Title
eng Ezelipezulu. (ISIG_1885-11-02_i009)
Found in Newspaper
Language
Newspaper Code
eng ISIG_1885-11-02
Identifier
eng ISIG_1885-11-02_i009
Word Count
eng 347
Print Page
eng ISIG_1885-11-02_p007
Page Spread
eng 7.2
Start Page of Article
eng 7
Print Column
eng 2
Coder
eng Siphenkosi Hlangu
INGQAKAQA KWAKONA.—Ati amapepa ingqakaqa iyavuka kwakona e Free State. Isel' iko e Rouxville nase mazantsi e Free State. UKUBETWA NGU MBANE.—Kubetwe inkomo zantatu ngu mbane, ngase Halfway, pakati kwe Kimberley ne Du Toit's Pan. INGQAKAQA KWASE DAYIMANI.—Ati amapepa ingqakaqa iyavela kanjako e Kimberley. Kutiwa sekuko abantu aba 18 abasebehliwe. ABATSHILEYO KUNYE NENDLU.—Kutiwa kutshe nqu indlu yomfo wase Kimberley ogama lingu Thomson, kwatsha umfazi nomntwana wayo bade bafa, kwasala inkwenkwana empuntshe nge festile. UKUZIRWITSHA.—Kutiwa ite indodana etile eb'igwetyiwe ngenxa yokuba ibulukwe kwi venkile yo Messrs. Oliver no Jackson base Kimberley, lati ipolisa lipinda ukuya kukangela, lafika selilengalenga, izixomile. Koko ihla- ngulweyo, kuba kufikwe ingekafi. UKUXINWA KUKA LOBENGULA.—Unyana ka Mzilikazi u Lobengula uza kuhlanganyelwa ngu Khame nempi yase Stelleland ngelinye icala. no Kuruman neyase Transvaal ngelinye. [Konke oku kungenxa yokuba bahlala bene mfazwana ezininzi abantu abantsundu, bengazi ukuba impukane eziluhlaza zingungela kwi nkomo nokuba ngu mntu onendawo yokufa Sine silalo esinaso tina bantu bantsundu, sinetwabe lokucitakala sonke.—ED. Sigidimi.] UKUBETWA KWAMA BULU YEKA NTSASANA.— Kutiwa be- kuko inqwelo zama Bulu zisalalisile ngase Mjikelweni (Race Course) bezivela e Gaqua Town, zizise inkuni. Azivanga ngani, kute ebusuku akubon' ukuba asalele ama Bulu, eva kuko abantu abakoyo, avuka ke, bate banga bayemka oko abo bantu. Kute kwa semva koko kwafika inginginya eninzi kaloku, isiza sel'ibongana, intyontya namakwelo, ivuma, igqakadula, ipete intonga zayo. Ate ama Bulu akuqonda ukuba akulungile, asel'efana ekotama evela ngamehlo, atyapa ukwenjenjalo, kuba ayazeki into ange eyiyo yilompi yakwa Ntsasana. UKUBANGA UBUKOSI.—Ati amapepa, kubonakala ukuba u Kuruman, unyana ka Mzilikazi ongu mgqakwe unebango lokuba yinkosi yama Ndebele, waye enjalo nje efuna umhlaba omkulu aya kulaulela kuwo, ukupata eso sizwe, waye efuna nokuba u Lobengula, umkuluwe wake, oyena uyinkosi akutshwe, ibe nguye oyinkosi. Kutiwa u Kuru- man lowo uku Paul Kruger ngoku e Rustenburg, nokuba u Kruger lowo uhamba naye ukuya kwelozwe, enomkosi ongamakulu omahlanu, (500). Eliq'inga inxenye iti livele kwela Bahlambeli. inxenye iti kwelase Transvaal lama Bulu. Abapembeleli bayo lento banga ingabonakala nje- ngokungati ivela kuma Ngesi. [ltumba ekade liliqengele liza kugqabuka ngoku, kuba komnye umhlati sibe site kuko umkosi ongamawaka amabini (2000) oya kunceda u Khame kwaku Lobengula, lowo kuya kuliwa naye ngu Kuruman nama Bulu.—ED. Sigidimi.]