Title
eng Ezapesheya Kolwandle. (ISIG_1885-10-01_i012)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i012
Word Count
eng 149
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p006
Page Spread
eng 6.2
Start Page of Article
eng 6
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Captain G. P. Adams ibi ngumrwebi kweza ziqiti ze South Seas, yaqekeka inqanawana yake, basinda bonke, pofu, bapumela kwesinye sezozi qiti. Ite impi abenayo, yawelela kwesinye ngokuzidadela, wasala kwakwesiya u Captain Adams. Yagaleleka imigxadalala yelozwe, yamanya amahlanza kwa ako wada wadaqauka. Abalwe bade bafa—Liti ipepa lase Rini kuko ibali elibalisa ngamagora amatatu awake afika hoteleni itile pesheya kolwandle e Mexico. Afike exobe kunene seku hlwile, yaye le hotele iyeye nkazana. Ute lomfazi kuba eboyika ababantu wawuhlaba kwizipata mandla. Ite i President ye bunga lomzi ne Jaji yalomzi basebe singa kona kwa oko, ne nxenye yabantu bomzi, bafika lamadoda ezitshixele kweli gumbi akwelelwe Iona, akavuma ukuvulela mntu. Batontelana apo abantu, bada ba baninzi. Kute apo ke ba tana nqwa kona ngamehlo, sebe dubula aba bafo bobatatu. Kute kwa kuba njalo, lwaseluqekezwa ucango ngamandla, Yeka! yali qam-qam, ngamacala onke, balwa abobafo kwada kwase ku gqibeleni, bafa bobatata, banxwe- lera into eninzi yabantu.