Title
eng Ukucolacola. (ISIG_1885-10-01_i004)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summaries
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i004
Word Count
eng 519
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p002
Page Spread
eng 2.2-3.1
Start Page of Article
eng 2
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UKUZALA KWEMILAMBO.— Ati amapepa, i Gqili ne Modder River, lomilambo izele ngohlobo olwagqityelwa kwiminyaka eyadlulayo, zati ipantu zokuweza abantu nozinqwelo yayinkohla, kwabonakala ukuba nemitantato isengozini. Kodwa ke akubangako kumka kwabantu namhla. UKUFUNWA KWE MBEWU.—Into ebonakalavo nengumse- benzikazi omkulu nonzima kulo mzi waba fundisi wase Lovedale, kukwenza uncedo ebantwini abantsundu, nge mbewu, nangokwamkelisa abafayo, nabalupeleyo intwana zokudla. Bate abafundisi kwakuti makata, bahlangana, bakupa imali zabo, kwatengwa inxowa ezi 39 ngalo mali, bancedwa nge mbewu nange nkinqa abantu. Kute kunjalo, babacelela uncedo naku Rulumente, hayi naye walwenza. Inani elise labiwe nge mbewu nango kutya, zinxowa ezi 80. ILISHWA LIWUHLELE UMHLABA NGEZI MIBI.—Kuvakala ukuba, abantu bapesheya kwe Nciba bafumene indleko ezinkulu kunene zokufa kwempahla. Ngati lomhlaba wako Buto unomlomo, uyateta, ufana kwanalo wakulo Nongwane, udlokova isimanga kaloku nje, ungasabotshwa nanqalu. Kulowo wakulo Gojela, abantu bagalelelwe ngo sitwayi, nombendana, nesifo esiyintsomi ekubutisa nezitye- bileyo, kwa ngumbane. INDLALA IYAGQUBA KANYE NGOKU.—Kutiwa nga kwa Qoboqobo kufa umntu yindlala. Kutiwa ibide inxenye izibope amadlavu izenze abane ngqakaqa, kuba isiva ukuba kona kuko ukusulwa imilomo. Namhla ingqakaqa ayikatalelwe, umntu usaba ukufa esiya kukufa kufunjiwe. UKUTENGISWA KWO TYWALA BO MLUNGU PESHEYA KWE NCIBA.—Kuke kwadliwa amadoda amabini kona, enye imhlope idliwe iponti ezi £20; enye, intsundu leyo, idliwe i £10 Leyo imhlope iyakalaza kuba emnyama yapulelwe, iti kwenziwe ikete zimantyi UMTSHATO KA REV. DR. WM. A. SOGA, UNYANA WOMFI UMFUNDISI WOKUQALA, NOMKULU WOLUHLANGA LUNTSU- NDU. — Ati amapepa apesheya utshatile, uyeza kwa ukupata itunga ebelipetwe nguyise, u Rev. Tiyo Soga, lokushumayela indaba ezilungileyo kumakowabo. UKUTSHABALALISA KWE KEPU.—Liti ipepa lase Nyara obubusika budlulayo ingqele yabo ibibukali kakulu. Ide yabulala nemiti emikulu ye zoet-lamoon, (orange) ngase Kobonqaba paya. UKUBUKWA KUKA SIR CHARLES WARREN.—Onke amapepa ayaxokozela, eshumayela ukubukwa kwake, (coma Dayimani, kude kuye e Bayi kwaye nendawo ngazifikelelanga bezimnxanele, zimolusele ngenteto emnandi negudileyo, encoma uhlobo awuqube ngalo umsebenzi wokucima izipitipiti ebezi kwela Bahlambeli. Kanjalo upelise zonke intulana ebezigqutywa ngoma Bulu, esele danisa ado atshikilelane; kwati ukuti cwaka kwawo zanga zimpuku zibona ikati. UKUDLIWA KWE MPOTSHA.—Amapepa ayapitizela ngokudliwa kwempahla ehambayo, nokugqojozwa kwezindlu kwezidolopana zonke. Kude kweminye imizi kubanjwe nama 30 na 40 ngelanga, ngenxa yokuba ozinkomo, zigusha, njalo-njalo. ISIPANGO ESIKULU SASE GEORGRETOWN—Ati amapepa isipango esingako sagqibela kudala ukubako kwelozwe. Kutiwa zati indudumo zatsho kwashukuma neziseko zezi- ndlu, yati yona imibane yoyikoka isimanga. Yalenya, yabeta kwaqipuka imigingqini emininzi, bafun'ukupunguza ukuti, kungaba kufun'ukutinina betu, ISICOTO ESIYI NTSHABALALO SASE NDENXA. —Ati amape- pa isicoto samatye esinjalo asizango sibonwe nakudala kwelo'zwe. Kutiwa lite ifuya elingu Mr. W. M. Longdon, lakuya kusasa ebuhlanti nase sibayeni sebokwe lafika kudule lk'ulu elinamanci matandatu lebokwe (100). Kwaye kummelwana walo kufo ikulu linamanci mahlanu egusha (150). Kunjalo nje kuto kwakulinganiselwa ubungqi- ngqwa bawo, apantsa ukuba yi fut (foot) Isicoto KWAKONA.—Kubikwa kwa isicoto ngase Victoria West. sitsho sabululela pantsi yonke into ebitwelwe yimiti, kwaxobuka namaxolo. Kunjalo nje asizange sibeko esake sangako nanini kwelo'zwe. Kutiwa amatye aso ebenga- ngamaqanda ebobe. Ayixuluba impahla yazibadubadu, konakala nezindlu, zazalamanzi, kwafa zifestile, yalityobo. ABATSHATILEYO.—Kutshate e Dikeni u Ebenezer Mtule, no Mary Maria Gqoba. Batshatiswe ngu Rev. P. J. Mzimba, wase Lovedale, nge 29 September, 1885. IMALI ENGENISWE EZIBANKINI ZASE POST OFFICE.—NGO August, 1885, kwangeniswa amawaka alishumi eline sixenxe, namakulu osibozo anamashumi mahlanu anesitoba eponti, nesheleni zontandatu, nedobilityi inye, (£17,859 6s. 1d.)