Title
eng Otelela Umxube. (ISIG_1885-03-02_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
xho Letter
Author of Article
eng Nombombo Wase Maxambeni
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i011
Word Count
eng 544
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p007
Page Spread
eng 7.2-8.1
Start Page of Article
eng 7
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Imvo Zabantsundu ziyakalaza ngenteto ye Sigidimi senyanga edluleyo malunga nenteto ka Mr. MAKIWANE. Kodwa zivubisile ukusiva; kuba inteto ye Sigidimi ayinyolulanga nteto leyo ka Mr. MAKIWANE, site sasingela pakati ubuninzi benteto-nteto, nencwadi-ncwadi zolohlobo ezite kutsha nje zenza umndilili ukutetwa nokushicilelwa kwazo. Site ke Isigidimi zonke ezonteto sazifanisa nelidlu elihle, esite yi ' bubble'—mhlaumbi amadlu amagwebu,—ngenxa yale ndawo ke yokuba kusiti kweloxa tina lutsha luntsundu sizonwabisayo, mhlaumbi sisonwabisa abanye ngenteto, nokuba zezentlanganisona, kuxa wona amadoda amhlope kwa naba Fundisi belo bala, basebenza lomsebenzi wokufundisa abantsundu, nokwandisa ukukanya kweli lizwe. Kungaba akutetwa yona inyaniso ukuba iyalandulwa indawo yokuba aziko inteto zamadodana antsundu eziwuxulubileyo, ezinye zapuma gqi egusheni, mhlaumbi zauxuluba bukwabasa, umsebenzi waba Fundisi, ezinje ngokuti 'Awupumelelanga kakuhle ukuza kufikisa kwezi zigama,' mhlaumbi ' Isiqalo esenzekileyo sokusekwa kwe mfundo pakati kwa bantsundu siposisekile, sigwenxa,' nezinya ezinjalo. Kumhlope ukuba inteto ezinje, ese sizigwebe sati zibeda amadlaba, asikona oko kuncedisa kunomkita kwabafundisa abantsundu. Singadanga sibe NOKUZENZELA uluto tina ngokwetu, okanye saba siveza icebo elilona lifanele ukwamkelwa, besifanele ukuti kanye sesitshingwa ekuwunyeliseni umsebenzi wabo, lo siti ngawo, 'awupumelelanga ' unjalo nje ' awusekwanga kakuhle,' njalo-njalo. Kweli pepa lika Mr. MAKIWANE sicapula ekuqukumbe- leni kwake ndawo 'nye esekubonakala iyiyo kanye enomdla, neselite ikakulu kwacatshulwa kuyo ngamapepa anje nge Journal, namanye amapepa ama-Ngesi; le iti:— ' Mandidlulele kweyokufika kuka General Warren kweli lizwe, into ke Jeyo esingefumane sicwaka malunga nayo. Besinga singati kwezo ndawana sikuzo zetu, sincedise eku wuqubeleni pambili lomsebenzi angawo. Mhlaumbi akukukulu esingakwenzayo kulo mcimbi, noko ke, mabe lowo enze anako ukukwenza. Kule veki idluleyo bendise ntlanganisweni ebixoxa ngento ezitile. Ndivuye ndancama akuti omnye wabebeteta ongu Mbovane Mabandla, 'Makowetu u Mntan'omhle u lokuba kupelo incuku ezingendawo zobudenge, namhla siyendiselana siyazekelana, kolwa ukuba abo bazeke ama-Xosakazi, ama-Mfengukazi, abe-Sutukazi, &c. abayi kungena kweso sikula senteto nangonyawo. Indawo yokuba amakwenkwe antsundu akapumelalanga eluviweni esi-Xoseni, into ke leyo eyaxoxwa kunene ngamapapa, andingeyingoni kuba andazi ukuba ayeviwa ngobanina, ababesifunde pina isi-Xosa, kuzipina incwadi zesi-Xosa. Ukuba bako abanokuva abanye ngesi-Xosa bengazango bafunde e Collegeni yesi-Xosa singaba isi-Xosa sinokufundwa ngumntu wonke ngalondlela safundwa ngayo zi Examiners. Tarwameva nkosi yam, ndingu NOMBOMBO WASE MAXAMBENI. [Kulusizi kanye ngendawo yokuba ngati umbali wale ncwadi akayi- landelanga kakuhle inteto ka Mr. Maneli ngo mxube, neye Sigidimi kwangalondawo. Kuba xa eb'esilandele kakuhle ango eqondile ukuba into ekutetwa ngayo sisi-Xosa, akutotwa nto ngesi-Ntinde, Gquntikwebe, Tembu, tyalo-njalo, ukuba ziko inteto ezinjalo ; kodwa tina sikwa ngabantsundu nje asizanga sizive. Onke amakomkulu anamabotwe awo; amabotwe anamaziko awo, amaziko anenkundla zawo; kanti ke yonke lonto ipehlela ndaweninye. Oko ke kukuti zonke izibaxa ezikoyo zengcambu ka Xosa, nokuba zilunge emaziko, nenkundla entile, zaza ke ngoko zadunyelwa ngamagama onyana nabazukulwana baka Xosa, asikuko ke oko ukuti sezizezinye intlanga namhla, njengoko umhlobo wetu avakalisa njalo xa ateta ngesi Ngqika. Asiyazi tina lonteto, sazi isi-Xosa. Kauve ke nawe mlesi ukuba ungati kukutinina ke oko. Umhlobo wetu simcela ukuba ake asifunde kwakona Isigidimi, mhlaumbi woqonda. Kanjalo pakati kwendawo azitetileyo nge Examiners ngokusazi nokungasazi kwazo isi-Xosa okwetu tina besi- ngayi kuba namandla okuteta ngolohlobo kubantu abazalelwe kuso kanye isi-Xosa sisahlambulukile, koko kambe uyazi yena apo azi ngakona umbaleli wetu. Kanjalo enye indawo uti umxube ulunge kuba uza kupelisa incuku ezingendawo zobudenge, kuba namhla sekuzekeIwana. Iti londawo singayiva ngakumbi apo ibekisa kona, seyiqondwa ngumniniyo, kuba tina asazi ukuba isi-Xosa hlelinje saka samangala ukuba kungazekelwana yada ngoko londawo yazanyiselwa ngumxube lowo ati umhlobo wetu, bona bantsundu bafuna wona.—EDITOR Isigidimi.]