Title
eng Yinina Le Daliwe? (ISIG_1885-10-01_i019)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng Mabuya, E.
Language
Locations Mentioned
eng Cathcart
Date
28 July 185
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i019
Word Count
eng 223
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p008
Page Spread
eng 8.1-8.2
Start Page of Article
eng 8
End Page of Article
eng 8
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
NKOSI, Mhleli wepepa lama nene nama nenekazi, kauncede undifa- kele lemigcana imbalwa kwelo pepa lako. Andimntu uhlala ekukuta- za, ndiyatemba ukuba uya kundinyamezela. Kuko into embi endiyi- bonayo esisenzakalo pakati kwama nene nama nenekazi antsundu akwa Daliwe. U Daliwe uzele ngamapepa, kubalwa ngezimilo zama nenekazi. Yiyo into embi apa kwa Daliwe, kuba ungajikela nakulipina icala lesi trata, ufike ubone ipepa litutu kakubi ngamanenekazi antsundu. Kodwa lento ayenziwa nanga magwangqa, yenziwu kwa nga bakowetu. lusizi lento, kuba kubonakala okokuba uhlanga lubuyela emva, kuba andizanga ndiyibone into enje ngale, nokuba omnye umntu unesimilo esinjani, ibi yindawo kabanina ukuba makaye kumbeka esitalateni? Naku magwangqa andizanga ndayiva into enje ngale, kuba kaloku bekutiwa silandela abamhlope; ekutiwa ngesi Ngesi: We are following the English. Hai, ngakwelakwa Daliwe icala sisabuyela emva. Apa sisebubini, kulapo kungeko nesikula sosapo semini Endaweni yokuba umntwana ati ukuqala kwuke ukuteta, ati, ABC. Hai mhlobo wam owakwa Daliwe uqala ngokutuka. Ndiyi bona lento ndingumhambi, ndinge nguye nowakwa Daliwe. Ndingo wakwa Komani. Kwa Komani bendiba ndisuka endaweni embi. Le yakwa Daliwe into nase manyangeni akwa Xosa andizange ndiyive. Ndinosizi ukubona uhlanga lwakowetu lakwa Xosa lubuyela emva ngoluhlobo. Nxa ndenjenje andigxeki andituki bani. Yikangeleni londawo mawetu. Into ikakulu endiyibonayo, udodana lwase siko- lweni luqelene kakulu nolwase maqabeni. Nantso into endiyibonayoukuba u Daliwe iyakuke imtsalele emva. Uxolo makaya, mandipele apo. Owako futi, E. MABUTA. Oath cart, July 29th, 1885.