Title
eng Ngubanina Umseki Wo Manyano Nge Mfundo'? (ISIG_1885-10-01_i017)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Bovula, J.J.
Language
Locations Mentioned
eng Roxeni
Date
26 September 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i017
Word Count
eng 187
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p008
Page Spread
eng 8.1
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
MHLELI odume kakulu—Kawunditumele lomyalezo kulomfo waye- bale kwi Mvo Zabantsundu uti: ' Ewe imposiso leyo yenziwa, koko kamva koku, ze azi ukuba iso lake lifana nelabanye abantu—ukutsho nditi ngelinde Isigidimi inyanga zambini nokuba zintatu, ze ati ke xa ebona eso siposo singalatwa, aqale ukuteta ngohlobo abate ngalo.' Mhlobo wam, ndinga ungazisa nezako izizatu ukuba imibuzo le mihle, xa kodwa umbuzo uwubuza, uze ubuye ugwebe kwawedwa, lomntu wenjenjalo sukuba egxeka. Nawe uyaposisa ngokuti umseki wale ntlanganiso ngu Mr. Mtakati. Intlanganiso yeva oku, yazi oku nawe ke, pulapula uve: U Mr. Gawler wati isekwe nguye nge 1876! no Mr. Mtakati wati isekwe nguye nge 1877. Sati ke tina ntlanganiso ire o Messrs. Bovula no Tshwete bahlanganise ababangisani abo, beve inyaniso apo ikona, ize baye nayo kwintlanganiso yase Ngqushwa. Linda longxelo yetu ke wena ungabuye wazise onje ngam owazi kablanu ngapezu kwako nge Native Educational Association.—Hamba ezintlanganisweni! Yeka ukuti xa ubuzayo ube usel'uxela kwa wena. Cela i Editor ye Mvo, kuba ngumfo onengqondo xa atanda ukuyisebe- nzisa, akwazise indlela yokwenza uxolo. Ndimangaliswa ngumbuzo ohamba nengxelo, ngati ubuza usana olungaziyo, omalukokelwe ngenteto xa Iona luvutela amazinyo. J. J. BOVULA. E-Roxeni, Sept. 26th, 1885.