Title
eng Isigidimi Sakwa-xosa.' (ISIG_1885-03-02_i009)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
xho Letter
Author of Article
eng J. S. A.
Language
Locations Mentioned
eng Lovedale, Alice
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i009
Word Count
eng 351
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p007
Page Spread
eng 7.1
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Ku MATSHAWE NA MANENE. NDIFUNA ukwenza amazwi malunga ne Sigidimi, endibacela bonke abaxasi baso ukuba bacinga ntonina namhlanje ngaso isimo esikuso. Ekubeni basixasa sisenjengesitombo, banjengabagalela amatontsi amanzi pakati kwazo zonke ingcikivo ezazinje ngelanga zibulala eso sitombo; kwa abo bebelingcikiva bebexela amatubatuba, beti alinandaba, lizixela iz'into sezigqitile, nangapezu koko. Kute kumgama opambili, baye bekala abanye ngokuti omnye umhlati ububa sisi-Ngesi omnye isisi- Xosa, kwaye ke kukalaza abo bangasaziyo isi-Ngesi, ekubonakele umfo we Sigidimi ebavele, wasele emisa i Christian Express. Siqube ke ngolo hlobo, bavakele abamkeli benga singapuma ngapezu koko, kwaye kubonakala ukuba asisekuso isimo sokuqala, sebebaninzi kwindawo ngendawo abamkeli baso, senze ke impembelelo kwabantsundu ukuba baqonde into eliyiyo ipepa lendaba. Kute ngomnye unyaka kweqapu um-Wesile e Rini, waquba—endite sisiqamo se Sigidimi eso, yaye lendawo yokupuma kanye kwaso inga- bakolisile abo sebesiqondile, saye i Sigidimi singayimangali lonto, sikangele kupela endaweni yokuba asiyi kuxaseka ekupumeni kwaso kabini nakatatu ngenyanga, sada ke savakalisa nge 1883 ukuba soke silinge ukuba sinokufumana abamkeli abakumakulu ama 500. Sipume kabini ke kulonyaka udluleyo. Kwavakala umtyangampo wokuba kuza kupuma ipepa e Qonce, ndite eso sisiqamo se Sigidimi. Kuvakele umtyangampo kwa Daliwe (Cathcart), ndite sisiqamo eso se Sigidimi, endingati ngazwinye sekusweleke abaxasi emaninzi amapepa wona afuna ukupuma ngempembelelo ye Sigidimi esi. Besendite nicinga ntonina nge Sigidimi? Nantsi ke into endenza ukuba ndibuze lombuzo—njengokuba namhla kuko amanye amapepa apumayo nje, bebaninzi endibeva beteta ngokusilahla Isigidimi, kunokwenzeka na kanene ukuba kulahlwe unozala? Kuba nantsi into enkulu ejongwe ngabakupi bamapepa, kukuba axaseke onke kungabiko lifayo, kuba kuseko amanye esingenawo endikolwa ukuba sisindwa yinteto yesi-Sutu nesi-Tshaka esingesiwaxasa, kuba amapepa amabini engekapumi ebendike ndawakankanya, enditemba ukuba oti akupuma nawo axaseke. Yena uma lo wetu masimkwezelele ngakumbi ukuba abe shushu, upume lomoya kuti, lize liti nesebe elo lise Qonce sili- kwezele nalo ngakunye kude kuvele ezinye impembelelo zokuba kubeko amanye amagatya antshulayo. Mandime apo okwanamhlanje. J. S. A. [Kuko abashumayeli abateta ngomlomo wodwa besiti yenzani ok uti- le nokutile, zabe izenzo zinganq'inelani nenteto zabo. Lombaleli wetu,— lonyaka wobuko betu namhla ngoweshumi elinesihlanu simazi. Igama lake alizange lingabiko encwadini yabamkeli nabaxasi be Sigidimi. Inteto yake ifanele ukupulapulwa, wabe eyicanile ukuyibalisa inyaniso yendawo-ndawo zokuqama kwe Sigidimi, nala magatya ati ngawo avele ku Nozala.—EDITOR Isigidimi]