Title
eng Izifundo Ze Sabata. (ISIG_1885-10-01_i005)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Author of Article
eng Langa
SubType of Article
eng Religion
eng Faith
Language
Locations Mentioned
eng Auckland
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i005
Word Count
eng 805
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p003
Page Spread
eng 3.1-3.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 3
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
INGENDIM KODWA NGU KRISTU.' (Galatians ii. 20.) Lamazwi atetwa ngu Paulos emva kokuguqukela kwake ku Kristu. Ndingatanda ukuba niwaqiqe namhlanje, kuba ndicinga ukuba niwaqiqile niya kubona ukuba wayefuna okukulu kakulu. Pambi kokuba u Saulos atete oku nje, yayingu ' Ndim ' owaye naye lonke eloxesha. Wayefuna ubungcwalisa obubobake, wayefuna udumo notando olu- lolwake, wayefuna yonke into ezifunela. Wayefuna ukuba abantu bamxumise bamenze indoda enkulu, ekalipileyo, nelumkileyo. Wenza into ezininzi awaye zicingela ubukulu, nobukalipa, nobulumko ngazo. Kodwa enyani- sweni waye lihlwempu, encolile, ekohlakele. Imisebenzi namazwi ake ziteta into nye, eti ' Ingenguye u Kristu,' kodwa ingu 'Ndim' kwinto zonke, ezinkulu nezincinane. Umsindisi ungapandle kwento. Walinga ukunyatelela pantsi elogama lo Msindisi elizweni apa. Wenza konke ube nokukwenza, konke ke kungekuncinane. Waye ezincamela emisebenzini yenkohlakalo yake, akakatalelangu nto, kupela ukugxota u Msindisi, ukupakamisa igama Lika Saulos ngapezu kwelo Msindisi. Wahambisa ngokunjalo u Saulos. U Msindisi walinda, akasebenza ngobunxamo njengo Saulos. Waliudela ngobulaji ixesha lake. A kuba u Saulos ebesebunzulwini bemisebenzi yake ekohlakeleyo wasondela u Yesu wateta ngokuzolileyo, nokubekekileyo, wati ' Saulos, Saulos unditshutshisela nina? ' U Msindisi wayicukumisa lontliziyo ilukuni yendoda eliroti nekalipileyo, yawa emhlabeni. Kwati ukwazi, nobutyebi, nobu- tshutshisi buka Saulos batshona, asuza sabuya seva ngabo ngakumbi. Ute kaloku waba yindoda enobulali, elulamileyo, etobileyo. Indoda ebomi buku Msindisi, nobungcwalisa bake. U Saulos waguquka waba ngu Paulos, u 'Ndim waguquka waba ngu ' Kristu.' Kuqula ebesiti ngokuteta nokusebenza kwake ungu ' Ndim, ndim, ndim,' ngoku umsebenzi namazwi ateta into unye ati ' Asi ndim, asi ndim, ngu Kristu,' kuzo zonke izinto ezinkulu nezincinane. Emva koko lelo ilizwi elatetwa ngu Paulos ebomini bake. Ngoku ke ngati nonke niwaqonda kakuhle amazwi etekisi yetu. Masiwashiye kancinane, sobuya sitete ngawo. Mandinibalisele imbali emfutshane ukuze ningadinwa.. Kwaye kuko kumkani mkulu utile owaye nabasebenzi abaninzi. Wabatumela ukuba bamenzele indlu yetyalike, bayenza ke okunene bayigqiba, kwasala ifenstile zodwa. Wati ukumnkani la atumela ukuba uyeza kuyibona kwanxanyiswa ukuba kugqitywe ifenstile, iyileyo indoda yanikwa ifenstile ukuba iyisebenze. Banikwa igilasi ezintle kunene ukuba bazenze ngazo. Eziluhlaza, nezimhlope, nezibomvu, neziblowu, namabala onke. Ke lamadoda aba neratshi kakulu ngezo fenstile zintle kunene zawo. Kodwa kwakuko ndoda ilihlwempu, eyayitanda kakulu ukumkolisa ukumkani, Nayo yafuna ukuba ibe nefenstile eyenzayo, kodwa ayinikwanga nayo ukuba yenze enye. Yamana ihamba ibonela abanye abasebenzi, inentliziyo ebuhlungu. Yakumbula ukuba kanene inkosi ayitandi kubona nto yonakeleyo, yati yakubona amanye amadoda emane elahla amacetyana amancinane egilasi awayezisika, yaqala ukuwahlanganisa. Lamacetyana ngawe gilasi eziluhlaza, ezibomvu, eziblowu. ezimhlope, nezilubelu. Yaqala ukuwaxokelela. Ngumsebenzi onzima kakulu lonto. Amanye amadoda ayihleka, encoma ubuhle bezawo ifenstile. Ekugqibeleni kufike ilizwi lokuba ukumkani uyakubako ngengomso. Bonke baqala ukuzifaka ifenstile zabo, zabe izifenstile ezinkulu kakulu, ngapezu kwengcango zetyalike zetu, zaye zikangeleka kakuhle kanye. Ke babona ukuba kuko ifenstile engenziwanga, engenayo negilasi. Ke yayi- fika ngengomso inkosi, belingeko ixesha lokuba benze enye ifenstile. Asazi ukuba besingatinina ukuba sasiyibona ifenstile yesisi alam sendoda imi yodwa. Yayibonakala ngokungummangaliso. Yenziwe ngamacetyana amancinane egilasi entlobo zonke, zixonyekelelwe. Kwati noko babeyihleka xa isayenzayo, bavuya kaloku ukuyibona ifanele ukufakwa kulandawo ibingena fenstile, bayitabata bayifaka. Bati mawoshe! ukumkani akayi kuyibona le fenstile yeli hlwempu, uya kubona ezetu zodwa kuba zintle kakulu zona, akasayi kuyikatalela la fenstile ixonyekelelweyo. Bagoduka kunjalo. Ngemini elandelayo wafika ukumkani ukuza kubona ityalike. Waqala kweyokuqala ifenstile, wahambisa, ke zaye zintle zonke. Wazincorna zonke, kodwa ute akufika malunga nale yengqomekelela, wema. Yintoni leya ingapaya emgangatweni omhlope, umhle? Kwaye kuko amabala amahle, entlobo ezingapezu kwekulu, amabala azintlobo ngentlobo, ayekazimla kona. Ateni ukubako kwawo Ukumkani wakangela pezulu wabona amacetyana amancinane exonyekelelwe, nelanga likazimla pezu kwawo. Bonke obu buhle busemgangatweni, benziwe ngala macetyana mancinane. Waza ukumkani wabiza londoda eyenza lofenstile, wateta lamazwi kuyo, ' Tyapile! sicaka ndini sikolekileyo, ube ukolekile kumsebenzi wenkosi yako, akusebenzelanga kufumana ludumo lulolwako, kodwa wenze okutandwa yinkosi yako.' Ke elo hlwempu lafu- mana ibaso elikulu kulo Nkosi, yalinyula pambi kwabanye ababecinga ukuti ibaso liya kunikwa bona yi Nkosi. . Ya- kolwa kusebenza kwalo belitembekile kwintwana ezincinane. Hayi uvuyo lwalo ndoda. Yati ukubulela kwayo oku. Hayi ukuba mnandi kuyo ngenxa yokuba ayikatalelanga kudelwa nokuhlekwa ngabanye. Kunjalo ke nakuti. Sonke sifunyanwa sisebenza into ezinkulu, sizilibala ezincinane, kauti ke u Kumkani wetu angatanda ukubona intwana ezincinane zenziwe ngokukolekileyo, ukuze njengokuba ilanga lakanya kwi gilasi zalo fenstile, utando lo Msindisi lukanye kuyo yonke imisetye- nzana emincinane yetu, lwenze iudawo esihleli kuyo ibe ntle. Makolwa, u Msindisi wetu wasifundisa umzekelo omhle ngukupila kwake emhlabeui, ukuteta nokusebenza kwake kuteta into enye, ukuti 'Inge ndim, inge ndim.' Ukuba ningabalandeli baka Yesu um-Nazarete, yenzani awakwenzapambi kwenu. Tabatani amazwi esiqendu setu, nihlale ngawo kuzo zonke izinto, ezinkulu nezincinane. Ilizwi lenu malingabi ngu 'Ndim, ndim,' malibe ngu ' Asindim, ngu Msindisi.' Yibani ngabakolekileyo kwinto ezincinane. Yihlanganiseleni ndawonye yonke imisebenzi emincinane ekolekileyo, nikumbula ukuba yatinina indoda eyenza ifenstile exonyekelelweyo, yazuza umvuzo. Ayikatalanga, nangani abazalwana babeyihleka. Zenikumbule ukuba njengokuba ilanga lakanya kakuhle kumacetyana egilasi kuna kwezo fenstile zinkulu zenziwe kakuhle, kuya kuba njalo kanye ukukanya kwemita yotando luka Kristu, kwi- misetyenzana yenu emincinane, ekolekileyo. Masipele ngoku, kodwa masinikumbuze kanjako ngamazwi esiqendu setu ati, ' Inge ndim kodwa ngu Msindisi.' LANGA. Auckland.