Title
eng Umntana Osidodo Bumini. (ISIG_1885-10-01_i020)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
Author of Article
eng P. M. M. P.
Language
Locations Mentioned
eng Bedford
Date
19 August 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-10-01
Identifier
eng ISIG_1885-10-01_i020
Word Count
eng 128
Print Page
eng ISIG_1885-10-01_p008
Page Spread
eng 8.2
Start Page of Article
eng 8
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Bedford, 19 August, 1885. Kwi Sigidimi Sama-Xosa,—Nkosi yam ndiya koyika, ke ndiya kuti- nina? Mandizidumzelele kuwe ngeliti, ' Kawundifakele lamazwana kwelo pepa lamanene akowetu, uti ndiyabuza ukuba ngubanina nabanina pakati kwe kaba elamkela i Sigidimi oyibonayo lento imbi kangakanana. yokuti i Sigidimi besifudula sipuma kabini nge nyanga, kukuhle kangakanana, kubonakala emhlotsheni ukuba uhlanga olumnyama ukuba luyo lunyinya-nyinya ukuhamba kwalo njengo sana, nanje ngo mntana osidodo bumini. Abazali bake abadani yinina? O mandiyeke, ndobetwa entloko ngama'roti. Kodwa unetamsanqa mfo wase nkanti utimbe abantwana ababe fundiswe ngemihlali ngo yise. Ngumbuzo lowo kancinane.' P. M. M. P. [Nangoku singabuye sipume kabini, ukuba bayatanda abaxasi baso. Ukutanda siteta ukurolwa kwe mali esixasayo kwanga pambili, kuba baninzi abamane besixasa ngezikalazo kupela, kanti pofu namapepa apuma nge veki zonke, kumfaninye, inxaso inzima ukufikelela nakuwo. —ED. Sigidimi.]