Title
eng Ezase Natala. (ISIG_1885-09-01_i010)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-09-01
Identifier
eng ISIG_1885-09-01_i010
Word Count
eng 363
Print Page
eng ISIG_1885-09-01_p005
Page Spread
eng 5.1-5.2
Start Page of Article
eng 5
End Page of Article
eng 5
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
LITI ipepa lase Natala, impi yakwa Zulu iyaxoba, ukuxobela u Sibebu, owele umda wase Mlungwini, wabekisa e Swazini.AMABULU azifake amatole, kuba engakwazi okukona kukuko, nanga kuyipi kwezo mpi. Inxenye yawo ibekise e Transvaal, amaninzi awelele ngaponotshono ko mlambo oyi Bloodriver. EZASE NATAL.— Kube luvuyo olukulu ukubona kwipepa lose Natal, i Natalian, ukuba bekuko intlanganiso yotitshala kona ngo July ngosuku lwe 7 efana kwanale ibise Pirie nge 14 ne 15 kwaku July 1885. Siva ukuba inkoliso yamalungu ayo azintloko ikwa ngabetu abebefunda kwase Lovedale apa. Kanjalo savuya sakubona kuko namalungu angumtinjana kwanje ngale yelilizwe lakowetu. SIVA ukuba kute ekunyulweni kwamalungu azintloko yati i President yangu Mr. Jacob Xaba; i Vice President Mr. Naphtali Kumalo; i Secretary Mr. Solomon Kumalo ; i Treasurer Mr. Saul Msane. Nayo kubonakala ukuba imise- lwe ukuhlangana kabini ngonyaka, ngo July nango January. Pambili 'nto zakowetu kuzo zonke izinto zasekukanyeni nezokugxota ubumnyama kule Africa. Kwi ngqungqutela yentlanganiso yabafundisi ebise Natala, kuveliswe indawo yesicelo esasenziwe liwaka linye linamakulu mahlanu 1,500 abantsundu esasibekiswe ku Rulumente wakona, esimalunga yokuzeka kwabantsundu kune zitembu. Ee, kuveliswe indawo eti, uti u Rulumente ngumfazi otshate ngelase sikolweni yedwa oyakuvunywa ngumteto ukuba nguye umfazi odudelweyo, noyinkosikazi eyakuzala indla-mafa. KANJALO kuxoxwe kunene ngekazi kulontlanganiso nentlobo-ntlobo zezigwebo ezigwebe ngazo imantyi kuma- tyala olobolo, into ebete kwe makata kwabantsundu baku- yiva, babideka kanye ezingqondweni zabo. IMBALI YE GILASI YE WAYIN.— Litsho ipepa lase Natala ukuti:—Kwake kwati kwe lama French u Louis Philip, u Kumkani wase France, wayenonyana u Duke ye Orleans, waye enguye oyinkulu kuyise obedla ngokusela inani elitile legilase, engazanga agqitise kwelonani, kanjalo engazange asele ngapantsi kwalo. Eute lomhla wapuma e Paris ukuya kungena kwibuto (regiment) abelunge kulo, wati kuba waye ngungwe kunene zizihlobo xa kudliwa ibulakufesi, wati kanti namhla ulibele ukubala igilasi aziselavo, kantike namhla ugqitise ngagilasi nye. Ute xakwelayo ekalini, gqududu wakubeka, otuka namahashe ade abaleka. Ukuba i Duke leyo yayi pilile engqondweni yayo 'ngeyitsibile yabeta pantsi yemisa ngenyawo zayo, kodwa ite yakulinga ukutsiba, suke yaya kubeteka ngentloko ematyeni, la aga- ngate esitrateni, yabehle yaqauka yafa. Lo gilasi inye ye wayine yalubukuqa lonke ulaulo ebeluse Orleans, basuka abantu bakona bango kaka-kampetu bapulukwa yimfuyo yabo yonke, exabiso likwi zigidi ezingamashumi omabini £20,000,000 eponti. [Lumkela umgqepe, nokuba ngowe Ntlelemu (umqomboti) nokuba ngowe wayine.—ED. Isigi- dimi.]