Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-07-08_i026)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Locations Mentioned
eng King Williams Town
Date
8 July 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-08
Identifier
eng IMVO_1885-07-08_i026
Word Count
eng 245
Print Page
eng IMVO_1885-07-08_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NGOLWESI-TATU, JULY 8, 1885. OKUFUNA. UKUPICOTWA. S IKANGELE tina eyona nto isesinqeni senkatazo zetu bantsu- ndu ngezimini bubusela. Kumise- Iwa ipasi ezinzima kukuba tina ba- mnyama singamasela. Zinyuswa ngokunyuswa irafu kukuba kufune- ka amapolisa nomantyana abaninzi bokwalusa tina bamnyama kuba si¬ngamasela. Ukuba siyahlutwa ima¬li yemfundo kukuba sifundiselwa ukubalela abantu bakowetu ipasi ukuze baye kuba. Kumntu ozoli- sayo ukucinga yonke lenteto asinte- to ifanele ukusiwa iso, kodwa yane- le ukubonisa ukuba inkulu inku- ndulu eliwayo. Kusifaneleke uku- funa icebo lokukupelisa oku. Kubonakala kuko impi eti tina bantsundu singamasela ngemvelo, kuba nabengebiyo bayawayeka amasela angenise impahla ebiweyo kwilali abakuzo bangawadizi, ngo- kwenjenjalo babonise ukuba baya- vumelana nawo. Sati mhla sabala ngaTomcimbi sabonisa ukuba umteto wama Ngesi unika ilungelo kuma- sela, kuba ufika ulindele ukuba ku- kamise undimangele ematyaleni libe isela litule, kuti ukuba undima-ngele akanakuti ubone umntu lowo kanye esiba likululeke isela ; likulu- lekile linokummangalela kwakona lowo ubelibambile ngokuti lixokiwe. Ngokoke atshone omsulwa. Oku kubanjeke akuqondwa ngabantsu¬ndu. Yiyo lonto eyakuhlala yaba- banga ukuba abamnyama babe ngqindilili ukudiza amasela. Into yokuba amasela acasiwe nangaba- ntsundu iyakuma imi. Sibona tina abantu bakowetu bengazani emibi- linini no 'Rulumeni. Sibabona aba¬ntu bablukahlukene ngoluvo : aba- pantsi kwalemantyi abakatali benga- cingi ngokwenziwayo yenye ima- ntyi. Nto zike zibenze uluvo olu- nye yimiteto enjengaleyo yemipu, neye pasi neyokutshiswa kwenkomo. Nto ingancedayo kukuba kumiswe iqela lamadoda okupulapula uluvo Iwabantsundu ngalemicimbi yobu- sela—igqugula elikwanjalo laka la- miselwa ukupicota imiteto namasiko abantsundu. Ukwenjenje kunga- banga ukuba abantu baqonde ukuba u Rulumeni ubakangele- le njengabantu nabo, benezwi entweni zolaulo