Title
eng Iveki. (IMVO_1885-07-08_i025)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-08
Identifier
eng IMVO_1885-07-08_i025
Word Count
eng 786
Print Page
eng IMVO_1885-07-08_p002
Page Spread
eng 2.3-2.4
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 3
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWEsi-Ne, 2 July, kuke kwako itontsa- na lemvula. Kumasimi ageleshiweyo liya- kuba noncedo. AMAPEPA omabini ase Alvani ati uloliwe uyakuvulwa kulomzi nge Cawa yokuqala ku August. Abapati balomzi sebelungiselela ziutuli. MASIWUKUMBUZE umhlambi ukuba ekupe- leni kwalenyanga siyakuqala ikwatala yesi- ne. Intlaulelo yepepa ke yesiqingata senya- nga ezintatu esizayo mayibehle itunye- Iwe. ISIKOLO sase Nxukwebe siyakuvulwa ngo 30 kulenyanga.KUBEKUKO ngaleveki idlulileyo ingxoxo enkulu e Palamente ngela Bahlambeli, nge- hambiso ka Mr. Upington no Mr. Sprigg kwelo. LISABALELE ngakunye pesheya kwe Nciba kwelema Mfengu ; ngo June likolise ngokwe- nza umoya. NINGALIBALI ukuyitnmela intlaulo ye kwa- tala entsha nga'enyanga ! IGQWETA lase Oudtshoorn u Reitz kwelase Kalo, lizidubule ; kutiwa belingapile kakuhle. U REV. DR. HOLE, wase Trinity Church, e Kapa, ugqibelisene nentlanganiso abeyipe- te nge Cawa engapaya. Imbulise ngebaso le £174. NGODODANA obelufunda e Nxukwebe siva ukuba u Jonathan J. Jabavu umiselwe uku¬ba ayekuba yititshala kwisikolo sase Rini; u Elias Kumalo uyakubamba londawo e Colesberg. INKWENKWANA ebikwele kwinqwelana ezi ' zihamba pezu kwentsimbi zitsalwa ngama- hashe, e Addington ngase Tekwini e Natal iwe yashunqnlwa umlenze yinqwelo ngolwe- si-Bini Iweveki ingapaya kwegqitileyo. UMKOSI wosindiso (Salvation Army) uyi- qale imfazwe e Natala ngolwesi-Ne Iweveki engapaya. KUZAKUMISWA isikolo semfundo epakami- leyo sama Ngesi e Mgungundlovu (Maritz- burg) e Natal. IPALAMENTE yase Free State irotele ukaba onyana ababini baka President Brand bani- kwe ifama. U SAMUEL MOROKO ubale inteto ecasa ukutatyatwa kwela Barolong lulaulo Iwe Free State. Abarolong nenkosana zabo ba- yayikalazela lonto yenziwe lulaulo Iwama Bulu. UMDA wase Afghanistan kutiwa umiselwe kwindawo ebakolisayo bonke. Ama Russia ayaroxa ngoku kwindawo abekuyo i Penjdeh. U LORD WOLSELY, umpati mikosi e Yeputa ucinga ngokuba imikosi yama Ngesi mayi- fahle ide iye kutna nge Kartoum e Soudan iyicite i Mahdi (inkulu ya Maslamsi) kona. U MR. HOPLEY umiselwe kwindawo yoku- ba Hgqweta lakwa Rulumeni endaweni ka Mr. Hoskyns okutshiweyo. Abantu base Dayimani abakolisiwe yilonto. KUVAKALA ukuba ingqakaqa isatyikitya pa- kati kwe Burghersdorp ne Aliwal North. AMASELA ayanconywa e Sidutyini. Enye indoda entsundu idubule enye ebisiba ngazo ezimini, indoda leyo ilindiselwe ijaji yima- ntyi yase Komani. KUSUSELA kolokuqala July incwadi zocingo kumiselwe ukuba zihlaulwe ngezi- tampu. INKWENKWANA ebudala buyiminyaka ili. shumi linatatu izibulele e Komani nge Ca¬wa. Inkwenkwana leyo ibihlala nonina nomkuluwe, kute bengeko yazixoma entu- ngo yafa, bayifumene selijinga. Akuko sizatu sesisenzo ; unina uti, bebeke babuza- na nomkuluwe ngebatyi, kodwa ngamanxibe- lana kwakudala. KUTIWA kuqala ngo March kuze ku 26 June abantu abahliwe yingqaka kwa Gaga nase Gwali baku 33. Abafileyo kwelinani ba 8 SIYAVUYA ukuva ukuba u Hon. C. Brownlee ubekiselela empilweni, use pesheya. U REV. D. MALGAS wase Bayi ubeke wa- la, esinga Kubusi, ngayo leveki. IMVO ZABANTSUNDU NGOLWESI-TATU, JULY 8, 1885. OKUFUNA. UKUPICOTWA. S IKANGELE tina eyona nto isesinqeni senkatazo zetu bantsu- ndu ngezimini bubusela. Kumise- Iwa ipasi ezinzima kukuba tina ba- mnyama singamasela. Zinyuswa ngokunyuswa irafu kukuba kufune- ka amapolisa nomantyana abaninzi bokwalusa tina bamnyama kuba singamasela. Ukuba siyahlutwa imai yemfundo kukuba sifundiselwa ukubalela abantu bakowetu ipasi ukuze baye kuba. Kumntu ozoli- sayo ukucinga yonke lenteto asinte- to ifanele ukusiwa iso, kodwa yane- le ukubonisa ukuba inkulu inku- ndulu eliwayo. Kusifaneleke uku- funa icebo lokukupelisa oku. Kubonakala kuko impi eti tina bantsundu singamasela ngemvelo, kuba nabengebiyo bayawayeka amasela angenise impahla ebiweyo kwilali abakuzo bangawadizi, ngo- kwenjenjalo babonise ukuba baya- vumelana nawo. Sati mhla sabala ngaTomcimbi sabonisa ukuba umteto wama Ngesi unika ilungelo kumasela, kuba ufika ulindele ukuba ku- kamise undimangele ematyaleni libe isela litule, kuti ukuba undima-ngele akanakuti ubone umntu lowo kanye esiba likululeke isela ; likulu- lekile linokummangalela kwakona lowo ubelibambile ngokuti lixokiwe. Ngokoke atshone omsulwa. Oku kubanjeke akuqondwa ngabantsu¬ndu. Yiyo lonto eyakuhlala yaba- banga ukuba abamnyama babe ngqindilili ukudiza amasela. Into yokuba amasela acasiwe nangaba- ntsundu iyakuma imi. Sibona tina abantu bakowetu bengazani emibi-inini no 'Rulumeni. Sibabona abantu bablukahlukene ngoluvo : aba- pantsi kwalemantyi abakatali bengacingi ngokwenziwayo yenye ima- ntyi. Nto zike zibenze uluvo olunye yimiteto enjengaleyo yemipu, neye pasi neyokutshiswa kwenkomo. Nto ingancedayo kukuba kumiswe iqela lamadoda okupulapula uluvo Iwabantsundu ngalemicimbi yobusela—igqugula elikwanjalo laka lamiselwa ukupicota imiteto namasiko abantsundu. Ukwenjenje kunga- banga ukuba abantu baqonde ukuba u Rulumeni ubakangele- le njengabantu nabo, benezwi entweni zolaulo. nyaka udluleyo yangena kwenkulu indleko ngenxa yoko. KUSAND' ukuhla ingozi embi kufupi ne Barkly Pass kwelipezulu. Umfo otile ogama lingu Reid, wafika nenqwelo kulondawo wa- kulula. Kufike umfo ontsundu ote wane, nteto efudumeleyo naye bada babambana. Kute kanti kuko umpu kufupi ekutiwa uwuputumile ouinyatna, kwati xa bahlutana ngawo wadubula zela zonke imbutnbulu esiswini somnyama apo. Lengxelo ka Mr. Ried kuvakala mva nje ukuba ayinyaniso. Usentolongweni e Gala u Ried, u Major Elliot akavumanga ukuba amelwe. KWELIPEZULU ngase Hantotn i Bulu lizi. bulele ngetyefu ngenxa yovalo ebelinalo lokubulala umntu ontsundu kudala.KEKWAKO ulwavayi e Tarkastad ngoku. banjwa kwe Ngesana elingu Stranding ebe- lingumncedisi kwivenkile yatnayeza ka Mr. Austin obe impahla enjengo wotshi nemise- sane, njalo-njalo, kwa Mr. Soandrett ngobu- suku balo Mgqibelo ungapaya. IMVULA enkulu kunene ine e Rode ngase Mkangiso yazalisa imilatnbo. Bayalima kwelo zindaka. Siva ukuba ine kanobom e Mkangiso nase Ngqushwa.