Title
eng Intlanganiso Yamadodana. (IMVO_1885-07-15_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho Organization
xho Letter
Author of Article
eng A. H. M.
productionCompany
eng Intlanganiso Yamadodana Yosiko Lokungaluki
Language
Locations Mentioned
eng Peelton
Date
10 July 1885
Newspaper Code
eng IMVO_1885-07-15
Identifier
eng IMVO_1885-07-15_i020
Word Count
eng 709
Print Page
eng IMVO_1885-07-15_p002
Page Spread
eng 2.4
Start Page of Article
eng 2
Print Column
eng 4
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Intlanganiso emnandi kunene yamadodana esiko lokungaluki yangena apa ngosuku lo 1 July 1885 kusasa ngo 11 o'clock. Yo- nganyelwa ngu Mr. Birt—yavulwa ngokuti ingcwaliswe ngendumiso nangomtandazo, owakokelwa ngumdikoni omdala u Bombo Herman. Kwafundwa ngu Mr. Rubusana ku Magalatiya, isahluko sesihlanu; emva koko kwashunyayelwa ngu Mr. Birt kwakuloncwadi kwi vesi yokuqala neyesitandatu. Wangena shushu kakulu kulondawo esiti ekay' apa yaqala ngabantu ababini lentlanganiso, ndinovuyo ukuba nditi omnye use- ko apa u (Headman Ntabeni). Lento ekay apa injengokozo oluhlwayelweyo lwe Mos. tade, olute lwa kupuma lwazala lento eninzi kangakanana yamadodana esiko nditi 'yimani enkululekweni, ate u Krestu wasikulula kuyo.' Kwacelwa ngu Rev. Birt emva koko u Rev. Rubusana, ukuba ake enze izwi, wati kuko indawo ati kuyo u Paulosi 'yibani ngamadoda.'—Lento iyindoda yinto enento ezininzi, yinto entliziyo ililitye, asinto ibu- yayo apo ingene kona. Iti indoda xa inge-; nayo intliziyo yobudoda kutiwe asiyondoda - nditi kuni namhlanje nina ningenayo kweli siko 'yibani ngamadoda.' Kwacelwa ukuba amadoda ake anike iziyalo emakwenkweni amagama awo angala:— Ernest Venna, Jennings Vimbe, Niven Ntengu, Thomas Konzapi, Tisani Bobi, Qubani Behani, no Solomon Govo (wase Mngqesha). Kwesuka u Mr. Matame Xoli, omnye wama dikoni wati 'ngoku nizakupulapula amabi namahle, kum ingummana- liso into yokuba utinina umntu ukugcina elisiko engagqobokile, lonto iyimfihlakalo kum. Kuqala guqukani, zonke ezizinto ziyakulunga, loba kapukapu nelisiko. Ningenenje kwelisiko maze ningafani nepela, nempukane zona zinto zifane ziti gxupu kuba kona niyakuya kusebenza e Qonce e Monti nakwezinye indawo-ndawo sova ka- mbe.' Wapeta ngokubuyela kwenye inkwe- nkwe u Ernest Venna wati kuyo: uze ungafani nento eninzi eti yakwenjiwanje icinge ukuba kutetwa ukuba maze ingabuyi inqande nto iyimpahla. Ibanki yomXosa yinkomo, uze ugcine impahla zakowenu.' U Mr. Bombo Herman wati 'ndisuka selitetwe kade ilizwi lam ebendiza kuliteta. Ukolo kuqala ukuze isiko eli nilibambe; owenjenjalo wahamba kakuhle nelisiko.' U Mr. Mahlahla wati 'ndisukela ukuba ndi- xelele lenkwenkwe yomkuluwa wam u (Jennings Vimbe) ukuba ize ingandidanisi, kwelisiko ndinonyana basixenxe abasebe- ngene, ize iligcine kwanjengabo.' U Mr. Bobi Kwentela wati 'nyana warn wena ulapa ungomncinane ekuzalweni, umkuluwe wako utabate isiko lobuhedeni, ke uze umhendele ebulungiseni ngazo zonke into zobukrestu, oku uqale ngale. Akuko bubi bunjengokulitata elisiko uze usuke ubuyele kwelobuhedeni. Ndake lonto ndayibona e Bofolo yenziwe ngumfana owayevela e Dikeni emfundweni. Yagqita ububi kwababesekaya.' U Mr. Utywaku Mehlo wati 'Ndisuswa luvuyo (watsho walila) Abakuluwe bam abaliqalayo elisiko abaseko. Ndivuyela okukuba nina bonyana betu nisaligcinile elisiko, ningalandelanga tina sahamba ngela manyange, ndibulela ukuba ninyamezele ihlazo ukuba ngo maqandeka.' U Mr. K. Majombozi wati 'Kuni bobawo nditeta kwalamazwi niwateta kuti lentsasa yonke.' 'Yimani enkululekweni enasalatisa yona, ukuze sakupambuka ningadinwa kusalatisa.' U Mr- Ntengu Magwanya wati, 'Ndidanile ukuba abe akako unyana wam apa (Niven Ntengu) unga ngeyeve eziziyalo. Makwedini ndinga ndingabuza into ibe nye kuni, kumaqela onke akoyo elizweni liti elo nelo libe nembongi zalo; kuni ke nditi ngubanina eye- nu imbongi. Ndingena kwakwelamadoda atetileyo ukuba ayiko lembongi ililizwi lika Tixo pakati kwenu ibonga imikosi yake, ingaba niyakuhamba nzima.' U Mr. D. Dwashu wati 'Njengokuba nisi- va besiti nje ukuega luki lihlazo, kukwanjalo nokuya kwaluka ubuke wahlala. Ndake ndat i ndigqita e Mxumbu kutshiliswa ndafika kulomzi ndisiva kubongwa amakwenkwe, ndeva kuko zibongo ziti:—Pezulu ! Pezulu ! Pezulu ! Gxotwa yi Vangeli! Zajoka ezi- zibongo ndade ndabuza kobekufupi kum ukuba ziteta ntonina ezizibongo; ndeva ke ngaye ukuba kubongwa inkwenkwe ebaleke esikolweni yazakwalnka. Lumkami ke ningabi ngo Gxotwa yi Vangeli izibongo zenu yavalwa ngomtandazo nangendumiso ngo 12 30 kwatatwa izixaso ngo 1'30. Ekwati emva koko ngo 4'30, kwangenwa ezixoweni. Satatwa isihlalo ngu Mr. Peter Tyamzashe. Pakati kwendawo ezinkulu ezaxoxwayo, yangenisa i Committee indawo yokuba ' Intlanganiso le mayilinge iqinga lokuhlanganisa imali ize ngalomali, mhlaumbi iyise e bankini ukuze ifundise umfana ngayo, mhlaumbi itumele umshumayeli nga- yo kumaqaba.' Kwati emva kokuxoxwa okushushu kwawo lomcimbi ngo Messrs. W. B. Rubasana, P. Mcelu, A. H. Maci, I. Tshwete, N. Magwanya, namanye amanene kwavunyelwana ukuba makuqalwe kwalo- mhla kuhlanganiswe intwana; kwaqalwa ngu Mcelu wakupa imazi yegusha zalandela ke imalana nezinye impahla ezihambayo— ekwati ekupeleni kwafumaneka nkuba imali epumileyo ngobobusuku bodwa ziponti ezi. mbini nesibozo sesheleni (£1 8/) ngapandle kwempahla ezihambayo, zati zona zalishumi elinanye. Omnye umcimbi owangeniswayo ngowokuba kubeko amalungu abekekileyo (honorary members); kwagqitywa ekubeni kunyulwe o Messrs. L. Ginza, Headman Ntabeni, Ntengu Magwanya, Klaas Majombozi, no Edward Payi, babe ngamalungu abekeKileyo. Kwaxoxwa neminye imicimbi—-yava- lwa kusasa ngelandelayo imini ngomtandazo ngu Rev. Rubusana. —A. H. M.—Peelton, 10th July 1885.