Title
eng Umanyano. (ISIG_1885-11-02_i001)
Found in Newspaper
Article Type
xho Article
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i001
Word Count
eng 1098
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p001
Page Spread
eng 1.1-2.1
Start Page of Article
eng 1
End Page of Article
eng 2
Print Column
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Akuko nto imandla anga ngo Manyano ezintweni zonke zingaka nje. Faniselana kudibene intwana ezidelekileyo ezinje ngozi nibuzane, ne ntubu, njalo-njalo, ziti ngenxa yokuncedana, nokuvana kwazo, zenze into enkulu kunene. Imbuzane zingungela nendlovu, nokuba yinyati, zibete ikohlwe nayinto engayenzayo, ikohlwe nokukangela, ikohlwe nokuzipunga, ide ibonakale ifuna qinga limbi lokuzinceda, nanko ibekisa emlanjeni, isiya kufuna uncedo kona, izishiya kona zonke ezo mbuzane Kukwanjalo kwi ntubu. Zaka iziduli, inxenye zide zibe ngange zindlu zinqukuva zetu bantsundu. zaka iziqalane, esikolwa ukwe- nza ngazo imigangato yezindlu zetu, ukuze zomelele, zingafane zibe nxushunxushu. Ezase lwandle (corals), zide zenze neziqiti, eside sake kuzo amabotwe etu amahle naqinileyo, nesiqayisa ngawo ngobuhle nokomelela kwawo, kanti ke pantsi kwetu apa zizigidigidi zezo ntubu, ezidumzela izwi eliti kuti, ' Yibani yi Mbumba ya Manyama'' kuzo zonke izinto. Namhla ngati adiyi kungena kwiziganeko zezinye intla- nga, zokubonisa ubunyaniso bale nto, kuba londawo yona kade iqongelwa, iboniswa lemmyaka, ayincedanga. Namhla sifuna ukuke umzi siwalatise kweminye imizana, emakomkulu, namasiko awo okumisa lomizana agciniweyo, laye eliyi ntloko, nowona Mmiso wezo zizwana ilu Manyano. Sesitshilo ke ukuti ozintubu baka amaqele ezindlu zoku- hlala nezokudla ngomanyano, zinomteto okwangu Mmiso wokuvelana ngokuncedana. Xa zivuna ukudla kwazo zikututela ezinyangweni zazo, ziyancedisana. Xa imbovane zifumene inyamakazi nokuba isel'it'imba njani, zoyingungela, ziyitsalele zonke emnxunyeui wazo, zisondezela usapo lwazo. Kukwanjalo nakwi nyosi. Nazo kwi komkulu lazo, umteto ongu Mmiso lu Manyano, luviwano, luncedwano. Kulo mzi wakwa Nyosi kusuke kube ngu mdabazo, kwango nyezi, ukuya kufuna izinto zokuwenza umzi wazo ukuba ube nefa, nombuso, nokutya, njalo-njalo, ke ngoko kuyabonakala ukuba yonke indalo, nenikwe ingqondo emfutshane kune yomntu, ebizwa ngokuba yi instinct, kuba eyomntu kutiwa yi reason, inommiso wo manyano no velwano. • Ukutsho ke sibangwa zizizatu ezingena kubalwa ekude ziboniswa tina, malungana nokupatana esipetene ngako, esiti kanti sizipete kepu kwatina ngoko kwenjenjalo. Yinina ukuba side sidlulwe zinto ezingeni ngokumanyana? Ngamabandla apina awake azikota inxeba, axela incuka, yona nto iti yakubinzwa, nokuba idutyulwe, isuke iti yakubona elo gazi ililibale ukuba lelayo, isuke izifunxe igazi kude kuti tu emitanjeni yayo, ililutele esiswini sayo kwa yona, suke ide ipelelwe bududu, kuba igazi lipelile emitanjeni, amandla apelile ke ngoko. Wenza lonto kanye umzi ontsundu wakowetu, uzikota inxeba, uzipanga amandla kwa wona, yiyo ke lento lizijejane lonke. Yiyo ke lento limagada ahlabayo lonke. Yiyo ke lento lisuke layingqongo, lacutana lanje. Yiyo ke lento limalanga, zindlala, zingqakaqa, mancwaba, zitukutezi linje. Bonke namhla sebe majeke endlela, kukunjulwa e Nko nase Bakuba. Zintatu indlela esizikota inxeba ngazo. Zezi:— 1. Ilizwi le Nkosi asikalamkeli ngomqolo wetu wonke tina luhlanga luntsundu. Siyapena- pena pakati kobu heyideni nobu Kristu, sifumane sotisa inyawo zodwa ebu Kristwini, libe igqugula lentliziyo zetu likwase bunyameni. Sikatazele eziko njengo mntwaua, simane sirola izikuni eziko, sitandana nokupata izinto ezibukali eziya kusenzakalisa. Asivumi ukuyamkela i Mfundo eyondeleneyo, neyendeleyo. Sitanda ukurwila pezulu, singayicokisi ukuyihlakula intsimi ye Mfundo, sitanda ukubugqumelela utyani, sibuselela ukuze benzakalise kwa tina, kuba buya kwenza umvuka, bubulale ezo zitonjana zemfundwana eziyimintala-ntala ezimi njengama kikizela kwelo fusi lengqondo zetu. Masixelise ezinye intlanga ekuzenzeni kwetu izinto, sinyameke, nokuba kukulima umhlaba, siwapate ngokwetu amakuba, siwulime umhlaba, singaneli zezo nduma zenziwa ngamakwenkwe nabafana betu, eti nalo mbewu ihlwayelwe edotyeni, ize ngoko kungaveli nento. Oko ke konke kukuzikota inxeba. Kuba ilizwi liyasibinza ngenxa yezono zetu. Kuba nezinambuzane ziyasibinza ngokusifundisa ukuba akuko nto imisa umzi nobukumkani ngapandle ko MANYANO nokuvelana, noku- ncedana kuzo zonke izinto esizenzayo. Lamakwelana, aba nomafutana bangamafunza kamnandi kwabanye ukuze bacasane, zintshuntshe ke ezo ezisibinzayo. 2. Siya zikota inxeba ngokumane sizicalu-calula kwa tina, kanti pofu singa bantu abanye. Ukuze mhlaumbi niyiqonde lento ilu Manyano make senze imbalana emfutshane, ebuntsomira. Kutiwa kwabe kuko inkunzi zenkomo zine, zinqogene kunene ngubunxaxo, zitandana, zahlukile emihlambini yezinye inkomo. Zazitandana, zigcinene, zincedana ezintshabeni zonke, ezinje ngozi ncuka, ingonyama, njalo-njalo. Kwakuko inkunzi yengonyama ebihlala izibona ezinkunzi zisidla kule ntili zitene nca ngamacala. Yahlala ite nqa ukuba kutenina ukude zingalwi nje gxebe, zisuke ziti endaweni yokulwa, zincedane zakutikelwa lutshaba. ite ke ngamhla utile yamane ite qwa ndaweni itile, kuba nayo yayizoyika oku zenze Imbumba ya Manyama nje. Icinge eliti, '' Oku ezi nkunzi zimanyene ngolu hlobo nje, ziti ukuya kusela ziye kunye zonke, kuti ukutini zibe kuko zonke, nala mandla am ndoba ndifekete ngawo, kuba ziya kundixaka zisendawonye nje. Nantsi into endiya kwenza yona, Ndiya kuzixabauisa, ndizitelekise, ndeuze onoinafutana abaninzi, ndizibonge ngazinye ukuze ileyo lnyuse elayo ilunda, ukuze leyo ipandule, inqike iziduli, lkonye, ikonyela ezinye, ibe sisijama-nkungwini, esifuna imfazwe kupela.' Yenza lonto ke okunene, kanti izigqibile. Yazifumana zisisulu, kuba ite leyo yagquba, yakonya, yawapuza, kuba inconyiwe, yasukulwa ngamagama abete kwe ja iminyele yazo zonke. Yaqala ke inkewu yazingenela ngazinye, yamane izinqoloba, yade yazifeza zonke. Oko ke kukuti yibani YIMBUMBA YA MANYAMA, kuba kulo ngonyama zazizinkomo zonke, nokuba amabala ezibizwa ngawo ayengafani na. Kwangokunjalo ningaba ntsundu nonke, nokuba ibala lomnye lazelwa ukuba li Mfengu, elomnye li Tembu, elomnye li Gcaleka, li Ngqika, njalo-njalo. Lumkelani ingonyama yenteto nezacana eziluna ukunicalucalula, yabe impato inibope ngaband'enye. Lumkelani ingonyama zamasiko obuheyideni, zingo Kala, ziya ninyo- ndla ukuba nimanyene na ne Nkosi. Lumkelani indywala zenu nezase Mlungwini, zingonyama ke ezo, ziyanihlola, zinibonga ukuba, ningcikivane, neyane, nitiyane, nixabane, ningancedani ukucasana nentshaba zenu; nicitane kwa nedwa, nidele, nicase nabafundisi benu, nibe ngo Noqqakadule. 3. Kwindawo yesitatu siti, musani ukuzikota inxeba njenge ncuka, kuba kukwa kukuzikota inxeba ukulilahla itamsanqa lezwi le Nkosi. Baninzi abate oko eli lizwi bebe libambile, bayazi, bayiqonda lendawo yokuba, nokuba batiwe ngweve zimbuzane nezibawu zembandezelo, nentshutshiso zozimfazwe, nezoncitakalo kodwa, kuko into abangena kwahlukana nayo, vile, voxolo lompefumlo, yokuxolelana no Mdali wabo, Bebesazi oko ukuba ubu- tyebi, nobunono, nobunewane beli hlabati zifana namagqabi omngculuba, neminye imiti evutuluka amagqabi ebusika, ati aqame kunene ngelinye ixesha, ize kufike inqwitela zobusika eziwaqutelayo, avutuluke onke, kungasali nalinye. Kanti noko lomti uhleli, kuba uyafunxa ukunyakama nge ngcambu zawo, wobona ngawo ubani wonke ukuba ihlobo liyavela, ubusika buyadlula. Ukulahla ilizwi lika Tixo kukuzikota inxeba. Akuko ndawo aoze sibuye siyifumane sonwabe kuyo, kuba simka nenkumbulo nemvalo zetu, simka nezikali ze gospeli eziya kusisantsulisa kude kube se Nko Base Bakuba. Masimanyane kuzo zonke izinto ezilungileyo, ze. Lizwi, ze Nkutalo, kuzo zonke izinto ezingamalungelo etu emhlabeni apa, pantsi kolu laulo lwabamhlope. Maxosa, Mamfengu, Batembu, Mampondo, Maxesibe, Matshaka, njalo-njalo, yekani ezo mfazwana zenu zingasoze sincede nto ngapandle kokuncedisa intababalalo kwa yenu. Telelani kuyo le nqina ka Gquma barwaqele, Timla betuke, 'Mtunzi wabo bonke bengaka nje. Tibani Yimbumba ya Manyama. Kukade kusitshiwo, kodwa akubonakali. Inye into eyakude isivule amehlo, kuxa seside safika emideni yase Nko nase Bakuba, amazwe esiwanxamele sisiva nangaba mandulo ukuba akazange afikwe mntu, xa sesifana nama Indiya ase America, sesipelelwe kwade kwati mu tu. Masihlale pantsi kwabo bonke obu bunzima, bulungile, kuba zonke ezinye intlanga ukuze zibe zizo, nazo zacanda kuwo la mabenu-bentsu, nezi nzima. Lomzi uyi Rome awakiwanga ngemini enye. Yibani YIMBUMBA YA MANYAMA watsho umfo ka GABA ukumka kwake, ukutshonela kwake pantsi kwalo Mqonci use Twatwa.