Title
eng Incwadi Zaba Baleli. (ISIG_1885-09-01_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Announcement
xho Letter
Author of Article
eng Jamba, George
eng Gqoba, W.W.
eng Vimbe, John
eng Wella, N.O.N
eng William, Sekeleni.
Language
Locations Mentioned
eng Auckland
eng King Williams Town
eng Kokstadt
Newspaper Code
eng ISIG_1885-09-01
Identifier
eng ISIG_1885-09-01_i011
Word Count
eng 852
Print Page
eng ISIG_1885-09-05
Page Spread
eng 5.2-6.3
Start Page of Article
eng 5
End Page of Article
eng 6
Print Column
eng 2
eng 3
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
ISIMILO ESIHLE. NKOSI yam ebekekileyo, Mhleli wendaba zakowetu, ndifakele la mazwana am kwelo pepa lamanene. Ngomhla we 4 ku August kutshate u Mr. J. Mangqongoza no Miss Rosi Mayekiso. Batshatiswe ngu Rev. James Read walapa. Nzwana yakowetu, kuko into endiyi- p'aulayo kulo mtshato, nakuba kade kutshatwa apa. Ute umfundisi akugqiba ukubandakanya ngommiso, ndabona kusuka omdala u Mr. Scheepers, epete incwadi ezimbini, i Bible enkulu ne Culo. Yateta londoda umazwi amnandi, ibonisa isimilo sika Rosi, into abeyiyo lonke ixesha abepantsi ko titshala wake. Wavakalisa ukuba namhla le Bible, uyitukwa ngu mfundisikazi wake u Miss Brown. Wati, le Bible ibonisa ubunjani bomsebenzi wake ngalo lonke ixesha ebepantsi kwake u (Miss Brown), kuqula njengo mtana wesikula, emveni koko waba, ngu mncedisi esikuleni, wada namhla watatyatwa ngu Mr. Mngqo- ngoza eyintombazana emsulwa, engazange yenze mpazamiso kuye. Ndati ndakukangela kulo titshala yake, ndayibona isuke yaguquka ubuso bayo banto yimbi, ngenxa yosizi eyayinalo ngenxa ka Rosi, ndayiqonda kakuhle, kuba ndim owaye toliku. Wavakalisa kwakona omdala ukuba eli Culo ulinikwa nga bantwana besi kula, ikwa libaso. Mhleli, andina kuwagqiba amazwi awabekiswa ku Rosi ngenxa yesimilo sake. Nani ndiya mnqinela u Miss Brown, nomdala, ukuti lentombazana ayizange iyikataze neramente, kuba yeyo mteto. Ndiya temba ukuba iminyaka yayo li 12 ingu mramente. Ayiso nayise, wabuba. Kodwa umfundisikazi wayo wuyilungiselela njenge ntombi eno yise, yanxiba kukuhle. Mundigqibe ngeliti | Zintombi zase zikolweni tabatani isimilo sika Rosi, ukuba nifuna ukwenda kakuhle, ukuba nifuna ukuba beze bonke abantu emitshatweni yenu. Musani ukumana nikupa inyembezi zoyihlo nonyoko, yibani nobulali, yibani nencasa. Musani ukwabelana nabahedeni. Naso isimilo sika Rosi emka emsulwa, enge- nabala, nasisihlu.' Kambe Miss Mayekiso woyisile. Hlala kakuhle kufupi kwi Nkosi yako u Somandla. Uxolo Mhleli. Ndiyinkwe- ukwana yakowenu GEOROE MJAMBA. Auckland. SILUSIZI ukuti siyifumene incwadi ka Rev. D. Msikinya, yompanga ka mfi u Rev. S. Mtimkulu singabina kuyifaka. Ke imbangi yoktiba singayifaki kungokuba ibonakele kade kwi Mvo Zabantsundu, yavakalisa konko okunokuveliswa, kwa oku kanye kukule ncwadi itunyelwe e Sigidimini. Kodwa ke noko sekunjalo, i Sigidimi asikuzimunga singa- posi ilitye kweli ncwaba lalo mfo wohlanga, sibe ke ngoko sibonisa ukuba siyalila nabo balilayo. UKUBEKA ILITYE. Umkile mfondini wenzala ka Dlomo, Ushiya indaba ezi sisi homo Kule ndlu ka Hlubi, neka Ngob'izembe, Neyakwa Mtimkulu, neyakwa Kunene. Taruni ma Hlubi nani ma Radebe, Nishiywe nelifa, elo nila belwe Ngulo 'mfo wenzala yentombi ka Bele, Ngenani kwi tende lowaye 'sifele. *** Bacimba ngabanye, besinga ekaya, Beya kudlilifa lo Yise ne Mvana, Baqwab'amapiko etemba nenkolo, Besiv'ukuyola koxolo lomxelo. Bemka benzabele inzeku yobomi, Begwetyelw' impela kwi tyala loboni f Abase zinqambi, sebe zanyiselwe Nge gazi le Mvana eyab'isifele. Bacimba ngabanye kwi ntlanga nge ntlanga, Kwi ndidi nge ndidi zaw'onk'amabala; Akuko sahluko, bagwaba culo 'nye, Akuko na mhlantla, babusa Botwe 'nye. Baye kundileka kulo ngqungqutela Yalo matwala-ndwe atwel' izitsaba, Bavet' ezimblope, zihlanjwe kwi Tende Legazi le Mvana eyab'isifele. Bashiya inkwitshi kuti basasele Yezwi, liti kuti masizicikide, Masizililele, i Nkos'isamkele, Ne zetu izono, 'ze izixolele. Masi ngene nati ku Tende lobomi, Ku Mana ka Tixo ongu Mesiyasi, Sihlale nomrweqe olilw'ikohlombe Legazi le Mvana eyab'isifele. W. W. G. INGXABANO KA NDLAMBE NO NGQIKA. Emihleni yo Ndlambe no Ngqika kwakungeko luxolo kakulu pakati kwabo bobabini. Isizatu sesi: U Rarabe ukunene kuka Palo, wazala amakwenkwe amabini koyinkosikazi yake, u Nojoli, u Mlawu no Ndlambe. Yangu Mlawu oyinkosi. Wafa u Mlawu eseyindodana, waye sashweshwe intombi ezimbini, enye yazala u Ngqika, enye yazala u Ntimbo; wafa u Mlawu ebesand'ukuzeka oyena mfazi, wamshiya esengumlobolokazi engekabi namntwana. Wati u Rarabe ku Ndlambe: ' Nyana wam ngena umfazi womkuluwe wako umzalele abantwana.' Wavumake u Ndlambe, wamzeka wazala inkwenkwe lomfazi wengeno, yafa isel'ikulile. U Ndlambe ngowokugqibela, kwapela ngaye e Maxoseni ukungena umfazi womzalwana womntu Mandibuyele kulawa makwenkwana mabini amashweshwe, u Ngqika no Ntimbo. Kwavuka ukubangisana okukulu kuma Rarabe ngala makwenkwana omabini, abanye besiti inkosi ngu Ngqika ngokuba unina ngum Tembukazi; abanye besiti ngu Ntimbo. Wahluka kubini umzi wama Rarabe ngombango. Kwati ngomhla otile kwafika u Kawuta, eyona nkosi inkulu ku Maxosa onke, umfo ka Qcaleka, eze kubona umzi ngokububa komninawe wake u Mlawu. Ekufikeni kwake u Kawuta wangena ngalomzi uno Ngqika, wabuza ebantwini ngokuti: ' Umninawa akashiyanga mntwana uyinkwenkwena na, kula mashweshwe ake?' Bayipendula inkosi ngokuti: ' Iko,' wati u Kawuta, 'Ipina?' Bamzisa ke u Ngqika pambi kwake, wakulula ubullalu obusentanyeni yake u Kawuta, wabunxiba ku Ngqika. Kwasekuba sekupeleni kwalo mbango. Asel'ebuyela ngacala nye onke ama Barabe ngokuba ukumkani wawo usele yibekile inkosi yawo. Wakula ke u Ngqika wapata ubukumkani bonke bama Rarabe. Ute ke u Ngqika akuba ehleli esihlalweni sobukosi, waqalake ukubiza umzi wakowabo kuyisekazi u Ndlambe, Iowa mzi wengeno. Kwaba kuku- qaleka kocuku olukulu kunene pakati kwabo ekuwubizeni kuka Ngqika lomzi, engavumi nawo u Ndlambe ukuwunikela ku Ngqika. Yayiselifile lankwenkwe eyazalwa ngu Ndlambe kumka Mlawu umkuluwe wake. Yafa iselikulile, (ndikohliwe ligama layo.) Kwada kwaciteka igazi elininzi kakulu lama Ndlambe ngeduli olikulu lase Xuxuwa ngokulwa kuka Ngqika no Ndlambe ngenxa yalomzi. Mandime apa bandla lakowetu lama Ngqika, ndiyanibuzake ukuba ndiyihambisena lembali yamakosi etu? Ndilidala lakuni, um Takwenda wama Leta, u JOHN Mum VIMBE. Kokstadt, July 1st, 1885. Siyabulela ukuyifumana incwadi enembali yama Xosa noko imfutshane kuwe mhlobo wetu. Singavuyake kunene uyiqubile wayisa apo upele kona ukuyazi. Kunene yayi ngunobanina igama lalomfazi uteta ngaye, kwatiwa u Ndlambe makavusele umkuluwe wake u Mlawu inzala kuye, ekukunina? Asikuko nokufuneka ngoku imbali, njengoko wobona ngako kwesi Sigidimi, fan' ukuba sewubonile nakwi Mvo Zabantsundu. ED. lsigidimi.'\]