Title
eng Abantsundu E Palamente. (IMVO_1885-07-08_i036)
Found in Newspaper
SubType of Article
eng Politics
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-08
Identifier
eng IMVO_1885-07-08_i036
Word Count
eng 1513
Print Page
eng IMVO_1885-07-08_p003
Page Spread
eng 3.4-4.1
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 4
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Lengxoxo ibekcr e Palamente ngo 18 Jane, ngomcimbi wofcufunelwa kwaba¬ntsundu abangena mflilaba, ngokuba be- citwe kwindawo abebek-uzo pantsi kwa- mafama. U CAPTAIN BRABANT ute makncelwe n mhlope ukuba bazizamele ngokwabo impilo, Ralumente kamsinya ukuba afnmanela iqela elikulu labantsnnda ezinganeno kwe Nciba, elite* yokuhanjiswa KonrXeto Welalii kwabantsundu nezinye izizatn. indawo kwizitili ngenxa psikati abauamakaya amiyo, ekubonakaiayo ukuba kuyakwenza isonakalo kupitizelise ukuzolar kwe Koloni ukuba abafnnyanelwauga qinga.. lokubagcina, Elitshawe libekekileyo lite- inkatazo zababantu lalityelwe ngazo pambi kokuba liye e Palamente apo. Lalibaxelelo nokubau Rulumeni akanamhlaba angabanika wona e Monti. Ababantu abavumanga kuwela— i Nciba ngokuba onyana nabahlobo babebabe-- sebenzae Monti. Inkomo zabo sebezitengiselo ukubatala irafu. Bati akukonto iyakubako-- lisa agapandle kokuba baqiniselwe emhla-- beni. Ukuba umcimbi wempato yabantsundu asiwulungiseleli bayakuwugqiba aba-' ntsundu ngendlela esingayikuyitanda. Amaxesha anzitna selebuyisele into eninzi yabantu ekulimeni umhlaba. Okoke kubange ukuba babadule befuna indawo yokuhlala, babatala. irafu ezibangela ukuba bangabi nakuzipilela. Inkomo zabo bazitengise ngelize. Ute isi- pelo salento siyakuba yimfazwe nabantsu- ndu pambi gokuba sibone apo sikona. Akuko mhlaba waueleyo pesheya kwe Nciba, akuko notnsebenzi abanokuwenza abantu; abantu Emaxoseni basebenzela ukuba bapile kupela. Bambalwa abavuma- yo ukutatyatelwa kwaloliwe ngokuba be- patwa kakubi ngaba kontileki, nokuba indo. da iyekile ukufuna umsebenzi kufuneka kuxaswe usapo Iwayo. Uteke yena maku. celwe u Rulumeni ukuba makaukangele lo- mcimbi. Olwake uluvo lolokuba ndoda leyo ibe nesiqwengana sayo somhiaba. U MR. T. LOUW ute ubecinga ngokuti boti bakuliguzula ela Besutu babe baufezile umcimbi wabantsundu ; kodwa akubonakali ukuabantsundu bayagxotwa bayakuya pina ? Asinakubagxotela elwandle mhlaumbi sibangcwabe pantsi komhlaba. U Mr. Louw ngenye imini apa ute mabalandele ikondo lika Mr. Saul Solomon ; kodwa ikondo elo lika Mr. Solomon lelokuba ontsundu anikwe imfanelo zake ngapandle kwekete. Masiba- pate ngokufanelekileyo, sibanike onke amalungelo abo. Ubeba u Mr. Brabant uke wayivakalisa lendawo ku Rulumeni u (Capt. Brabant uhlukuble intloko). Lteke u Mr. Ayliff ukuba akayenzanga lonto, kungani ukuba alindele ukuba u Rulumeni abenento ayenzayo. Ute baninzi kwabantsundu abazizicaka ezilungileyo, nezitembekileyo ngapezu kwezamanye amazwe. Njengezicaka asinakuquba ngapandle kwabo kwelilizwe. Exeeheni bayakude bande bazalise lonke elilizwe njengabanye abantu e Koloni. Ute ucasene nendawo yokuba banyanzelwe ems- ebenzini. Oku mabakuyekele ekuhambise. keni kwexesba ; lilo eliya kunceda i Koloni kulenexakeko. U MR. DE WET ute akameli kucasa icebo lika Captain Brabant, kodwa ukubonisa ukuba nokuba lamnkelwe libandla alisakusiza Into. Ukuba u Capt. Brabant ubesiti u Rulumeni makafunyanelwe indawo kumhla- ba wakwa Rulumeni ongemiweyo nge emvisi- sa. Kuyafuneka ngoku ukuba abantsundu bazibonele njengabanye abantu. Sibute into eninzi yezizwe pantsi kolaulo Iwetu sabamba sibanika indawo abantsundu sada saya kuti ga nge Natal. U Capt. Brabant entetweni yake ute kungomteto welali lento abantsundu bangenandawo. Angasuka ati akuko nanye ilali ekumhlaba ka Rulumeni ecitiweyo, nokuba kuko enye nokuba zimbi- ni ezicitiweyo kumhlaba ongengnwo ka Ru- lumeni kumiselwe ezinye. Ngakoke asityala lika Rulumeni mhlaumbi lamteto ukuba abantsundu bayabadula. Eyona ndawo yeyo. kuba abantsundu bakauleza ukwanda kanga- ngangokuba kunqabile ukubafumanela inda¬wo. Kuko into eninzi yabantsundu engene apa e Koloni evela kwezinye indawo. Kwi- ncwadi exela amanani abantu ayitunyelweyo ufumana abantsundu besitili sase Qnnce sodwa 58,000, kwesase Monti 10,000, ngapa- udle kweqela elininzi lase Qumra, angabafu- manela. pike indawo ? Mncinane kanye umhlaba wakwa Rulumeni okoyo ngoku Emaxoseni. Kusati kwakwenziwa ilokeshoni entsha inxenye yabantu isale kwinxowa elidala, ize inani libuye lande libe kulonto beliyiyo ngapambili. Indawo emiyoke ye- yokuba u Rulumeni uzakubafumanela pina indawo ababantu ? U Rulumeni yena ubezimisele ukufudusela inxenye yabantsundu ukuba bayavuma, kwelakwa Adam Kok na- ndawonye, ngokuba usati yena yimposiso ukubenza umxube abamhlope nabamnyama. U Rulumeni akazimisele kunyanzela abantsundu ukuba bafudnke kodwa ufuna uku. benzela amalungelo onke. Uyalicasa naku- ba intliziyo imalelayo icebo lika Captain Brabant. Ukuba kutiwa u Rulumeni ma. kafunele abantsundu angatanda ukuva na- ngobani apo unokufunyanwa kona. U MR. INNES ute akazange abenalusizi e Palamente lunjengolo abenalo xa abe epula- I pule inteto yamalungu abekekileyo ngakumbi eka Mr. Louw. Unyanisekile ukuba iqela elininzi le Palamente linomnqweno wokubona abantsundu bepetwe ngemfanelo. Aba¬ntsundu base Maxoseni bagxotwe kwindawo abebekuzo ngenxa yalomteto welali. Aka- mvisisi u Capt. Brabant esiti u Rulumeni makafuduse abamhlope bakwelele abantsu¬ndu ; ngati uti umcimbi lo ufanele ukuci- ngwa. Inxenye yababantu igqitywa yi- ndlala, nmntuke olambileyo akasenakubona nto ayiyeke. Abantsundu bayakunyanze. Iwa zizimeko ukuba bade basebenze kwixesha elizayo. U Mr. Barry utete ngenteto ka Dr. Stewart ngemfundo yabantsundu awati kuyo u Dr. Stewart abantsundu bafundiswe kakubi kwizi Latini nezi Grike endaweni yokuba bafundiswe ukulima umhlaba; u Dr. Stewart wayengatsho kuba uyicasile imfu- ndo yontsundu. Okwesake u (Mr. Innes) isiqu okwelixesha akayicingi indawo yokuba omhlope nomnyama baxutywe, evuya noku¬ba u Mr. De Wet engangqinelani nenteto yomkokeli wake u Mr. Upington owayesiti kwi Palamente egqitileyo uvumelana noku¬ba omhlope nomnyama beme ndaweni nye. U Capt. Brabant ukuyivakalisa kwake lento nbefuna ukubonisa ingozi esemhlotsheni ko¬dwa, nokuba ifunelwe iqinga lokuba ilungi- 8we. Kutete u Capt. BRABANT. U MR. DYER ute ucinga ukuba u Rulu- meni makasamnkele esisicelo sincinane; aucedulu'e lomcimbi. Abantsundu banako ukuqesha bautalele umhlaba abahleli kuwo ; kodwa nangayipina indlela masibafunele indawo. Abantsundu abavunyelwa ukuba bahambahambe, bahleli ndawonyeke bela- mbile. Kukapukapu ukubuza omantyi indawo abanokubekwa kuzo abantu aba. Ngokubekisa kwinteto ka Mr. Barry no Mr. Louw akakubapendula, bona abazi nentole ngabantsundu. Ukuba bebeke bahamba pakati kwabantsundu abafundileyo bebe- ngayikuteta ngoluhlobo. Baninzi kwaba¬ntsundu abafanele ukuhlala apo e Palame¬nte, engayiboni nembangi yokuba bangabi- ko. U MR. TUDHOPE ute u Rulumeni esisi. celo usicasa ngokuba siyakunika abantsu¬ndu amatemba angekoyo. Ngekulunge kanye ukuba beknoelwe ukuba kupicotwe ihambiso yomteto welali ukuze zikweleliswe indawo ezingamadlala kuwo. U Rulumeni nyazi ukuba kuko imbandezeleko ngenxa yoknbalela Emaxoseni, kodwa indawo yoku¬ba abantsundu banikwe umhlaba ongapezulu ayisakunceda luto, u Rulumeni akanamhlaba wokupa. U Rulumeni akacingi kubatsha- balalisa abantsundu bale Koloni. Kungeko lungu kule Palamente eliyitanda imfundiso yabantsundu kunaye. U MR. LEWIS ute kuyabonakala ukuba lomteto ufanele ukucingwa. unosizi ukuba inteto ezinjengezi zo Mr. Louw no Mr. Barry zibe zenziwe kuba ezonteto ziyakubenzaka- lisa abantsundu bakuzifunda epepeni lenteto yabo. U MR. FROST ute nokuba umteto welali : ucitiwe abantsundu bayakusoloko beufuna umhlaba. Abantsundu bafuna umhlaba, ko¬dwa awnko umhlaba abangapiwa wona Lomcimbi uyakumxaka u Rulumeni; u Ru¬lumeni abantsundu akauakubanika mhlaba ; nmteto awukumvumela. U MR. WARREN ute lembandezelo ikakulu ibangwe kukubalela. Aitantsundu bafudufudeka kuba befuna amadielo, ubunzima obu buze ngalondlela. Kufanele u Ru 1 kwelama Mfengu, ukuze babe ngumqulu lumeni ukuba awucinge lomcimbi obonakalayo ukuba uyakubanga isonakalo elizweni. Ngumsebenzi wake ukuba abukwelelise obububi bukandelanayo. Etetile u Mr. Sprigg u Capt. Brabant uyibuyise umva inteto yake. ba bakufezile oke. Impato yabantsundu ka Mr. Saul Solomon mayilahlwe ngoku.- Kubonakala amalungu e Phlamente eqwala. sele kakulu kwabantsundu. Oko kubona¬kala ukuba kuyatabata ix-esha elide uku- batobela kwindawo abayifaneleyo. Sicite imali ukuba bafundiswe ayibancedanga luto. Ngapandle kokuba kwenziwe umgca wokwa- hlula omhlope komnyama asisoze sipumelele. Into inye angenakuze ayiqonde kukuba umntu omnyama ande kamsinya kangaka kunomhlope. Oku kwanda kungapeliswa ngayipina indlela ? E Australia nase New Zealand abantsundu bakona- batshabalele kwakuvela umlungn, kodwa apa akunjalo, ngokuba sibapete ngolunye uhlobo. Masi- bacite ababantu bantsnndu baxinileyo baye kusebenza kumazwe ase Ntshona-langa. Ba- yakuba nokufunda ukusebenza. U MR. BARRY ute lento seke yenziwa amadoda asuke abuyele Emaxoseni ngokuba ebengafuni ukusebenza. Imantyi zabaxelela ukuba bayakuvunyelwa ukuya ezityalikeni ukuba bayabanda, ifama liyakufundisa aba- ntwana babd, kanjako ukuba ifama litete kakubi kubo boya kuyise wabo i ' mantyi.'* Amafama ayengezidenge kangangokude abamnkele pantsi kwezizimiselo. Abantsu. ndu bayonakaliswa ngokuba kubeko aba ba- Iwela amadabi abo e Palamente. E Free State abanankatazo ngabantsundu banawo onke amalungelo ezimamhlaba (ukanyeziwe). Ngapandle* kokubadula bonwabile, banele bayafunda ukusebenza. Akuko ngozi iuku. lu injengeyokuba barnane ukuteta ngesi alam so Kafile. Ute yena okwake umtanda u Kafile ngapezu kwe Qeya emsebenzini. U MR. WALKER ute- imigudu yelungu elibekekileyo lase Monti u (Mr. Brabant) kukulungiselela amafama ase Maxoseni. Abantsundu aba bangumtwalo kwifama. Into ayiqondayo yeyokuba amanye amalu- ngu abekekileyo anga abantsundu banga. kweleliswa kwelilizwe-. Oko kucasene no luvo lobu-krestu ekufuneka wonke urnntii we Palamente epefumlelwe lulo. Abantsu. ndu belilizwe ngabantu abafaneleke kunene, kwayeke kungafanelekile ukuba bakweleli- swe ebusweni bomhlaba. Uteke vena u Mr. Walker unosizi ukuva ingcinga ezinje ngezo zika Mr. Louw no Mr. Barry. U MR. KEYTER ute u Rulnmeni maka- ngabavumeli ababantu ukuba babe bebadula. elizweni nje, makabauike umseoenzi. Lo- mcimbi wempato yabantsundu kade upambi kwe Palamente iminyaka emininzi, kodwa sisekude kakulu ekuwugqibeni. U MR. HOCKLY ute ngo 1883 kwaxoxwa yi Palamente umcimbi wokuba kufuduswe abantsundu abatile, kwagqitywa kwelokuba abantsundu baqondiswe mhlope ukuba aba- nakufumana tnhlaba ngapezulu kwalowo ba- wusikelweyo. Kwatiwa oko ukuba bayapiwa imihlaba, nabanye abemi bekoloni bayakufu na bepiwe. Ingxoxo ekwanje ibeko kule Pala, mente idluleyo, elalisiti kuyo ilungu elibeke- kileyo lase Dikeni u (Mr. Rose-Innes) maku- fuduswe abantsundu base Ngqushwa basiwe pesheya kwe Nciba. Inteto leyo yabayeyo- hlobo Iwangapambili. Uteke yena unosizi ukuba ilungu elibekekileyo u Capt. Brabant ete wayimisa ngoluhlobo inteto yake kuba. ngokunika abantsundu itemba lokuba benz© ingxolo baze bafnmane oko bakufnnayo. Ilizwe lapesheya kwe Nciba selipantse uku- xinana, unosizi ukuba amanye amabandla apete izitili engasavumi ukuqeshisa umhlaba kwabantsundu abafanelekileyo. Kwaka- msinyane bexelelwa abantsundu ukuba aba nakufumana ziqendu zamhiaba ku Rulumeni bangakangeli ku Rulumeni. U MR. AYLIFF ute uyatemba ukuba u Mr. Brabant woyibuyisa umva inteto yake. kweyake ingqondo kubonakala ukuba ixesha lokuba u Rulumeni abanike umhlaba onga. pezulu abantsundu ligqitile. Umcimbi we. mpatoyabantsundu uaykusoloko wasingatwa e Palamente. Njengokuba bebaninzi kangaka nje abantsundu, ziyakumana ukubako ingxo. xo ngontsundu. Abantsundu bahleli benemfa- nelo emasizinonelele; ute abantsundu kwa njengenye impi epantsi ko Rulumeni, maba- patwe ngempato abapetwe ngayo abamhlo. pe. Unosizi ukuba ilali zabamnyama ziye- kelwe kumagqugula apete iziqingata. Ukuba onke lamabandla ebeyakuquba njengelase Bofolo, into ebiyakulandela yeyokuba kube- ko iduduma labantsundu elifuna umhlaba wokulima elingenakuwufumana. Ukuba