Title
eng Ukucola Cola. (ISIG_1885-11-02_i003)
Found in Newspaper
Article Type
xho News Bulletin
SubType of Article
eng News Summaries
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i003
Word Count
eng 1684
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p003
Page Spread
eng 3.1-4.2
Start Page of Article
eng 3
End Page of Article
eng 4
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Ukububa kom Kristu.—Kubube esikolweni sika Rev. P. J. Mzimba omnye wabantu abebe sand' ukuguquka kulo mzi wase Lovedale, igama lake ngu Yelani. Ubube ngomhla we Sitatu evekini, ngosuku Iwe 7 ku October, 1885. Lomntu akazange apile kakuhle kususela kumhla awaguquka ngawo, kuba nangalo mini wade watwalwa. Ekuguleni kwake, bambalwa ababe ngaqondayo ukuba lomkuhlane walo mntu mbulu kangangokude emke emhlabeni. Bekusiti kwabaye kumlunguza, bafike kubuso obuncumayo, obonwabileyo, obunotando. Ubesiti yena akafi, ngumzimba wodwa ofayo, kunjalo nje akafuni mayeza kuba yena uyemka kulo mzimba, ke ngoko akawazi ukuba xa yena emkileyo, uyakuhlala ntoni na. Ubesiti Inceba engakanana akasokuze ayilibale, ete akubon'ukuba kuxa aselesemlonyeni wencwaba yaza yamhlangabeza, yamsindisa. Ubexela mhlope kwaba tile ukuba uyemka yena, uya kuhlala no Msindisi wake onceba ingena kugqitywa. lnani eliselizinikele emhlotsheni lingapezu kwa makulu amabini (200) kwesi sitili sika Rev. P. J. Mzimba- besa- cimba nanamhlanje. Inani elise lizinikele e Nkosini, seku- ndawonye konke kungapezu kwamakulu amabini anama- shumi amahlanu (250). Imimangaliso ka Tixo. Ubuyeke.— Yona imiyeke, nabapantsileyo ukuzinikela, nabasavana nemixelo yiwangala, bebonakala abanye ukuba iko into ebajijayo, nebasebenzayo ezintliziyweni zabo. Basa ndita, abade babekele entloko, benze isigqibo sendawo abayona bayicubayo. Baninzi abanjalo napakati kwamaqaba, abati bakuliva ilizwi le Nkosi ngezi mini, bati nangani bengekazinikeli balinyamekele ukuliva namhla, benze imibuzo malunga nendawo abati pofu boyisiwe lilo, zifike zime pakati kwabo zibatintele. Okunye ngoku abo banjalo banendawo yokuli langazelela ilizwi, bayatanda ukuya kulipulapula, linendawo ebatsalayo namhla, bakuva ngolutando lungakanana. Wanga u Moya wo Somandla ungaba ludunkunku kulo lonke elimiweyo, kude kube Bezintolongweni, nakwezo zinkulu zabaye kukanda amatye. nabagwetyelwe iminyaka emininzi, nabaseziqitini. Wanga ungagqogqa apo u Moya ka Tixo, kozindlela zo Loliwe, kwelo Dayimani kanye lidumileyo, wanga ungaba twebula abaninzi, bashumayele ikomkulu lake eliselifikile pakati kwetu nati zizwe zintsundu. UKUSINGA E KAPA.—Ati amapepa kuko iqela elisuswe ngama Mpondo, ukuba lisinge e Kapa nge micimbi etile. Eloqela lipetwe ngu Mdlangazo, isiteti sakwa Nyauza, Josiah Jenkins, okunye mhlautnbi kobako nompakati owohamba nezo nkosi. Um Lungu opatele kwelo qela ngu Donald Strachan, ekuse kuvakala ukuba u Rulumente wolwamkela olo ndwendwe. UKUGWINTWANA.—Ati amapepa kuke kwehla into embi kunene e Kapa. Kuhlatywa nto bati ngu Jacobus Con-stant, ihlatywa ngu Bencke, nto ibifike nomkombe wama Jamana. u Bencke lowo usentanjeni. U Constant lowo unxwelerwe indawo zambini, waqauka lingekafiki negqira. KWAKONA kubanjwe mfo bati ngu John Dunn ngokubu- lala umfo abati ngu Sverdon um Swede. Umfi lowo kutiwa waye mane esela utywala nomlingane wake ngepezolo, waselefika u Dunn embeta. Ute ke wakweliswa enqwe- leni yamahashe ukuba imgoduse, koko aqauke engekafiki ekaya. IwANGALA YEZIKUMBA.—Liti ipepa lase Qonce eliyi Cape Mercury kuko intapane yezikumba zenkomo ezivela pesheya kwe Nciba, kwa Centane. Ezi zikumba zingamawaka angamashumi omane (40,000) zenkomo ezibulewe kubitya, ngositwayi, nombedeni, njalo-njalo. Ezi zikumba zezeso sitili sakwa Centane sodwa. UKUGXOTA UMSHOLOGU.—Kutiwa ama Bulu ayagxwa- gxushwa yimpi yakwa Zulu ngenxa yokunqungulwa yimikwa yawo yokupanga umhlaba, ehamba ezi candela apo atanda kona. Ke ati amapepa, kaloku nje ama Zulu akayifuni lonto, abamba eyicita lomizana, etintela yonk' into efika kwelo, isiza kweso sisulu sombinza. Kutiwa kupuma umkosi wama Bulu ongama 300 ukusinga kona. INDABA EZIMBI KUNENE.—Omnye wababaleli be Cape Mercury wenjenje ukubalisa kwake ngesipitipiti sama Mfengu naba Tembu—Uti umangalisiwe kukuba kube akuko namnye kubabalelani base Transkei oyimise ngo mxolo wayo lento imbi kangakanana yenziwe ngama Mfengu kuba Tembu base Emigrant Tembuland. UTI YENJENJE UKWENZEKA KWAYO LENTO.— Kwati kwi nyanga efileyo kwagalelelwa aba Tembu bamzi utile, bavingcelwa ngama Mfengu, kungeko nento le ewacapuki- sileyo. Kwaku kwaba ba Tembu base Sikobeni, balunge kwa Cofimvaba, esikolweni sase Wesile, emdeni kanye womhlaba ka Matanzima nama Mfengu. Kute ke wakuba ungqingiwe umzi lowo, yapuma enye indoda ngokukangela ukuba sisipitipiti santonina esi sikoyo. Ite yakuti gqi yadutyulwa, yafela kwalapo Yaludunkunku ke izitonga zale mpi yasema Mfengwiui, kwatinjwa ozigusha, nebokwe, ikulu zizonke ezo mpahla (100), kwemkiwa nazo. Kute kusile, wahlatywa umkosi, walandwa umkondo ngaba Tembu, waya wangena ema Mfengwini. Kute kwangoko kuhlwa wangqingwa kwakona kwa lomzi, yinto eninzi yomkosi, aye amadoda akoyo kulomzi emane ukuba aye nge mahlanu. ATE ke lamadoda mahlanu, emva kokwenza izitongana ezimbalwa zokuzihlanganisela, ehla nomcinga, awushiya umzi lowo usel'ulaulwa yilompi yamatutu, apanga yonk' into eb'isezindlwini. Kute kusisa zaye i Mantyi zombini, eyase Mbulu neyase Sidutyini zise mdeni ukupelisa eso sipitipiti. Umkondo ubuye walandwa ngo mteto we Mantyi, waya wafakwa kwela sema Mfengwini, apo kubanjwe iqela labapitizelisi abo, ekutembekayo ukuba boyifumana into abebeyinqwenela. UTSHO ATI KE XA ABEKISA KU MHLELI WE Mercury.— Kanti ke lento yinto engapezu kokututa nje kodwa, njengoko abanye bangakumbula njalo. Entliziyweni yomntu ontsu- ndu wonke, into enje sukuba ihlaba umkosi wemfazwe kupela, nama Mfengu eyeuza nje, ayenza esazi ukuba ikangele apo. Ukuba bekungatanga aba Tembu bafumane babe nobutomvi, bangawaputumi ama Mfengu ngobumpi, njengoko kade ebefuna ukunga kunganjalo wona, singesiba namhlanje sifumene into ekwanje ngaleya yale mfazwe ka Ncayecibi, yama Gcaleka nama Mfengu, eyapelela ekubeni yimfazwe ye Koloni yonke. AKUKO matanda ukuba ubuninzi bama Mfengu bunxamele kwa imfazwe, ukuze afumane umhlaba kwa nenkomo, Utsho ati ke okwake yena ukolwa ukuba uninzi lwawo lwenza yonke imigudu yokuba kude kuvele oko. UKUCASANA kwama Mfengu naba Tembu kumandundu kanye kaloku nje, kanti ngabona bantu bebefuda bevana ngapambi kwale mfazwe ka Ncayecibi. Kanjako ukuba u Rulumente akayisukoli lento ayipelise kamsinyane, awohlwaye ama Mfengu la, ayakubehlo ayifolele ihlahla lemfazwe kwakona le Koloni. IMIKWANA yawo iyacapukisa, ingena kunyamezeleka naxa sukuba ete xwa-xwa pakati kwezinye izizwe, yabe ke lonto ibonisa ukuba eb'efanele ukubekwa odwa apo sukuba ekona, angenziwa mxube nezinye izizwe kuba enesindandani aobu Rulumente nobu Koloni, into ke leyo efanelwe ukukangelwa ngeso elibukali ngu Rulumente. Kuba inteto yezinye izizwe iya ibonakala ngokubonakala, le iti, ' U Rulumente ufunze ngama Mfengu ukuba ahambe exaya, epanda imfazwe.'—October 7, 1885. LEMBALI ilusizi kanye kuba TU nto incedayo kolu luci- twano, kunye konke kuyafana. Ukuba abantu bakowetu bafuna ukuba sisizwe, luhlanga, mabavane, azincedi nto ezo zitongana zamak'welana angasoze ancede bani kuti mzi untsundu. Kulo mbuso akusokuze kubuye kume ngalumbi uhlobo, umntu ontsundu nogama lingu mnina, wavengene ninina ku Rulumente, ufana nalo ufike izolo, imiteto minye owe Mfengu nowom-Xosa, owom-Sutu nowom-Tshaka. njalo njalo. I Lawo ne Koboka bazicingela ukuba banamalungelo ate nyi kuna we Mfengu, yaye i Mfengu ikwanjalo, icinga ukuba inelungelo elingapezu kom Xosa, njalo-njalo. Yiyo ke lento singasokuze sibe bantu, yile mikwa yobu budenge; mazipele ezincuku pakati kwetu bantsundu, ukuze sikwazi ukuvelana, ukuxasana ezintweni ezonakalisa ukonwaba kwetu, ezinje ngozivoti, zipasi, njalo-njalo. Mawupele lomoya wokuzikohlisa ngeliti, tina singaba yinto etile ku Rulumente kunabatile, ngu Nonqoto yena lowo. UKUNGQUBANA KWE NQANAWA.—Ati amapepa ke kwa- nqubana inqanawa ezimbini ngase Ntshonalanga kwe Hartle pool, kwabuba abantu aba 17. UKUFIKA KUKA REV. DR. NO MBS. SOQA E KAPA. —Ufikile lomfo wohlanga, esiza kwa ukupata umsebenzi kayise wobufundisi, pakati kwama kowabo. Apo asingisa kona kukwindawo ekutiwa kukwa Paterson, inxowa lika Majamelana (Major Malan), pambi kokuba aye kwa Bomvana, ebamba nenkosikazi yake, ekwazinike- leyo mpela kulo msebenzi wokufundisa abantsundu beli lizwe. Kodwa pambi koko woke aye kubambela u Mr. Lundie e Ntshatshongo, andule ukuwelela kwelama Bomvana. Usel'efikile ngoku, ushumayele e Lovedale ngo 25 ku October, ngobushushu nobuciko obuxwile intliziyo zabantu. IQILI. — Ati amapepa kuko indodana etenge impahla eninzi kunene yokwambata kwa Komani, kwa kwindlu eyagxotwa ibifudula isebenza kuyo. Kubuziwe ngu Mlungu wayo ukuba kutenina lento itenga izinxibo kangaka kanti ayisebenzi. Ite ukupendula—Kaloku oko bendisebenza imali yam ibitenga ukudla, xa ke ngoku ndingase nayo ndimelwe kukuncedwa zizihlobo zam zindixase nazo. UKUGXOTWA KWABA TEMBI.—Ipepa Iakwa Komani lipete indawo yokufuduswa kwempi yase Cala, ifuduselwe kwa Qumbu, noko ingatandiyo, igqunywe ngokwa maqonyo, iti enye ixinanswe. Koko ke akukavunyelwana ncam ngayo londawo. UMKOSI, OSINGE KWELA MANDEBELE.—Ati amapepa kuko umkosi wamavolontiya ohlanganiswayo, ukuya kutelela u Khame, kuba ejamelene no Lobengula Indebele. Kufuneka amawaka amabini (2000). Lizakufa ilizwe pakati kwalo madoda. UKUGUQUKA KWEBALA ELIMNYAMA,— Liti ipepa lase Tinara kuke kwafika indaba zivela ku Mr. J. R. Rigg, wase Suffolk, eziti:—'Kuko ikoboka (negro) eliguquka ibala.' Liqale ngamabala ezandleni, kwabehle kwasusela msinya ezingalweni, kwahamba kuba njalo kuwo wonke umzimba. Bate abanye abantu bakuyibona lonto, maliye ko siyazi, kuba mayibe isisifo lento. Lasuke letshizalala Iona alayinanza nokuyinanz'oku lonteto. Ligqityelwe sel'ilili relerele lomfo, ekubonakala ukuba uzakuti puncu kanye, atyalusele ukuba mhlope. U Rev. J. MACKENZIE.—Kuvakala ukuba lomfundisi uza kubambela kwapesheya kolwandle ngemicimbi etile, nokuba u Mrs. Mackenzie uzakuke asale kunyana wake u Dr. Mackenzie wase Kimberley. UKUGWINTANA.— Kwelase Dayimane kuvakala ukuba ugwintwano lumandundu ngoku kwelo. Kufu ontsundu kwanomhlope, kuba kaloku kuhlutwana ngezo ntsintsana zizuzwavo nokuba kungenjanina indlela. UQWITELA OLUNAMANDLA.—Ati amapepa ke kwafika uqwitela olutshabalalise into eninzi e Natala. Kwenye indawo kufe ijoni, lati elinye lagilwa lupahla lwendlu, lutulwa kwangumoya. Zaninzi zona izindlu ezitulwe za- wiswa pantsi impahla zazo, Emgungundlovu, (Maritzburg), nase Victoria. Sati isitishi sika Loliwe sacitakala kanye, zati ivaranda zacitwa kanye, kwade kwasala indonga ezi zodwa. Ucingo luhambe lusapulwa, lupotwa, kuuyotulwa nemiti nengcambu zayo. ABATABATI be Sigidimi abasesemva emvuzweni, baya celwa ukuba bagqibelele ukutumela inkozwana zabo zokufikisa ekupeleni komnyaka. Ekubeni beya besongezeleka abatabati be Sigidimi, kungalunga ukuba bayenze isiko indawo yokusitumela kwasekuqaleni sonke eso sihlanu sesheleni, (5s.), sokuhlaulela umnyaka. ENYE INDAWO ESIYAZISAYO YILE,—Zonke incwadi ezisa- ngene kolwa dushe lwe Mvo ne Sigidimi asivumi ukuzifaka, kuba kakade ezinjalo besihleli silukuni ukuzifaka, fan' ukuba sake safaka mbini kupela, nazo, sizishiya indawo ezazinenteto ezisileyo, eziteta ngokubeta, njalo-njalo. Siyanazisa nonke manene namanenekazi ohlanga londawo. Siyavuyiswa kubona ukuba u Mhleli we Mvo ude ekupeleni weza engqondweni ngokubekiselele kwezo ncwadi ebelenze izibuko lazo ipepa lake. Isigidimi kade silinga ukumtyililela umzalwana lowo, sabe nokumbinza ebesimbi- nza ngako kukwange zikali zake. Elo pepa bese litabate indawo ka Madlamba, lifumane lenze nje ngomtu one satutwane, linesifo sokuwa okunjalo. Sokangela kambe UBUGQI BE SIMANGA.—Liti ipepa eliyi European Mail —Kuko ndodana igama lingu George Massey, yase Queen Victoria, eb'isisandla kwi ofisi yo Mhluzi Matyala (Solicitor) kulomzi. Kuti ke ngomnye umhla afunyanwe elele pantsi emgangatweni walo ofisi abalela kuyo, edutylwe entloko. Kwafikwa usaquma useshushu nalompana azidubule ngawo, usalele ecaleni lake- Watwalelwa endlwini yokonga abafayo yakona, kwati kulapo kwafumaneka ukuba unembumbulu ebucotsheni, ayipumelanga. Lite igqira elo lihlala kulondlu, okwalo aliboni temba lakuba lomfana uyakupumelela. Kwenziwa imigudu emikulu kunene yokurola ilahle elo, koko akucendanga nto. KUTE KWAKUBA NTSUKWANA—'Yini betu!' umntu u- bekiselela ekupileni avakala esitsho amagqifa liwa kohlile eyona nto angayenzayo. Kute noko sekunjalo, amagqira akakolwa ukuba angade apumelele umntu enjalo, ehleli nembumbulu ebucotsheni, ate kaloku amnyamekela kunene ekangele ukuba kode kutinina. Alinga onke amacebo anawo okutintela ukuba angafi, aye elinga nokuba akupe kwala mbumbulu, suke yayinkohla. kute iveki zakuba mbini imhlele lento lomfana, kwabonakala ukuba makakutshelwe kwezingapandle izindlu, akutshwe kweziya zabantu abanengozi. Kuvuswe kwapantsi amalinga okuyikupa lembumbulu, koko yancamisa ukunqaba kwayo, wayo umntu equbela pambili ekupileni. Sitetanje usele hamba pandle, ezitetela ezihambela, enencwadi zamagqira zokucaca kwake, kungaseko linavo lokulinga ukuyikupa la mbumbulu.