2-4.1
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
ABANYE ababanjiweyo ngo Commandant Celliers no Diedrecks kwango kubulawa kuka Honey. ATI amapepa woti u Col Warren egqibile kwela Bahla- mbeli, adlulele kwela Besutu nakwa Zulu. OMNYE upulukile wabaleka ongu Groot Adrian Delaray, wabekisa e Transvaal, kwa no Diedrecks basafunwa ke. U CAPTAIN WELLS Iowa wanxwelerwa mhla kwabadwa u Honey, uye e Vryburg, ukuya kunika ubunqina belotyala. ITWEBU.—U Niekerk ubanjiwe, ngomteto ka General Warren, kuba ute kanti wayeko ekubulweni kuka James Honey. IMVULA inile e Rafu, e Victoria West, Richmond, Robertson, Carnarvon, Bobofolo, Murraysburg, Prince Albert, nase Fraserburg. UKUQAULWA KOCINGO.—Sekude kwakatatu ucingo Iwase Transvaal luqaulwa, lonto abantu base Pretoria iyabakataza kuba indaba zezinye indawo azifiki kakuhle. U SIR CHARLES WARREN umise umteto wokuba ati ama Bulu ase Stelleland angayi e Transvaal ngapandle kwe Pasi, aze awase Transvaal angezi e Stelleland engenapasi. ATI amapepa onke u Sir Charles Warren uye kuhlanga- na no President Kruger malunga emdeni, kuba engena kugqita u President Kruger, iziteti zakowabo zingamvumelanga. AMABADA KWAKONA.—Kute e Dayimani, fama litile ligo- duka, latintelwa zinto zontatu, zalibeta, zalipanga imali yalo amakulu amahlanu, anamashumi osibozo eponti £580. Abobantu abakafunyanwa. EZASE TRANSVAAL.—E Pretoria ziti i President ayikabuyi. Kuko ukuxalaba okukoyo apa okubangwe lucingo olufike Iwati, imikosi yapesheya iyaka e Stelleland, nokubanjwa ko Niekerk nabanye. IMVULA kalokunje iyavakala kwindawo ngendawo, uku- balela kwelanga kuyapela avelile amanzi nenca ezimpahleni nasebantwini, kuluvuyo olukulu kunene ilanga ligwetyiwe imvula ifikile axokozela ngayo onke amapepa. LAMASELA ama Bulu ayebe inkomo agwetyelwe ukuba ahlaule amashumi omahlanu eponti (£50) lilinye, ngapa- ndle ko Webber ogwetyelwe amashumi amabini eponti £29, okanye inyanga enye entolongweni, baze abanye bahlale zibe ntatu, xa imali bangenayo. KUVAKALA ngase Lusutu ukuba u Col. Clarke akavani kakuhle nabe Sutu, nangendawo zokupelisa intengiso yotywala bom Lungu kwelozwe, nangeziya zokuranelwa kwale mikosi isinge kwela Bahlambeli, kuba o Norauzana besiti lonto lisheyi njekodwa, yona lemikosi apo ibekisa kona kuku Besutu. ILIZWE LIMEHLO.—Ipepa lase Dayimani i Independent lixela ukuba izinto azite tse noko. Uti obala e Potches-troom, kufike inkanunu zambini, azixelwa apo ziya kona. I Felkonete zite abantu mabahlale belungile. U Paul Kruger ute kubantu base Dehoonspruit mabalungele imfazwe, kodwa bangayilindi. IPEPA lase Transvaal liti, ke kwaliwa kunene nga Besutu bodwa abase Transvaal kwindawo ekutiwa yi Waterberg. Ayivakali eyona nto kuliwe ngayo, kodwa ke kutiwa lo mabandla alwe kakubi, ashiya izidunduluza ezima 70 ezifileyo, sezincwatywa ngamaxalanga kupela. Azi ke u Rulumente wotintelana ukuba kungabi saliwa. UKUGINGCISANA.— Liti ipepa lase Dayimani kuke kwa- qubisana ngenteto u Sir Charles Warren no President Kruger. Ute u President Kruger umangalisiwe kuku- bona imikosi yapesheya seyite nyile kula mhlaba, kanti yena lama Bulu angabapangi ebengawasusa nangeyure ezintlanu. U Sir Chas. Warren—ubunani pofu ukuze ungayenzi nje lonto? U President Kruger—Bendinga- bonayo kambe xa imikosi le ishenxisiweyo. U Sir Charles Warren—Ewe kambe ukuba. uyakusirola isitabataba, (expenditure) sobulapa balemikosi. U President Kruger— Ingaka njena ingxakeko ekoyo, singepumeleli. U Sir C. Warren—Kambe ke xa kunjalo i Transvaal mayizinikele pantsi kolaulo Iwa Mangesi. Nqume apo ke, wenza isigogo.UMNUMZANA ogama lingu Mr. Kemp uqubisene namabada esuka e Olifantsfontein esinga e Boshoff, wayehamba nabanye, suke gaga nento zombini, zikwele emahasheni zixobe ngokwezibange okunene. U Mr. Kemp uve sele betwa ngenduku ngasemva, waya kuwa pantsi, kwanqunyuIwa nekilisibanti ezi, ne dayimani abenazo kwanemali abe yipete kwati tu. UBUSHE.—Incwadi ezivela elu Sutu ziti kute patsha kona, kuba ama Bulu aae Free State, ate makuvingcwe amazibuko kuba umhlaba uza kuhlutwa nga Mangesi, no Masumpa eza kubanjwa abulawe. Uhlatyiwe kwaoko ke umkosi ngu Masumpa, wazimela u Lotoli engekute ukuba izipatamandla bezinga mapakupaku kwaba ngezimini kutetwa ezinye. Inkosi zakona aziteni nangubani ngoku, azibavumeli nabantu bazo ukuba bakutengi- se ukudla kwabo. EZASE NATAL. AMA BULU akwa Zulu ati abafundisi bangaya kwelozwe ukuba imicimbi yolaulo abayi kuyingena, nokuba baya kuyitobela imiteto yawo. KWAKALA ukuba u Joubert uke wafika kula ma Bulu akwa Zulu, wamkelwa kakuhle kunene, ayetemba ukuba wobehle aye kuwapata abe ngu Mongameli wawo (Presi¬dent). U Dinizulu nenye inkosi ekwa nkulu, bati abazi nto ngo Dr. Einwald nango Schiel, into abangaba basebenza yona ingaba yeyabo ngokwabo, bona abahlangene nabo ngezo zenzo. LITI ipepa lase Natal kufike induna zasixenxe zipetwe yintloko yo Sutu ku Mr. Osborn, zizela indawo yokuba ilizwe lakwa Zulu lilaulwe nga Mangesi. Ziti ama Bulu ate bona ma Zulu mabaye kuxinana kwezazinga zakwa Sibebu apo bangena kupila kona. Kutiwa ke u Mr. Osborn ute make kuze u Dinizulu nabanye abacela lonto ukuze andule ukuyipendula. EZAPESHEYA KOLWANDLE. EZAPAKATI E AFRICA.— Ke kwafika um Arab epete siqwetshana sincinane sepepa sivela ku General Gordon, sixela ukuba noko basavingcelweyo akukabikonto imbi noko, kodwa yona imikosi ka Mahdi isangqingile. IPEPA lapesheya liti u Dr. Einwald ubale ukuti bekunga- lungayo i England ne Germany zihlangene ngokopula ama Zulu kulankatazo yama Bulu, ukuze kubeko uxolo, ingabiko nendleko nokupalala kwegazi, kude kube se Zambezi. Wohlangana no Lord Derby pambi kokuba adlulele e Berlin. Wobuyela kwa kwa Zulu xa sele vela e Germany. ULULWO NAMA ARAB.—Umkombe osand' ukufika uvela e Ngilane uza nendaba zolulwo pakati kwama Arab, nesebe lomkosi ka General Lord Wolseley, elonganyelwe ngu General Sir Herbert Stewart. Ama Arab aye ngamawaka alishumi 10,000; awasala efile kwelo tafa aba kuma 800 ndawonye nenxwelera. Woyisa u Sir Herbert Stewart.