Title
eng U Mendo We Nteto. (ISIG_1885-10-01_i002)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i002
Word Count
eng 565
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p001
Page Spread
eng 1.1-1.2
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 1
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
LENTO ingu mendo yindlela egqushileyo ehanjwa kakulu ngabantu, ibe ke ngoko itenjiwe kakulu yinto yonke, kuba ayina zingozi zininzi ngenxa yokoyikwa ngama ramnco onke, nazigebenga kuba iyindlela ehanjwa kunene. Kanja- lo umendo lo unokutembeka kuba awuze ulahlekise mntu, nosukuba engayazi londlela uti akufukwa emendweni noko ngati uyajikeleza, kanti ngowona ungena ngozi yokulahle- kisa mntu. Kukwa njalo ke kulo Mendo we Nteto. Wonke ubani ofumene wona, nokuba kukuyipina inteto, usindile kwingozi ezininzi zemigaqwana yenyamakazi, nendlelana zenkomo ezidla ngokulablekisa obesiti utabata ezinqamlayo, kanti yimbi yoya kupela pezu kweliwa, yimbi emqolombeni weramnco. Xa ke kulapo, wonke umntu ulungelwe kukuke alazi ilizwe, imendo nemigaqo yalo, nazo zonke izipambusana ezikoyo entetweni yakulo mntu ukuze angalahleki. Ukutsho ke siti kuyabonakala ukuba masiyazi inteto yakowetu, siyihambe ngo mendo, siti xa sihamba nge zenyawo sibe siqinisekile ukuba zezisinga ko hola, asizizo zankomo, nazanyamakazi. Lento iyinteto ikwa namadlala nayo, inamazwi ati kwezi- nye indawo afuneke ek utshiwe, asuke akukulukute, okunye ayinyelise, ayixwite inteto, isuke ibe ngu Nogqala, ibe ngumgqoloqo ongena sihlwita. Ivakala njalo inteto yonke xa yonakeleyo. lyalahlekisa, iyanyeleka, iba lutswaru ide ibe luqovuqovu olubitye kunene, ade ati umntu wakowayo oyaziyo akuyibona oku koniwa kwayo, ixwitwa ngohlobo olupantsi kunene, eve ububi. Yinto ode upulapule ngosizi olukulu xa koniwa inteto yesi Ngesi ngabangayaziyo ukuba lenteto hlelinje inje ukupuhla nokutyeba kwayo. Kukwanjalo xa koniwa eyesi Xosa. Lenteto yakowetu inzulu, ipuhlile, izinzile, inencasa. Ayishiywa kuyapi yile yase Mlungwini. Kona xa ite yaxoba, yapakula kwelitsili lale nteto ityebe, yapubla kangakanana, nayo ityetyiswe kukuhamba ipakula kumatsili ngamatsili ezinye inteto, ixobela kuyo apa, yasuke yabonakala seliyiyo eyi mbambela kulo lonke ihlabati, ingagqibelela ukutyeba nokupuhla. Apo iqwela kona lenteto yama Ngesi ngokuba yeyona ipuhlileyo igixayo, inencasa, kukuti zonke izizwe ezifundileyo zibale ngayo elucingweni, ukuze zingadleki, kuba yona igixa, mgenzi inzungudebe yamazwi. Ngoko ke nati eyetu sifuneka site hoto ngomendo ukuyi- teta, kuba koyaziyo unako ukuyig'ixa kwa nokuyinqwema, kwa nokuyibenga nje ngokutanda kwake, kuba eyazi yonke imigaqwana yayo. Yonke ke lonto, yopakulwa kwelitsili liyi mbali yakowetu, nakule yezinye intlanga, xa kuko amazwi esifuna ukuxobela ngawo, esingenawo, mhlaumbi esiti sinawo, asuke atyokote angagixi, mhlaumbi anqumle, okunye angagqibiyo ukuyixela into. Kanjalo masibe nekwele lobuzwe (national ambition) malunga nokuyigcina inteto le yakowetu, singayilahli; singalahli Imbo yetu ngo Poyiyana. Nakuba kuko abati bona bafuna umxube, into ke leyo eyi mbonda-ndimunye, kuba uti umntu esiti uteta isi Xosa yena ngelake, nokuba kuse pepeni, nokuba kuxa atetayo uti ukuba umqelile umpunga wake, uqale ukumane utelekelela ngokwako ukuba lomntu ange eba ubefuna ukuti, kuseloko uyasoma. Njengokuti,—' Andiyi tabatelanga notisi lonto.' Yabona ke yonke lenteto iyasoma ayika- guqulelwa esi Xoseni. Kumkiwe neliya lizwi lesi Ngesi eli liti, To take,—ukutabata okunene ngesi Xosa,—kodwa ke kule ndawo lifana nokumka neza ndlela bese zikankanyiwe. zenkomo, neze nyamakazi, kuba kungeko nto ibekiselele ekutabateni ngobumbuku, koko kubekiselelwe ekutabateni into ngengqondo. Kanti ke kusenziwa lento nje akusweleke mazwi okuguqula ayifince into etetwa sesi si Ngesi. Xa um-Lungu ati, I took no notice of it, njalo-njalo; uteta ukuti, akayinonelelanga, akayondelanga, akayikatalelanga lonto. Kwakona, ungeva umntu ontsundu, ngokukodwa lempi ingamaranuga, kwa nenxenye yempi entsha bekolisa ngo- kwenjenje xa batetayo:—Ende, mhlaumbi ene, but-maar- kodwa, vante, dyeyi sin, sibali zwaar, swell (sir), namanye oloblobo,, njengo : Weli-wel, (very well); da' set, (that's it.) Yonke ke lenkunkuma kanixele makowetu ix'obela kwizituba ezipina kule nteto yakowenu? Kanenze kambe kesibone nina niti senikolwa ngulo mxube. Sincedeni nati, sisatanda ukunga inteto yamandulo akowetu ingoniwe, sivuma kona ukuba ipakule nakwezinye xa sukuba iswele mhlaumbi ipolelwe, mhlaumbi isinelwe. Umendo wenteto makowetu mawuzinze uxele kumanyange. Singaxeli ama Hintsati, ancame inteto yawo ngenxa yeyama Bulu.