Title
eng Izwe Lama Ngqika (ISIG_1885-10-01_i016)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
xho Letter
Author of Article
eng A. G.
Language
Locations Mentioned
eng Alloeville, Kentani
Date
7 September 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i016
Word Count
eng 358
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p007
Page Spread
eng 7.1-8.1
Start Page of Article
eng 7
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Aloeville, Kei River, 7 Sept., 1885. MHLELI WE Sigidimi Sama-Xosa,—Nkosi yam sekulixesha ndimana ndinqandeka, ndinxamele ukukuvisa ngehambiso yeli lizwe lakwa Centane lama Ngqika, njengoko ndaziyo ukuba uyatanda ukuva ngemeko yozinto e Transkei apa. Into enkulu kweli kukubalela kwe langa. Ndivelile nje andizange ndilibone linje ukubalela, I Gcuwa kudala latshayo, ngati alixange libaleke; i Nciba ngokwayo itshe kwade kwavelu amatye angazange avele, ibulembu yonke. Isitwai no Mbendeni, izifo ezitsha, ziyatyikitya kuma Ngqika. Kwimeko yezinto anditandi ukukangela kwicala elibi, kodwa manditi ukufa kwe nkomo endikubona kwa Ngqika apa kuyoyikeka, kungamashumi asibozo nasitoba ekulwini (80 or 90 per cent), Ivenkile ezintatu zitenge izikumba kupela ezikufupi ncwaka pakati kwe nyanga engu May no August lo udluleyo. lnani lenkomo ezifileyo kweli lakwa Ngqika lodwa litandatyuzelwa ngabagcini zivenkile kufupi namawaka amatatu. Ngosuku lwe 4 lwale nyanga, sibone nge Nciba se izele apa lite nka ukubalela, kwati ngolwe 6 kwuna imvula enkulu iyure enehalafu, yenza ubumanzi obuzi intshi ezine (4 inches). Ngoku ziyapambana izipani, ubangase lwandle sebejongo ukuhlakula indawo zokuqala. Ukuba ayiyekanga ukuna, tina somva umbona omtsha ngo NovemberEli langa liwafundise inkutalo enkulu ama Ngqika. Kuko abakupe imijelo nakumaqaba, balima inqolowa. Umpakati ka Feni Ty'ali, into yakulo Kweleshe, wenze umzekelo omhle, wakupa umjelo, uqeshe amadoda asibozo okuwumba, lo mpakati, liqaba. Inkosi u Feni ngoku isipapele isikula, ngati iyasifuna ngoku. Into ka Rev. Tiyo Soga u Mr. Allan K. Soga utabate ubufama o Tutura, wenza umzekelo omhle eluhlangeni Iwakowabo, ukupa umjelo e Tutura. Into efunekayo ngoku ngamadodana afundisiweyo ukuke atabate ubufama abuqube ngohlobo lwengqondo entle kakuhle (scientific farming). Amadodana abantsundu emi kakuhle ebutolikini, ebutitshaleni, ebufundisini, nano bugqweteni; kodwa kwinkutalo yobu fama nokurweba, eyona misebenzi yokuzimela, ase semva. Akuko nto ndiyifanda njengokubona umntu ontsundu ozama ukuzi- mela xa anako, ibanga olitatyatwo ngu Mr. Allan K. Soga ndilibuka kanye. Ndiyatanda ukubona indodana efundiswe kakuhle izi Greek nezi Latin, njalo njalo, ingawucekisi umsebenzi wezandla, ibonisa izidenge ukuba ipeki nomhlakulo azincolile, azigxoti bulumko namfu- ndo yamntu. Makavele abe maninzi amadodana afundisiweyo ama- kamelo inkutalo. Mandipele apa, ndim owako A. G. [Hayi kambe! Gwegwe, Qanqolo, Ncibana, njalo-njalo, ukumana usivisa intlalo yamakowetu. Kambe nokubeta ' nj'ikalayo,' kwaba- kowenu abatanda ukuzamela ukuxasa inkutalo, kuba unyanisile ukuti amadodana antsundu abonisile ukumisa kwawo inyawo kule misebenzi uyixelileyo, anga anganela ebufameni.—ED. Sigidimi.]