Title
eng imvo' Ne 'sigidimi.' (ISIG_1885-03-02_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
xho Letter
Author of Article
eng Mntu-nabanye.
Language
Locations Mentioned
eng Ntswelamanzi, Lovedale
Date
23 February 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i010
Word Count
eng 317
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p007
Page Spread
eng 7.2
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Ntswelamanzi, Lovedale, February 23,1885. NKOSI MHLELI WE Sigidimi :— Ta'rhu ameva, kwelo pepa lakowetu. Ndisuswa yintwana incinane, kodwa ibe nkulu kum ndiyibone kwipepa lase Qonce, eli kutiwa Zimvo Zabantsundu kwincwadi yomnye wababaleli belopepa, ogama lingu ' Mntuyedwa' wase Kimberley, e Dayimani. Kuqala ndisuswa yindawo ati xa abekisa e Sigidimini, esola indawo yokuba sona singavakalisanga mvo yaso, ngelo pepa lase Qonce, pofu eti singunozala, asinyelise ngenteto ob'usand'ukuyicacisa mhlope Mhleli kwesidluleyo Isigidimi, ukuba yeyase burwadeni, yasemasi- kisini, kuba lonteto iyona kwanyulwa yona kwikomkulu lobunyama, ukuba kutetwe ngayo xa sukuba kukwa ntonjane, inkundla yento ezit'amanqe, nezenzo ezihambisa umzimba, endingalusizi ukuba kungade kufuneke ukuba ndizibonakalise kweli pepa lisi Sigidimi. Pezu koko, umhlobo wetu unyule leyo kanye ayibonileyo ukuba yeyona ifanele ukusingiswa kwi Sigidimi injenjenje uburwada bayo. Okwesibini, ndisuswa yindawo ati umhlobo wetu xa ateta ngabafundisi, ati ' bebebadyoba oyise, atsho ati bebebany'ukutya.' Kwanazo ezi andizi kuzingena, nasemibuzweni enjengokuti, ' Bebedyojwa nga- ntonina, bebenyukutywa nganina? ' Atsho ati ke bebeti oyise baguqe ngamadolo benze Usombutyu' nalendawo ikwafana neyokuqala ngobuntlondi bayo. Nditi ke makowetu akukakanyi na nangoku ukuba kuyafuneka kuti ukuba siyazi inteto yakowetu nqo, siyigoce ukuze singafunyanwa siyimibandela ebuzweni betu esiti sibubo, ngenxa yokuba singayazi inteto yakowetu; sihamba ngomkuba njengemfama, siseyela ezigingqini ebesinokuzipepa xa besiyazi inteto leyo. Kunjalo nje sinxamele kakulu kwenqabe nangapezu kwaleyo yetu, nayo ke siyawa kuyirwalasa sibe kwazisulu nalapo zokubetwa elupondweni, kuba kungeko bani uyakuke avume nenteto yakowabo ukuba ingacokiswa ukutetwa noku- balwa kwayo, engoko, nob'etanda ukuyona wode abe ngango Mancapa Isi-Xosa kupelile sesimi kupelile akusokubuye kutini sesishicilelwe nje kule Nguqulo Intsha, no Hambo lo Mhambi. Uxolo Mhleli, ndim u MNTU-NABANYE. [Lencwadi ka ' Mntu-Nabanye' siyifaka nje, akungakuba sikolisene nalondawo, kuba ubefanele ukuyitumela kwi Mvo; kuba eli ipepa aliyiyo inkundla yokulwela abatanda ukubongwa kwe Mvo ngabayibongayo; nabahlanganisela Isigidimi kwezo mbokotwe zisixulubayo. Sona Isigidimi sijonge kwinteto endilekileyo, enesidima. Kakade besite tu nje,—singancomi, singagxeki,—besifuna ukuba u Ntamekana ade ake ahliwe zimvuma, kona woqala ambone unina mhlaumbi amtande, angamyekeleli ukuba abe yinto yokutukwa ngababeleki bake esiva. —EDITOR Isigidimi]