Title
eng Izinto Ngezinto. (ISIG_1885-09-01_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-09-01
Identifier
eng ISIG_1885-09-01_i008
Word Count
eng 606
Print Page
eng ISIG_1885-09-01_p004
Page Spread
eng 4.2-5.1
Start Page of Article
eng 4
End Page of Article
eng 5
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
KUBABALELANI. -Incwadi ezingumbeko zezika 'E. Mabuya,' neka ' P. M. M. P,' INKOSIKAZI U Sutu, unina ka Sandile, ubube kule nyanga ifileyo e Mgwali, lo wakwa Ngqika. Ubuhle e Nkosini, abete ebudaleni bake wayamkela. Ama Ngqika, nawo onke ama Rarabe makamkele lombiko. KULUVUTO olukulu kuti sonke ukubona emapepeni ukuba umzukulwana ka Kubone, u Mbovane, ukululekile kwizityolo awaye botshwe ngazo, engena tyala, nokuba uza kubuyiselwa kwase bukosini bake. KUBUBE e Rini indoda enkulu, engu Dean Williams. Ibali layo lilusizi lempambano ngempambano ne bandla lakowayo, nendlu yayo. ldolopu yase Rini ipinyapinyene negama lalo mnumzana, nobume benkatazo zokupila kwake. UKUFUNWA KWE FAMA.—Ati amapepa kuko iqela elikulu kunene lama Bulu awesuka kwa Komani, Alvani, nase Tsomo, esinge e Mampondweni nge ngqesho yefama. Ute pofu u Mdlangazo ebekolwa yena yilonto, wati a Mqikela akuhlanganisa amapakati ayavumeleka londawo. IPEPA eliyi frontier Guardian liti uti obala ese Cala, e Batenjini, ' Onke amapolisa abese Ngcobo, anikwe umteto wokuba alunge, kuba kulindeleke ukuliwa pakati kwama Mfengu naba Tembu. Apetwe ngu Lieutenant Woon, aseleke ahlula impi ekwanjalo kwi veki ezimbini ezidluleyo.' Iyawa yininale mhlambi untsundu? KWA BOMVANA.—Ati amapepa kuke kwaqubisana u Sarili no Major Elliot, waye u Rili eteta ngendawo zokuba sehlatini kwake, nokunga angakutshwa, ecela umhlaba, ati ke ukutshiwe, waupiwa nomhlaba lowo, namhla naye uvume ukurafa ndawonye nabantu bake. Kuvakala ukuba ngalo mini waye namakulu amatatu (300) amadoda. UKUHLABA INTLUKUHLA.— Liti ipepa lase Qonce kute ngase Nyara (Bedford), kwi fama ka Mr. Van Aardt, kanti kulele mfo utile wakwa Bangisa (um-Xosa) kwasa ehle nomcinga, kwasa kuko imazi yenkomo edulileyo nenxeba elibi esiswini. Ite yakuhlinzwa, yakuqangqululwa kwa funyanwa isigixi pakati. Fan'ukuba umfomkulu ube fun'ukuze ake ahlomle, ancinde nokuncinda. AMADUNTSU-DUNTSU.—Liti ipepa lase Monti kute ngamhla utile e Panmure pezulu, aye emane ekangakangela amapolisa ngokuhlwa, abona amadoda amatandatu antsundu etwele iziqushulu ngenxowa, asel'esonda ngawo, hayi naw'o lamadoda asel'elwaka uludwe, kwaqubisana, yangama nka-nka-nka. Kwati kuba lempi imhlope ayiziqondi kakuhle intonga ukulwa ngazo ayabetwa nje, yatshikilelwa, zati induma ezi kwakubi, yati leminqwazi imakowe, inxenye igwangqa ilukuni yamapolisa kutiwa zi helmet watyumza ngentonga umntu. Kute kaloku umbuliso wokuba kwuhlukwanwe, zarola imbokotwe inkewu, zatsho kwulumezu, zandula ukuncacela neziqushulu zazo, kungaseko bani usanqwena nto. Kwi PEPA lase Qonce sibone indawo yokuba i Farmers' Association yase Mtonjeni (Kei Road) igqibe kwelokuba imeme u Mhleli we Mvo Zabantsundu, ukuze ke kuxutyushwane ngendawo zepasi, kuba abanye besiti yiyona nto imfaneleyo wonke umntu ontsundu, kuba impahla ipela ngubo, baye abanye besiti yeyona nto igqibisa impahla kanye ipasi le. Tina okwetu besiya kuti u Mhleli we Mvo makangayi kulo ntlanganiso, kungengakuba soyikela ukuti woyiswa ngezizatu zokungafaneleki kwale pasi, sijonge endaweni yoluhlu, kuba kuya ngoluhlu kwintlanganiso ezinjalo, ngokukodwa leyo inababinqeli bayo kanye lepasi. Ke siti woba ngu mnxunu, aze alile ngeliti, ' Ukuzalwa wedwa ngu mlu wa nyama.' IBALI ELIMDAKA.—Kutiwa kuhle into embi kwesika Siwani kufupi nje. Kute mfo utile wafumana inxowa yokutya e Qonce. Efikile ekaya nayo uqube umfazi wake ukuba baye entlombeni, akavuma umfazi, yomka ke yodwa indoda leyo. Kute kumzuzwana imkile, gungqu intokazi zimbini. Enye ifike yaselisiti, ' Kaupe ukutya mfazi ndini.' Omnye, ' Yinina unxamele nina unesabelo nje kade? Kaulinde ide ifike indoda, iqaqwe yiyo inxowa.' Omnye, ' Hayi ndisifuna ngoku mna esam isabelo,' Zite gqi kwa oko ezi ntokazi. Zipindile kwakona, sezipete amaboso ngoku, yafika enye yakwela ngase ntloko, enye yamti shici ngase zantsi, bayinqamla intloko bayiposa paya, bayitwala inxowa leyo bemka nayo. Bati ke o Norauzana ite ifika indoda yafika ucango luvulekile andlwini, umfazi enqunyulwe intloko, inxowa ingeko. Yaseliya kuwuhlaba umkosi ngale ntloko yomkayo kula ndlu inentlombe. Into ke abati ibe luncedo, lamfazi ubadiweyo ubesele nenkwenkwana encinane, ete yona xa abulawayo, yay'ivele ngamehlo emseleni. Kute ke kwakubuzwa yayicancata yonke lento njengokwenzeka kwayo. Kutiwa ke abo bantu base ntangeni, nelo tyala sebelivumile. [Lumkani bo Nonantsi, umhlab'udlokovile, ningabulawelwa ezindlwini zenu ngenxa yokuba nina nisasula imilomo.—ED. Sigidimi.]