Title
eng Isigidimi Sama-xosa. (ISIG_1885-09-01_i001)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-09-01
Identifier
eng ISIG_1885-09-01_i001
Word Count
eng 101
Print Page
eng ISIG_1885-09-01_p001
Page Spread
eng 1.1
Start Page of Article
eng 1
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWE-SIBINI, SEPTEMBER 1 1885. KUBAXASI BE SIGIDIMI. ZIYASIKUTAZA kunene incwadi ngencwadi ezifika ngokufika, zincoma ukubukeka, nokubekeka kwe Sigidimi. Site kodwa sakuwapicota amagama abamkeli baso, safumana ukuba inxenye yanela ukuncoma oko, inxaso seyinexesha ingayitumeli. Kule nyanga inani elingapezulu kwama 60 anqunyulwe amapepa alo, lide litumele oko kulindelweyo kulo. Asikagqibi ukuwapumela ingqina amagama asasibambe imali, ngenyanga ezayo sonqamla amanye, ukuba abaniniwo abatanga baputumise ukuvingca izikweliti zabo. Isigidimi ngoku sibiza isheleni ezintlanu (5s.) kupela ngonyaka, imalana elula ke leyo, ekungafanele kufunyanwa nkatazo ekuyitumeleni. Siya kuba lusizi ukubuye sisike amanye amashumi amatandatu ngo October; kodwa ngale nyanga sisaqale ngaba zikweliti zipakati kwe sheleni ezi 15s. neponti emnye.