Title
eng Ezelipezulu Kwela Mandebele. (ISIG_1885-10-01_i011)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i011
Word Count
eng 324
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p006
Page Spread
eng 6.1-6.2
Start Page of Article
eng 6
End Page of Article
eng 6
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UKUFUMANEKA KOMNYE WABABULALI—Liti ipepa lase Rini kuko indoda efunyenweyo, kumadoda awaye bulele, indoda. nomfazi, kwanomntwana. Lamadoda ayebaleke engaba banjwa, abaleka nompu, awayewu hlute kwi polisa elali wagcinile. Afike kwaba bantu besalusa igusha. UKUNCWATYWA OKULIHLAZO—Ati amapepa kute kwele Free State, kwisitili sase Smithfield, kwabuba i Bulu no- mniwara walo, yingqakaqa. Ababantu abakangelwanga bani bade bafa, Kute ka bakude bubonwe yayinqaba ukuba bakutiwani ukuncwatywa. Bade bafakwa enqweleni, yarolelwa endle, kwembiwa umnxuma babotshelelwa inta- mbo emanqineni balokohleka kulomnxuma. Nako ukufa kuka Baas no Nona. UKUSINDA OKUBI.—Ati amapepa kute kufupi e Dayimani kwaye kuko nqwelo inengonyama, esendlwaneni yentsimbi, suke kwali kula inacanci angapezulu, ati kanti akululekile, Zati intsimbi obe zilapo, zawa pezu kwayo ibi satebututu. Yati ukuvuka. kwayo yasel'itsivela kubafo bebabini, bo- ntsundu, kodwa ke basinda abo. Bekute ngosuku olunga- pambili, wamane eyixokosha amnye umfo, yamqubula, yatsho kunene ngotupa, wapantsi ukushiya ukuncunza. OHLATYWE YI NYATI — Liti ipepa lase Rini indoda abati ngu Mr. J. D. Browels ipantse ukushiya ukuncunza, ngoku- hlatywa yi nyati. Kutiwa bezingene emasimini ake, zawa- tshabalalisa kunene. Ute ke ngonxa yoke, walanda um- kondo, waye enabanye, kodwa inguye pambili. Ubehle wafika emhlambini wazo, wasel' eyidubula enye, waba yena uyosele, wasel'epanga kuyo akuyibona iwile pantsi. Ute akusondela, yema ngamanqina omane, yati nanko, yamtsho tyu kunene ngalo nkunkane imanquzi, yatsho waya wafu- mba. Yaye ke imosele, kuba itsho kunene etungeni nase sinqeni ngobukali bempondo wopa kunene. LITI ipepa lase Dayimani, ke kwafika indaba ezivela kwe- la Mandebele, zixela ukuba kuyinene ukuba kwakuliwe nezazizwe zinga kwela Dike le Ngami (Lake Ngami) noku¬ba kuyinene ukuba acitwa impela Amandebele. Kanjalo uhlobo lokucitwa kwawo alukaqondakali ukwenzeka kwalo. Litsho liti, enye indawo kuyabonakala ukuba ama Bulu ayawasel'efuna ukupakamisa imisilana yawo kwakona, kuba evile, ebona nokubona ukuba imikosi yapesheya iyemka. He kuko inqwelo zawo eziyimfuduka e Crocodile River, zima- shumi 70 ziya kwelo la Mandebele. Zipetwe yinto apa bati ngu Viljoen, into eti yona iyakuzifunela owayo umhlaba, oyakupatwa yiyo, ayisokuke ilulamele ukupatwa ligwala elingu Kruger, omane evuma ukugotywa-gotywa nga Mangesi. Elozwe alinxameleyo kutiwa linobedu (gold) kakulu