Title
eng Incwadi Zaba Baleli. (ISIG_1885-03-02_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mjamba, George.
Language
Locations Mentioned
eng Auckland
Date
30 January 1884
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i008
Word Count
eng 172
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p007
Page Spread
eng 7.1
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NANGO UMZEKELO ZI NTOMBI. Auckland, 20 January, 1886. NDIFAKELE lamazwana nzwana yakowetu kwelo pepa Iamanene londa- ba. Besinentlanganiso apa yokuvalwa kwezikula kule nyanga. ifileyo. Yangena yazala indlu, satatyatwa ngu Miss Brown isihlalo, ititshala efundisa apa. Yavulwa ngokuti anike onyo indoda umtandnzo emveni koko uhlabele iculo, kwavunywa kwatshiwo ngento emnandi. Yabonakala lentokazi itabata i Bible, yandinika ukuba ndilozeshe, yatyila ku Ezekiel xxxiii—11. Yacela omnye kubafana abafunda e Lovedale ukuba ayikumshele. Yateta lontokazi amazwi endaye ndingawalindele kumntu oyinkazana njengo Miss Brown. Inxenye yazifumana ingaboni lomini. Yagqitywa intlanganiso ngomtandazo. Kwesuka inkosi, yabulela lamazwi, kwesuka namanye amadoda. Yaba mnandi lontlanganiso yomtandazo yalomini. Akwaba bekuyakude kubeko intokazi esinjalo kuhlanga Iwakowetu, eziyakuti zifundise into ezimbini, imfu- ndo nobu Tixo ebantwaneni, njengale ntokazi u Miss Brown. Andi- nantloni ukuti sekude kwati ngemizamo yayo ukumana isenza imita- ndazo ngamaxesha atile evekini, inxenye kubantwana besikula sebebi- zwa ngabazalwana nodade. Naso isiqamo semfundo zintombi zohlanga Iwakowetu ezifundisayo, velisani ama Kristu ezimfundisweni zenu ingabi yimali yodwa enimka nayo, ningashiyi 'nto. Tabatani umze- kelo ku Miss Brown intombi endiyifumana izama ubunyulu. Ndingu- mhlobo wenu futi, GEORGE MJAMBA