Title
eng Ezase Natala. (ISIG_1885-10-01_i013)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i013
Word Count
eng 245
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p006
Page Spread
eng 6.2
Start Page of Article
eng 6
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Sibebu kwakona. Lumtiye impela, alusoze lubuye ngamva. EZASE ST. LUCIA BAY.—Ati amapepa, ama Bulu elocala kuxa awucanda ifama kunene lomhlaba, pofu ewazi ukuba ngowa Mangesi. Ute nowaxelelayo, onje ngo Mr. Blamey ukuti musani ukuwucanda niwone lomhlaba, ngowetu Mangesi. Asuke ati ukupendula—'Tina asinanto nalonto, asisetuki mhla ngakwena , nati ngowetu. Soti ukuba lo Rulumente wenu niqayisa ngaye uke wasipazamisa, sowu- hlaba sati kwamanye amabandla, siweme inkobolokondo.' IDULI LAMA PUTUKEZI ANTSUNDU E DELAGOA BAY.— Indaba ezifike nenqanawa zibalisa nge dabikazi elaliwe ngaloma bandla nge 24 August. Kutiwa kwakufika i Ruluneli ivela e Mozambikwe iza kupata elozwe. Ke kwakuziwe kubuliswa yona ngamawetu lawo, suke kwata- batana ngencukwana ezindala, kwasekuliwa. Kwati gumpu, gumpu, gumpu, kuba kaloku leyo yese ngamadoda, yesapata imipu yayo Kutiwa ke kwafa abantu ababini, nenxwelera zaba nhlanu. [Kwowu! asibantu itelezi, yinile!! ED. Sigidimi.] LITI ipepa eliyi Natal Mercury kuko umfo opuma kwa Zulu ohambele e Tekwini (Durban). Uti xa abalisa nge zakwa Zulu wati — Kube kusifa u Sibebu, kwaza kwafunwa igqira. Lifike lamisa kwisitandanekazi sika Sibebu uku- hlaba, lati;—' Lomfazi ubehlamba entendelezweni esemva kwendlu ebi no Sibebu lowo.' Kute kusenjalo, wavela omnye umfazi kwa ka Sibebu, wali nqinela igqira ukuba linyanisile ukutsho, okunene naye wambona ehlamba kulondawo U Sibebu, wasel' emnika ityala lomfazi unqinela igqira, ositi naye ukwa mnukile umkake kwanje nge gqira elo, nokuba umsiwe kwihlati lase Msondo, aye kusikelwa kona. Bate abantu abebetunyiwe ukumpeleka bafika boyika ukumsika, kuba kuse mhlabeni wase Mlungwini (Reserve) . bamti nyenge, bati makaye kowabo. Ngoku ukona, use Matikulu, usabu nqakida ubomi.