Title
eng Umxube Wesi-xosa. (ISIG_1885-03-02_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng Ganda, Elijah.
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-03-02
Identifier
eng ISIG_1885-03-02_i012
Word Count
eng 130
Print Page
eng ISIG_1885-03-02_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NKOSI,—Incwadi yenene u J. Maneli indibangela ukuba ndiyipendule. Liti elonene ' nawe ka Ganda ukwafana nabo bazalwana babini kuba kwakumgca wokuqala wenteto yako ufake isi-Ngesi.' Ndakuba ndi- qwalasele kwinteto yam, ndifumana lingu ' Mr.' ilizwi endalitetayo lase Mlungwini. Ke kusalungile xa kunjalo, nam ndiyakuvumela, masipele, sitshatyalaliswe isi-Ngesi e Sigidimini Sakwa-Xosa—kodwa akuqondi na ukuba uposisile kanye, ngokufaka lamazwi esi-Ngesi endiza kuwakankanya ngase zantsi, yabe lomazwi ingocasene nawo, ekubeni asetyenziswe e Sigidimini, ote ngokungapezulu emveni kokuba omnye epulapule intshumayelo yako emnandi kunene, kwanecaziweyo ngokwaneleyo ambangela ukuba agxeke. Nditi lamazwi ' of course,' ' in fact,' ' only ' ' triumphantly too,' ' October,' ' S. Augustine's College,' ' Canterbury,' ' December; ' ungewungawasebenzisanga ukuze uqondakale ekuhleni, ukuba uti isi-Ngesi masipele e Sigidimini. Ngazwinye ukumshe ngapezulu kwam. Owako otobekileyo, ELIJAH GANDA. Dodoloro, 14 Ndozosela, 1885.