Title
eng Ukumka Okuhle. (ISIG_1885-11-02_i007)
Found in Newspaper
Article Type
xho Letter
xho Poetry
Author of Article
eng C. M. C.
Language
Locations Mentioned
eng Lovedale Girls School
Date
27 October 1885
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i007
Word Count
eng 629
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p006
Page Spread
eng 6.2-7.1
Start Page of Article
eng 6
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
eng 1
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
UKUMKA OKUHLE. U CECILIA MARY MSIKINYA obube kwa Matole nge Cawa nge 17 ku October, 1885, yenye yentombazana ezilusapo lwase Lovedale, Imbali yake iyahlaba embilini, injalo nje iyakutaza kubazali abanikwe ituba lokuqeqeshela abantwa- ne babo e Nkosini ; kubafundisi nabafundisikazi abatunye- lwe ukuza kunyusa tina luhlanga luntsundu, nokwazisa ngotando lo Msindisi kuluntu lonke, ukubona ukuba amalinga abo apumelele. Sicele unina ngokwase mfundweni, u Mrs. Muirhead, wase Lovedale Girls' School, ukuke asibalisele imbali yake. Ufike wayenjenje ke :— '' U CECILIA MARY MSIKINYA, intombi yomshumayeli we Bandla lase Wesile, wazalelwa e Rini ngomhla wa 23 ku September 1866. Ute wakuba ufudukele ngase Kwezana umzi wakowabo, wake wasingena e Roxeni isikula, efundiswa ngumfi u Sokoyi Busakwe owafunda kwalapa. Waya nase Nxukwebe ixeshana elifutshane. Wagaleleka ngo January 1879 e Lovedale, wawungena ze lonyaka akabataliswa. Mna, mbali wale ncwadi, ndiqubisana naye ngo February 1881, ekute oko ndatana meqe nalendawo yokuba ngati ngumntwana okatazayo nonemfeketo, etandeka pofu ; kwangati koke kube yinxamleko ukumzisa engqeqesnweni yobuntu; kanti noko eb' enjalo, ngemfundo ubenentloko etambileyo, engumfundi onenkutalo; afaneleyo umfundisikazi ukulinga konke anako ukumzisa endaweni. 'Ngo July 1882, ubesel'eqube kangangokude abe yi Pupil Teacher, umfundisi wabanye abafundiswa, umsebenzi lowo ate wabotshwa kuwo ngomteto wakwa Rulumente iminyaka emitatu. Saqalela apo ukuguquka isimilo sake, ukuzuza isizinzo, nokubonisa ukuba namhla icebo lokupila ulifumene—nakuba okwentliziyo yona ib'ingekabi njalo, ufumenene mva nenguquko yayo. ''Ngexesha lokutyelela kuka Rev. Dr. Somerville ngo May 1883, waguqulwa u Silia yintshumayelo yalo Mfundisi, eyayiteta nge ' Hobe le Nqanawa ka Nowa,' elamana lipapa- zela pezu kwamanzi lifuna ukupumla, koko lingenako, 'de langena enqanaweni, lafumana uxolo nokonwaba. Ku Silia ite lencazo yafana kanye nesimo sake; iminyaka emine ubefana nelo hobe, intwanazana engu ' Nxazonke' engena sikundla, eti ilapa ibipaya, wavakala ezibuza, ' Andinge- ngeni na mna e Nqanaweni ndipumle? ' Okunene wajika wangena, guququ santo yimbi isimilo sobomi bake; ekute emveni koko waya esanda elufefeni. Utabate amandla amatsha okuzimkela emsebenzini wake. Kute ngo September 1883, wafumana i Provisional Certificate ku Yiwo lwe Titshala lwakwa Rulumente ; waza ngo March 1885 wapumelela kuluhlu lokuqala kuviwo lwe School Examination ye Cape University. Ubeza kuzamela ukupumelela ngokuncomekayo ngo September walo nyaka kolwe Titshala, kanti koko u Tixo enambeko yimbi ayili- ndisele u Silia. ''Nge holide ka December wonyaka odluleyo waneta yimvula ehambele e Nxukwebe, wangenwa yingqele eye inyuka ngokunyuka; ekute ngo April 1885 yamhlala emi- pungeni, wangenwa sisifo se pepa. Uye engcungcuteka etyafa okunye. Ebutatakeni obunjalo aye enyuka amandla okolo. Site ngomnye umhla sincokola ngesifo sake, wavakala esiti, ' Ndikulungele ukufa,—kum ukupila ngu Kristu, ukufa yinzuzo. Nakuba bendizinikele ekuse- benzeleni amawetu asese budengeni nasebuqabeni, kodwa noko ndingaxola kanye ndite ndafa; kuba ubomi kwi- ntombazana entsundu sisihogo. Xa siselapa esikuleni konke kulungile, kodwa sakupumela ngapandle ude angati u Satana usivulele amasango esihogo, nezitunywa zake, ezingati ziti—Nantsiya intombazana yase Lovedale, ngu mlungukazi, hambani siye kuyincolisa. Kuko lento nditi ndingaxola ete kanye u Tixo wanditabata.' 'Ngomhla we 19 ku May 1885, wemka e Lovedale ukusiwa kuyisekazi u Rev. David Msikinya, apo abubele kona. Abazali bake bebe sebefudukele pesheyakwe Nciba. Nge Cawa yapambi kosuku lokumka kwake, ndamcela ukuke apose amazwi kwezinye intombi zesikula. Ukete ezinye i-Pupil Teacher, wateta nazo ngemfanelo yazo, etyile kwincwadi yo Mshumayeli ix. 10; ukumelwa kwazo kuku- pendula, etyile ku Ezekiel III. 17, 18, 19; nomvuzo, etyile kuma Roma viii. 19; waza ke watandaza. Sonke esi sahluko sokugqibela ubesazi sona ngentloko. Ngemini zokum- fundisa kwam bendingazi ukuba hlelinje, ndimnika ukutya kwemini zake zokugqibela. Ubengaposani ne Bible yake yonke lomhla, esisela ngokukodwa eso sahluko nje ngamanzi. Namhla ndim ongumfundi waso kuye. ' Kute nge Cawa, xa kuti qeke ukusa, nge 17 October, 1885, kanti umntwana olele ediniwe ngepezolo, uvuka namhla ukuba ancamle inzaliseko etamsanqelekileyo yeli lizwi liti, 'Ndiya kwanela ndakuvuka ndifana Nawe.' Ewe | Ajong' ekaya a wam' amanyatela, Ndibutataka, ndidiniw' asingisa kona; Ndibadula nje, ndotinta apuk'ona; Ndikokele Msindisi: ndikubona ndoxola. M. C. M.' Lovedale Girls' School, 29 October, 1885.