Title
eng Amabakala. (ISIG_1885-09-01_i003)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-09-01
Identifier
eng ISIG_1885-09-01_i003
Word Count
eng 829
Print Page
eng ISIG_1885-09-01_p001
Page Spread
eng 1.2
Start Page of Article
eng 1
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Ke kwabako indwendwe ezingo Nyawontle abanje ngo Revs. Dower, J. D. Don. no Mr. J. Weir. Bauzimaseke kunene umzi lo wage Lovedale, kwamnandi kunene ukubona eloxego lingu Mr. Weir, kwano Mr. Don, wase Qonce, lowo ungomnye waba mangalelweyo ngenxa yokutetelela ubulungisa. U Mr. Dower, umfundisi wase Kokstadt, ubezise onyana ababini emfundweni yase Lovedale. *** Omnye obelapa ngu Rev. T. Durant Philip, B.A., wase Graaff Reint, obeze kulungisela ukufudukela e Lovedale ngo October, ukuze aqale umsebenzi wake wobu Professor, ukuncedisa imfundo epezulu e Lovedale, nje ngo manyano ekuvunyelwene ngalo yi Free Church ne ' Dipende,' ne United Presbyterian. *** IMVUSELELO ENKULU. Kuyabonakala ukuba i Nkosi iyabapendula abantu bayo kwimitandazo yabo, abayiqale ngo July kule remente ka Rev. P. J. Mzimba, ise Lovedale nakwa Gqumahashe Liyamanga- lisa kakulu inani elimane lizinikela e Nkosini, kususela kuba ntwana kude kuye kwabakulu. Kuzo zonke indawo eke yenziwa kuzo lemitandazo, ibe nentsikelelo ete yabonakala, yavakala kumntu wonke. Kumkumbuza wonke ubani ocinga- yo, ngamadinga ka Tixo ubunyaniso bawo, ukuba izicelo zabantu bake wozipulapula. Kuvakala kanjalo ukuba lemvu- selelo iko kwimizi enjenge Peelton, noma Qonce, kude kube se Humansdorp, njengoko zitshoyo indaba ezivela kwezo ndawo. *** Kuke kwawa namaqwa ate anyakamisa umhlaba, ade aba yimvula ekulinywe ngayo kwezinye indawo. Kwahlwayelwa ozingqolowa, nozintanga, njalo-njalo; nezinye intwanantwana ezikaulezisa ukugxota indlala. Naleyo indawo ikwabonisa ukunyaniseka kwedinga lika Tixo, kule ndawo iti : ' Funani kuqala umbuso ka Tixo, nobulungisa bawo; zoti zonke ezinye izinto nizongezwe.' Isicelo sabantu baka Tixo ibe sesokuba atumele Umoya Oyingcwele ebantwini; ukuba abafundise, abakanyisele abantu, bamamkele u Tende lobomi. *** Kuyavakala ukuba imvula ziyana kunene ngase Bayi, na- kwezinye indawo. Sifanele ukuyicela singayeki imvula a Nkosini, kodwa ke simbulele kuti tu bonke ubuti esihleli nabo esibumbeleyo ezintenteni zentliziyo zetu nje ngo Akana wakudala. Masiqiwule owokugqibela umngqi wentsimbi yesono esiyite gatya emiqaleni yetu, esisambalo setu esinyeke- la kuso xa ukuba singavumi ukwenza imiyalelo yalowo ungu Mnini wetu, sitene qwe naye ngendlela ezininzi. Mbululani konke nozi ntlemu makowetu, yiyo le igqibisa ukutya sakukupiwa, ngoku kusila kwebu, sipika sakuxelelwa ngabasitandayo, besiti, ' Yekani lo mgqepe, niya kutshabalala,' samane silibele kukuti, ' hayi tina, kupela kwamasi etu.' Yabonanike! *** Bonke abantu bayavelana kakulu nesililo esipuma e Masi- doniya eli Dayimani ngenxa yokungabi nabani kwayo. Kungakumbi kona kwabaziyo ukuba kanene abobantu bebeta isililo nje banyamsile, kuba abo bebeke bazibonela bona ngawabo amehlo, bazivela ngezabo indlebe izililo ngezililo zabelozwe, belila ngezwi elikulu besiti, ' Akuko nabulau na e Giliyadi, akuseko na gqira na kona? Zifanele ukutandazelwa iremente zalomzi mkulu kunene, unezigidi-gidi zabantu abantsundu kwanamanye amabala, abantu ekuyinene ukuba ubona baninzi abaliva ndawo ilizwi le Nkosi. *** Le yindawo yokukangelwa kunene itetwe ngabantu base Dayimani batunyelwe abafundisi belizwi lika Tixo, amaqawe, ne njengele ezibiziweyo ngu Moya ka Tixo ukupu- tuma imipefumlo epangwayo, netinjwayo ngongendawo. Amadoda axobe isixobo sika Tixo sipela, amadoda aya kucanda nase maziko, ebushushwini obusilongo-longo bezilingo zalomzi, ekungatshiwo ngokulula ukutiwa, ' Kuse Msitweni wakwa Lambatayo,' apo lento kutiwa yinyaniso iswelekileyo, iti nentwana eti take yayo iti yakwalanywa selibetelwa intsimbi itengiswe kubantu bangapandle abaya kumka nayo ipume emzini. Kuluvuyo ukwazi ukuba nakonapo bako abanyani- sekileyo be Nkosi. ' Ma! ' yavakal'isitsho intombazana kunina,—' umgxotele nina u Tom egumbini paya? 'Ngokuba enencwangu, enxamele ukuluma.' Ipendule yati: ' Lonto ayilungile nimdlel'indlala, kuba izolw'eli ubawo ubeluma u Miss Semibreve lo usifundisa ukuvuma, wamluma kwada kwakatatu nakane esidleleni, kanti ke yena akamgxotanga ati makapume kwelo gumbi.' Kuko inja ebidla ngokupiwa ipeni yonke lemihla kusasa, ukuba iye kuzitengela izonka. Kute ngomnyo umhla kanti umbaki uyinike zise shushu, yatsha yagqibela xa iziginyayo. Kute kwakusa yafika kwane poni yayo, yafika yambonisa nje kodwa umbaki namhla, yekwitshi yemka nayo, yaya kwindlu ebikangelene naleyo apo yaseliba ngumtengi osigxina wakona. Uvakel' u Nantsi, obemi kwangakona esiti: Kuko imbali eyole yagqita ngapezu kwaleyo. Udade wetu ubekwa nenja ebinikwa kwa ipeni yonke lemihla, ukuba iye kuzitengela kwa ezo njiko zezonka; kodwa yona ibiti kanti iyayiqokelela lsukiti ekupeleni kweveki iye kuzitengela isoseji.' Baninzi ngaleminyaka abavakalayo ngento abazenzayo, nabazibalayo emapepeni, nezivakala kamnandi, nezenza ityene- ba kubahlali bazo. Kanjalo ikwaninzi kalokunje into yokuti umntu xa yena ngokwake angayaziyo into etile, ati yakwe- nziwa ngoyaziyo, liti ukumnxala kwalo ikwele lide limxake, afane namhla kwamiwa umka Eolibeta lu tiniko, Iona lwam- ma lwade lwamxaka. Akuko nentlonana ezi konjalo ukusel- esiti ukuncama kwake avakale selesiti mna ndiyayipikisa yonke lento ibalwe ngu nantsi ndiyayazi mna ukuba ayinje- ngoko ibalwe njalo, kanti esitsho nje leyo yake iyona iyiyo, zinkani ezo kupela. Kuko iqalo lase Mangesini eliti—' Ukuba iminqweno ibinga- mahashe ngekukwela namangqiba.' Baninzi abati bakuyi nqwe- nela into, wumbi aselewatyala namabbngo ake, eyenza eyake ade ati ngenxa yamabongo lawo axelele nabantu njalo, ati yena unezingwe xa azinqwenelayo, ati unokwazi xa akunqwenelayo njalo-njalo. Abo bantu ukubizwa kwabo kutiwa ngo Tyal' ibongo. Kuya bonakala ukuba kona ngaleminyakana baya- kauleza ukwanda, into kodwa elusizi kukuba beya kufa na- manqwa bengadange babe zizinto abazikumbulela ukuba bazizo xa batyala amabongo angapumeleliyo. Sukuba umntu eselezixamla ezenza intlekisa ukuti akubona u kazini wake efanelwe yibatyi, ide yamsika, ati ukuxela ebantwini, ' Nibona njeke. yibatyi yam leya, wati ndakuyinxiba wasuke wanga ugxota umshologu ukuyigxeka. Ndase ndiyilahlake, nimbona eseletsole ngayo nje.' Asi kwamnqweno kona, kufuneka izenzo ezinobunqina, sisa diniwe zimfundekela ezinokunyanyezelwa ngaba ndlebe ziqele intsholo yamasele, neyo nocebeyi, nama gogode.