Title
eng Idabi Elikulu. (ISIG_1885-03-02_i007)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
xho Letter
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i007
Word Count
eng 195
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p006
Page Spread
eng 6.2
Start Page of Article
eng 6
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Kwati ngamhl' utile, kuleminyak' idluleyo, wati umfo otile esiya kukangela inkabi wati tu kumlambo otile, ogama kutiwa ngesi Lungu yi Crocodile, ute tu wabona izinto zimbini zibambene, nqi tu. Ute nqumama, wondela, efun' ukuqonda ukuba ngamaramncwa manina la abambene ngolu hlobo. Elinye uliqondile ukuba esisinci sidladlasholo sesengonyama. Utwetwile, ehamb' esitela ngemiti yomlambo, way'' efun'ukuze abonele kakuhle, nokuze kanjako asiqonde kakuhle nesinye isilo eso, kuba sona sisemanzini, ingonyama ise lunxwemeni. Esondele uqondile ukuba lento intloko imaququtye yingwenya (Alligator). Kuxa ukumkani wozito-zine sele sisamfumfu, kuba ushwankatelwe imilomo nempumlo ligora lakulo ' Tikoloshe.' Ingonyama kubonakala ukuba yayiye kusela ; kauti iya kuzeyelisela. Kute ke, ebonela lomfo, waqonda ukuba ezinto zombini asingawo namandla, zinjalo nje zinegqumo zombini, kuseloko owomhlekazi ungapumeliyo kakuhle. Kute ngelinye ixesha kwabonakala ukuba ingwenya izakutiwa rutyu emlanjeni apa, iti yakuti muku kanobom iseliwute nqo umsila ingonyama, yaye ke injalo nje itsiba-tsiba, kuba ifutelana nokufutelana, seli xatise ngamandla ayo onke : iti ingwenya yakuqonda ukuba, betu ndingaba ndiyemka ukumk' oku nale ndoda, ndaziyo ukuba sendingu 'mfi, itsale ngako konke enako. Kube njalo, kwaba njalo, yabonakala kaloku ingonyama ukuba iyapelelwa, nantso selite xaxe ngentungo emanzini; yaba ngasuka selizenza idlondlosholo akwanceda luto, wayirolela esizibeni umfo wakulo tikoloshe: kwaba kuyapela.