Title
eng Ezase Koloni. (ISIG_1885-11-02_i008)
Found in Newspaper
Article Type
xho Editorial
xho Officials
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i008
Word Count
eng 558
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p007
Page Spread
eng 7.1-7.2
Start Page of Article
eng 7
End Page of Article
eng 7
Print Column
eng 1
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
Kanjalo kufike ucingo olunendaba zompanga ka Hon. Jonathan Ayliff, obeyi Colonial Secretary obube pesheya kolwandle. Ezo cingo.—Ati amapepa uhambo Iwe Ruluneli lusapa- zaniile, kuba isalinde ukufika kweyase Natal, kwanokufika kwe nkosi zase Mampondweni ezisinge e Kapa. Pakati kwezinto ezingamatamsanqa alo nyaka, umfu- ndisi nomfundisikazi base Dikeni (Lovedale) u Rev. P. J. no Mrs. Mzimba bazuze inkwenkwe nge 15 October, 1885. U Makaula inkosi tama Baca ib'isezihanqeni.—Ati amapepa kuko umntu ob'ebadiwe kweso sitili sake ke, uhambe ematyaleni ngalonto. UkuDUTYULWA KUKA Mr. LINDROST E DuTYWA.—Ati Amapepa kuhle into embi kunene e Dutywa. Kutiwa u Lindrost lowo udutyulwe kwade kwakatatu wafumana ubunxwelera obubi. Enye imbumbulu ite kata esifubeni ngasekohlo entla kwentliziyo, enye yaqelema ngase kunene. Utywala lidongwane lokupa.—Liti ipepa lase Kapa kweyele intokazi abati ngu Bees emjelweni. Igqityelwe ihleli pezu kodini lwawo. yabonwa yinkwenkwana egama lingu Timothy Segers. Kanti umdunakazi usuke wozela ecope pezu kwelo liwa waposeka pakati emjelweni, wara- xwa ngamanzi wafa kwapela. Ukutshabalala kwe mpahla pesheya kwe Nciba.— Uti omnye obale ekona, imantyi yakwa Centane ifumene ukuba kufe inkomo ezingamawaka angamakulu amabini, (200,000), nangapezulu, kususela ekuqaleni komnyaka. Enye ivenkile itenge izikumba ezingamawaka amabini (2,000) iyodwa, kwaye kunjalo nje inkabi nenqwelo kunqa- bile ukuzifumana. Ziyaqokelelana ke yimigoqo. UBUQILI BAMASELA.—Ati amapepa ke kwabiwa inkabi ezintatu zenkomo ngase Bofolo kutsha nje, kwakungosuku Iwe Sihlanu evekini ukubiwa kwazo. Kwati ufika um-Vulo kwakungaseko nento le, nezikumba sezitengisiwe e Bofolo -ezivenkileni. Nakuba izikumba ezo zifanisiwe kwezo venkile zitengiswe kuzo, abanini kuzixela abaziwa. Ityala selimelene nabo kufunyenwe kubo ezo zikumba. Ukugqoba IZINDLU.— Kuke kwabanjwa amadodana elele ehlatini, afunyanwa ngamapolisa ase Qonce. Afunyanwa esel'ehombe kunene ngempahla ka Messrs. King & Page, eyemka ngobo busuku yagqojwa ngabo ivenkile yabo. Ay'eyitwele kunene impahla leyo ezingubo, kwanento eninzi yedobilityi. Kuko nenye indodana ebanjwe kwa- ngokuranelwa ukuba ibikwako kwelo qela labapangi. Kuko amare okuba u Sir Charles Warren akabizelwanga ndawo yakonakala kwanto emsebenzini wake, uwelele indawo yokuba ewufezile kwakanye lomsebenzi, nokuba apakanyiselwe ewongeni lokuba yi Grand Cross ye Saint Michael ne Saint George. Ati amapepa ufikile pesheya, wafika wati, bekuya kulunga ukuba abantu abantsundu bebeyekwa, bengaman' ukuhlutwa imihlaba yabo. Ukubinza kwe Nkwenkwezi—Ati amapepa kuke kwa binza inkwenkwezi entshotsholozi ngokuhlwa kwe Cawa. malunga no hafu pasi eyiti. lbinze ivela ngase Mpumala- nga yabinzela e Ntshonalanga, yatsho kwasala kuko um- tshiti obulangatye omde yade yaya yatshona. [Kudala ke, umzi wakowetu, ubuyakuvuya yenje njalonje ukubinza kwayo, yabekisa ubukali kwelase nkumandeni. Bekuya kupiselwa kunene kuxelwe komkulu, ku shwanywe ngama- doda njalo-njalo.—Ed. Sigidimi. UKULWA KWABANTSUNDU.—Ati amapepa kuke kwaqubi- sana a Batembu na Mamfengu, kwafa umntu wamnye. Kunduluke amapolisa ase Bika ukuya kuyipelisa lonto. Kuliwe yilempi isemdeni wela Batembu, kufupi ne Tsomo. INGOZI YAKWA LOLIWE —Liti ipepa eliyi P. E. Herald, kufe i Bulu elingu Potgieter, linyatelwe ngu loliwe owaye vela e Bayi, lati ixegokazi unina yaba ngamacebetshu. Lama Bulu aye siya kutengisa inkuni emalikeni yase Rini. Ezo nqwelo zazintatu. Kwaye kute shinyi ukuba mnyama ngobo busuku. Kute kwakubon' ukuba kusagqite mbini inqwelo endleleni ka loliwe, wavakala esenza amakwelo ake. Lite ke eli Bulu lingu Potgieter, kuba liquba le isemva inqwelo, lenza yonke imigudu yokuziquba kanobomi inkabi, ukuba lide ligqite lendlela ka loliwe, waye unina elele etentyini pezulu, kute kusenjalo—' Abevanga ngani,' yati ukugilwa kwalo nqwelo kwa yinto eyaba masikizi, kwashwankatelwa ndawonye nombexeshi, owarwiqilizwa umgama ozi 80 yards, into esel' iyintlama, esilwe yacolwa kwe tu. Lasinda ixegokazi kuba ite ukugilwa kwenqwelo yagilelwa malunga ngapambili, yajikeka kodwa yaya yawa, eliti Iona ixegokazi elo, kwafana nokuba yevela eliweni inqwelo leyo ukuwa kwayo. Enye ke into eyafayo zinkabi ezimbini zalo nqwelo.