Title
eng Imvo Zabantsundu (IMVO_1885-07-15_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
Language
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-15
Identifier
eng IMVO_1885-07-15_i016
Word Count
eng 278
Print Page
eng IMVO_1885-07-15_p002
Page Spread
eng 2.1-2.2
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
ngabantu ngokubekiselele eku hluzekeni kwentloko zazo naseku lu boneleleni kwazo uhlanga lwa Besutu. Ezinkosi zezipetwe ngu David Masupha. Sizazikumbula ezomini babe bambene ngazo Abesutu no Mr. Sprigg ngemipu: ukuba batinina ukuzitetelela ngobuciko nangomoya opolileyo; beyiseke intetoyabo kwimfanelo zabo zokuba bengabantu be Nkosazana, Siku- mbula ukuba isikalo sabo sasisesokuba babuyiselwe kulaulo lo Mntan' Omhle. Kuba kaloku babefakwe kulaulo Iwase Kapa ngapandle ko kuba bacetyiswe, kwati kunjalo abanikwa imfanelo zokuba banyule amalungu njengemfanelo. Uteke wakubafaka emfazweni lomteto u- ngafanelekileyo wentonga bonke abakanyiselweyo kweli na pesheya bavelana na Besutu. Iqela lika Mr- Sprigg lakutshwa kwiwonga lobu- tshawe ngokubanga lomfazwe. Eku- peleni bakufumana oko babekufuna- ukuba bakululwe kulaulo Iwase Kapa. Kulindeleke ke ukuba emva koku bazamele ukusinga pambili ekuka- nyeni, bamise imisebenzi yokukanya- Baka bangati Abesutu bafuna ukuba yikoloni yabo bodwa, babe ne Ruluneli yabo, ne Bandla labo le Palamente no Rulumeni wabo nento ezinjalo. Bebuyiselwe ke kwi Nko- sazana akubonakali ukuba babuye basenze isicelo solohlobo. Kubona- kala bebuyele kulaulo Iwe nkosi zakudala zetu bantsundu olungenakuma lunxulumene nolaulo Iwa Mangesi. Ukuba Amampondo na Besutu—ukuba ezi zizwe zinga zingema mazizame impato eyakufana nale ya Mangesi esebenza ngokuvisisana nabo bonke abantu. Inkosi za Besutu zikolisile ukuluqonda ulaulo iwase Mlungwini; besib'a zingatj zakuba pantsi ko Mntan' Omhle zihambise ngengqondo nangokwesizwe esikanyiselweyo, ukuze kubeko ikomkulu labantsundu elimileyo pantsi kwe Nkosazana. Le Ngxabatshitshi ikoyo ngoku asiyona nto besiyikangele. Sinosizi ukuyibona kuba siqinisekile ukuba Abesutu basinga engozini. Akuko temba lokuba Abesutu banokuma bodwa ngapandle kokukuselwa yi Nkosazana; ngokoke inkosi nabantu ngebezama ukuba bavisisane nolaulo lwapesheya kblwandle. Kubuhlungu kuti ukuva ukuba u Colonel Clarke akayifumani lambeko imfaneleyo kuba engomele Inkosazana. Mabazi Abesutu ukuba oku akusakuyekelelwa lulaulo lwapesheya. Siyalukalimela uhlanga lwa Besutu ukuba lungahambi ngendlela enengozi ngoluhlobo Singabahlobo balo abakulu.